Ulawulo luka-Abhiya
1Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham, uAbhiya waba ngukumkani kwaYuda. 2Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMikaya, intombi kaUriyeli waseGibheha.
Kwabakho imfazwe phakathi koAbhiya noYarobheham. 3UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amané amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.
4Wesuka wema uAbhiya entabeni yeTsemarim, ekweleentaba lakwaEfrayim, wathi, Ndiphulaphuleni, wena Yarobheham, nani maSirayeli nonke; 5aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa? 6Wesuka uYarobheham unyana kaNebhati, umkhonzi kaSolomon unyana kaDavide, wagwilika kwinkosi yakhe; 7wabuthela kuye amadoda angenabuntu, angamatshijolo, aziqinisa, amchasa uRehabheham unyana kaSolomon; uRehabheham engumfana ontliziyo ithambileyo, engomelele phambi kwabo.
8Ngoku ke nithi niya komelela phambi kobukumkani bukaYehova, obusesandleni soonyana bakaDavide; niyingxokolo eninzi nje, ninamathole egolide, awanenzelayo uYarobheham ukuba abe ngoothixo. 9Anibagxothanga yini na ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron, nabaLevi; nazenzela ababingeleli njengezizwe zamanye amazwe? bada bonke abo baza kuzimisela ngenkunzi elithole lenkomo, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, benziwa ababingeleli kwabangethixo.
10Ke thina, nguYehova uThixo wethu: asimshiyanga; ababingeleli abalungiselela kuYehova ngoonyana baka-Aron; 11nabaLevi basemsebenzini wabo, beqhumisela kuYehova ngamadini anyukayo imisó ngemisó, ukuhlwa ngokuhlwa, nangesiqhumiso esimnandi; nokucwangcisa izonka etafileni ehlambululekileyo; nesiphatho segolide, nezibane sazo zilunyekwa ukuhlwa ngokuhlwa; ngokuba thina siyasigcina isigxina sikaYehova uThixo wethu; ke nina nimshiyile. 12Niyabona, unathi eyintloko uThixo, nababingeleli bakhe banathi, namaxilongo okuduma, ukuba anivuse. Nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova uThixo wooyihlo; ngokuba aniyi kuba nampumelelo.
13Ke uYarobheham wazungulezisa abalaleli, ukuba baye ngasemva kwawo; baba ngaphambi kwamaYuda bona; abalaleli baba ngasemva kwawo. 14Abheka amaYuda, ayibona impi ingaphambili nangasemva kwawo. Akhala kuYehova, ababingeleli bevuthela amaxilongo; aduma onke amadoda akwa Yuda. 15Kwathi ekudumeni kwamadoda akwaYuda, wesuka uThixo wabetha kuYarobheham namaSirayeli onke phambi koAbhiya namaYuda. 16Basaba oonyana bakaSirayeli ebusweni bamaYuda; uThixo wabanikela esandleni sawo. 17UAbhiya nabantu bakhe bababulala kakhulu; kwawa ababuleweyo kwaSirayeli amakhulu amahlanu amawaka amadoda ahleliweyo.
18Bathotywa ke oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, bakhalipha oonyana bakaYuda; ngokuba bayama ngoYehova uThixo wooyise. 19UAbhiya wamsukela uYarobheham, wathimba kuye le mizi: iBheteli namagxamesi ayo, neYeshana namagxamesi ayo, ne-Efron namagxamesi ayo. 20Akaba saba namandla uYarobheham ngemihla ka-Abhiya. UYehova wambetha wafa.
21Waya esomelela ngokomelela uAbhiya, wazeka abafazi abalishumi elinabané, wazala oonyana abamashumi mabini anababini, neentombi ezilishumi elinantandathu. 22Ezinye izinto zika-Abhiya, neendlela zakhe, namazwi akhe, abhalwe ezincwadini zamabali omprofeti uIdo.