UShishaki, ukumkani waseYiputa, uhlasela uYuda
1Kwathi bakubon' ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, ákomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.
2Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova; 3enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi. 4Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.
5Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki. 6Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Úlilungisa uYehova.
7Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungàthululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki. 8Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.
9Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon. 10Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani. 11Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphéthe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi. 12Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angàmtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.
13Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mané anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. 14Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.
15Izinto zikaRehabheham, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaShemaya umprofeti noIdo imboni, ngokokubhalwa kwemilibo yokuzalwa? Yayiziimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham imihla yonke. 16URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.