IDUTERONOMI 34
Ukufa kukaMoses
1Wenyuka ke uMoses, esuka ezinkqantosini zakwaMowabhi, waya entabeni yeNebho, encotsheni yePisga, ekhangelene neYeriko. UYehova wambonisa lonke ilizwe laseGiliyadi, wasa kwaDan, 2nelakwaNafetali lonke, nelizwe lakwaEfrayim noManase, nelizwe lonke lakwaYuda, wasa elwandle lwasentshonalanga; 3nelasezantsi, nommandla wesihlambo seYeriko, umzi wamasundu, wasa eTsohare. 4Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo.
5Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokomlomo kaYehova. 6Wamngcwabela emfuleni, ezweni lakwaMowabhi, malungana neBhete-pehore. Akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla. 7UMoses ebeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, mini wafa; lingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela. 8Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imihla emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses.
9Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe phezu kwakhe. Bamphulaphula ke oonyana bakaSirayeli, benza njengoko uMoses wamwisela umthetho ngako.
10Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni; 11ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke; 12nangaso sonke isandla esithe nkqi, nangokoyikeka konke okukhulu, awakwenzayo uMoses emehlweni amaSirayeli onke.
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.