Ukugwetywa kweenkokeli ezinobutyala
1Wandifunqula uMoya, wandisa esangweni lendlu kaYehova langasempumalanga, elibheke empumalanga; nanko, ekungeneni kwesango, kukho amadoda engamashumi amabini anamahlanu. Ndabona phakathi kwawo uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, abathetheli babantu. 2Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi; 3atshoyo ukuthi, Alikasondeli ixesha lokwakha izindlu; lo mzi yimbiza, thina ke siyinyama. 4Ngako oko profetela kuwo, profeta, nyana womntu.
5Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna. 6Ndibandisile ababuleweyo benu kulo mzi, nazizalisa izitrato zawo ngababuleweyo.
7Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo. 8Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi; 9ndínikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni. 10Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndinguYehova. 11Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli, 12názi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am ànawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.
13Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Ùyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?
Ukuthuthuzelwa kwabathinjwa
14Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 15Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bàthi ngayo abemi baseYerusalem, Bakúde kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.
16Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo. 17Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlangànise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli. 18Baya kufika kuwo, bazisuse kuwo zonke izinto zawo ezinezothe, namasikizi awo onke. 19Ndobanika ntliziyo yimbi, ndibeke umoya omtsha ngaphakathi kwenu; ndiyisuse intliziyo yelitye enyameni yabo, ndibanike intliziyo yenyama; 20ukuze bahambe ngemimiselo yam, bagcine amasiko am bawenze, babe ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo. 21Ke bona abantliziyo ihamba ngokwentliziyo yezinto zabo ezinezothe, nezingamasikizi abo, ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo; utsho uYehova.
Isiphelo sombono
22Iikerubhi• zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu. 23Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka phakathi komzi, bema entabeni engasempumalanga kuwo umzi. 24UMoya wandifunqula, wandisa kwelamaKaledi kubathinjwa, ndisembonweni ngoMoya kaThixo. Wenyuka wemka kum umbono ebendiwubona. 25Ndathetha kubathinjwa onke amazwi kaYehova, abendibonisile.