UElisha nomShunemekazi
1Ke, uElisha wayethethile kwintokazi leyo, wayephilise unyana wayo, esithi, Suka uhambe, wena nendlu yakho, uphambukele apho ungáphambukela khona; ngokuba uYehova ubize indlala; kananjalo iya kulifikela ilizwe iminyaka esixhenxe. 2Yayisukile ke intokazi leyo, yenza ngokwelizwi lomfo wakwaThixo, yahamba yona nendlu yayo, yaphambukela ezweni lamaFilisti iminyaka esixhenxe. 3Ke kaloku kwathi ekupheleni kweminyaka esixhenxe leyo, yabuya loo ntokazi ezweni lamaFilisti; yaphuma yaya kuzibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani.
4Ke kaloku ukumkani ubethetha noGehazi, umkhonzi womfo wakwaThixo, esithi, Khawundibalisele zonke izinto ezinkulu azenzileyo uElisha. 5Kwathi, esamxelela ukumkani ukuphilisa kwakhe umntu owayeselefile, kwabonakala laa ntokazi, abephilise unyana wayo, izibika ngendlu yayo nentsimi yayo kukumkani. Wathi uGehazi, Nkosi yam, kumkani, yiloo ntokazi ke le, nguloo nyana wayo waphiliswayo nguElisha ke lo. 6Wayibuza ukumkani intokazi leyo; yamxelela. Ukumkani wayinika umbusi othile, wathi, Yibuyisele zonke izinto zayo, nokutya konke kwentsimi yayo, kuthabathela kwimini eyemka ngayo kweli lizwe, kuzise nakweli xesha langoku.
UHazayeli uba ngukumkani wama-Aram
7Weza uElisha eDamasko. UBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram,• waye esifa. Kwathiwa kuye, Umfo wakwaThixo ufikile apha. 8Wathi ukumkani lowo kuHazayeli, Phatha umnikelo ngesandla sakho, uye kumkhawulela umfo wakwaThixo lowo, ubuzise kuYehova ngaye, uthi, Ndiya kuphila na kwesi sifo? 9UHazayeli waya kumkhawulela, waphatha umnikelo ngesandla sakhe, nento yonke elungileyo yaseDamasko, imithwalo yeenkamela ezimashumi mané. Waya, wema phambi kwakhe, wathi, Unyana wakho uBhenhadade, ukumkani wakwa-Aram, undithumele kuwe, esithi, Ndiya kuphila na kwesi sifo ndinaso?
10Wathi uElisha kuye, Hamba uye kuthi, Ungáphila; koko uYehova undibonisile ukuba, inene, uya kufa. 11Wamkhangela, wamthi ntsho, wada waneentloni; walila umfo wakwaThixo. 12Wathi uHazayeli, Ililelani na inkosi yam? Wathi, Kungokuba ndibazi ububi oya kubenza koonyana bakaSirayeli; ùya kuzitshisa ngomlilo iinqaba zabo, uwabulale amadodana abo ngekrele, ubatyumze abantwana babo, ubaqangqulule abafazi babo abamithiyo. 13Wathi uHazayeli, Úyintoni na umkhonzi wakho, eyinja nje, ukuba ade enze loo nto ingako? Wathi uElisha, UYehova undibonisile, ukuba ùya kuba ngukumkani wakwa-Aram wena.
14Wemka kuElisha, waya enkosini yakhe. Yathi kuye, Útheni na uElisha kuwe? Wathi, Uthe kum, Inene, ùya kuphila. 15Kwathi ngengomso wathabatha ingcawa, wayithi nkxu emanzini, wayaneka ebusweni bayo; yafa. UHazayeli waba ngukumkani esikhundleni sayo.
UYehoram noAhaziya ookumkani bakwaYuda
16Ke kaloku ngomnyaka wesihlanu kaYehoram, unyana ka-Ahabhi ukumkani wamaSirayeli (uYehoshafati engukumkani wamaYuda), waba ngukumkani uYehoram, unyana kaYehoshafati ukumkani wamaYuda. 17Ebeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe, waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem. 18Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba intombi ka-Ahabhi yayingumkakhe; wenza okubi emehlweni kaYehova. 19Noko uYehova ebengavumi ukulonakalisa elakwaYuda, ngenxa kaDavide umkhozi wakhe; njengoko wathethayo kuye, wathi wómnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
20Ngemihla yakhe akreqa amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, azenzela ukumkani. 21Wagqitha uYehoram, waya eTsahira, eneenqwelo zonke zokulwa. Wavuka ebusuku, wawaxabela amaEdom awayemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa; basaba abantu, baya ezintenteni zabo. 22Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena kwangelo xesha.
23Ezinye izinto zikaYoram, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 24UYoram walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide, uAhaziya unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
25Ngomnyaka weshumi elinesibini kaYoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wamaSirayeli, waba ngukumkani uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda. 26UAhaziya ebeminyaka imashumi mabini namibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba mnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguAtaliya, intombi kaOmri ukumkani wamaSirayeli. 27Wahamba ngendlela yendlu ka-Ahabhi, wenza okubi emehlweni kaYehova ngokwendlu ka-Ahabhi; ngokuba ebengumyeni wakwa-Ahabhi.
28Wahamba noYoram, unyana ka-Ahabhi, waya kulwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram eRamoti yaseGiliyadi. Ama-Aram amngxwelerha uYoram. 29Wabuya uYoram ukumkani, waya kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumanayo kuma-Aram eRama, ekulweni kwakhe noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wehla uAhaziya, unyana kaYehoram ukumkani wamaYuda, esiya kumbona uYoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebengxwelerhiwe.