Umnquba neempahla zawo
1Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo. 2Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo. 3Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu; nento emsi nemfusa nebomwu, 4nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe; 5nezìntsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; 6nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo; 7amatye ebherilo,• namatye okufakwe e-efodini,• nawobengo; 8bandènzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo. 9Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.
10Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite• zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha; 11uyàleke ngegolide ecocekileyo, uyàleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide; 12woyityhidela amakhonkco egolide abe mané, uwafake emilenzeni yayo yominé, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala; 13wenze izibonda ngomngampunzi, uzàleke ngegolide, 14uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo. 15Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingàrholwa kuyo. 16Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.
17Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha. 18Uze wenze iikerubhi• zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha; 19wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wòzenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini. 20Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo.
21Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona. 22Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.
23Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha; 24uyàleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize. 25Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize. 26Woyenzela amakhonkco egolide abe mané, uwafake amakhonkco omané ezimbombeni zoné ezisemilenzeni yayo yominé. 27Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile; 28uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzàleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.
29Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo; 30ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.
31Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wòsikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso; 32amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.
33Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile,• zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso. 34Zoba né iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso; 35ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso. 36Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.
37Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso. 38Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo. 39Nosenza ngetalente• yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke. 40Khangela ke, uzènze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.