1UMGWEBO welizwi likayehova ngakulo ilizwe le‐Haderaki, lowo i‐Damakusi yoba yindawo yokupumla kwawo, oko aya kubeka ngakuyehova amehlo abantu, nawezizwe zonke zo‐Sirayeli. 2Kwa ne‐Hamati ehlangana nomda walo; i‐Tire, ne‐Tsidone, nakuba ilumkile kakulu. 3Nangona i‐Tire izakele inqaba, yafumbelela isilivere njengotuli, negolide njengodaka lwezitarate; 4bona ke, inkosi iya kuyigxota, nobutyebi bayo yobuwisela elwandle, nayo yona iya kudliwa ngumlilo. 5I‐Ashekelone yobona, yoyike: yobona ne‐Gaza, itutumele kakulu; ne‐Hekrone, ngokuba itemba layo lidanisiwe; kanjalo ukumkani wobuba e‐Gaza, ne‐Ashekelone ayiyi kumiwa. 6Owolunye uhlanga uya kuhlala e‐Ashedode, ner̔atshi lama‐Filistiya ndolinqumla. 7Igazi lake ndolisusa emlonyeni wake, nezinto zake ezizondekileyo kwa pakati kwamazinyo ake; waye kwa yena eya kusalela utixo wetu: ewe, woba njengenkosi kwa‐Juda, ne‐Hekrone njengom‐Yebusi. 8Ndandiya kuyipahla indlu yam ngenxa yempi, ngenxa yedlulayo, nangenxa yebuyayo; kwaye kungayi kubuya kudlule pakati kwabo umbandezeli; ngokuba kaloku ndibonile ngamehlo am.
9Gcoba kakulu, ntombi yase‐Ziyone! danduluka, ntombi yase‐Yerusaleme! bona ke, ukumkani wako uyeza kuwe; elungile, enosindiso, elulamile, ekwele eqwaṙasheni, kwa seqwaṙashaneni elilitole leqwaṙashekazi. 10Inqwelo ndiya kuyinqamla kwa‐Frayime, nehashe e‐Yerusaleme; siya kunqanyulwa nesipeta sokulwa; waeya kuteta uxolo kubaheyideni; nobukosi bake boba kwa selwandle kude kube selwandle, nakuwo umlambo kude kube sezincanyeni zomhlaba. 11Kanjako wena, ngegazi locebano lwako, ndibaku̔pile ababanjwa bako emnxunyeni ekungeko amanzi kuwo. 12Buyelani enqatyeni, nina babanjwa abanetemba! ndiyaxela kwa namhla ukuba ndobuyisela kuwe ngokupindiweyo; 13ngokuba ndizigobele u‐Juda, isipeta ndisizalisile ngo‐Frayime, nonyana bako, Ziyone! ndibavusile ngakubo onyana bako, Javane! ndandikwenzile njengesiṙele soligoṙa. 14Waye uyehova eya kubonakala ngenxa yabo, nentolo zake ziya kupuma njengemibane; ewe, inkosi e nguyehova yovutela ngexilongo, ihambe ezaqwitini zasesuyide. 15Uyehova wemikosi wobakusela; baya kudla, banyatele pantsi amatye okusaula; baya kusela, baya kuxokozela, njengabasela iveyine; boba bezele njengendebe, njengamagumbi esibingelo. 16Waeya kuti uyehova, utixo wabo, abasindise ngomhla lowo, njengokuba bengumhlambi wabantu bake; ngokuba beya kuba njengamatye esitsaba, ezipakamisa pezulu pezu kwelizwe lake. 17Ngokuba kukulu kangakananina ukulunga kwake! bukulu kangakananina ubuhle bake! inqolowa yocu̔misa amadodana, neveyine entsha yocu̔misa intombi.