Ingoma ka‐Solomone 7
1Hai ukuba ntle kwenyawo zako ezihlangwini, ntombi edumileyo! Izazinge zamatanga ako zinjengezambalo, umsebenzi wezandla zencibi. 2Inkaba yako injengendebe eyinqukuva, engasweli iveyine epitikeziweyo; isisu sako sinjengomlu wenqolowa, obiyelweyo ngenyibiba. 3Amabele ako omabini anjengamatole mabini engamawele ebadikazi. 4Intamo yako injengenqaba yopondo lwendlovu; amehlo ako anjengamacibi e‐Heshebone, ngasesangweni le‐Bate‐rabime; impumlo yako injengenqaba yase‐Lebanone, ebeka ngase‐Damakusi. 5Intloko yako pezu kwako injenge‐Karamele, nenwele zentloko yako zinjengesibomvumnyama; ukumkani uyabanjwa ngezihlita. 6Hai ukuba mhle nokuba mnandi kwako, sitandwakazi, ngeziyoliso! 7Obu ubude bako buyafana nomti wepalime, namabele ako ayafana nezipa zawo. 8Ndati: Ndiya kukwela kulomti wepalime, ndobamba amasebe awo: makati ke amabele ako abe njengezipa zomti weveyine, nevumba lempumlo yako libe njengeleapele, 9nekuhlangubo lako libe njengeveyine eyolileyo, eti kumtandwa wam ihle ngokumnandi, isenza imilomo yabozeleyo itete.
10Mna ndingowesitandwa sam, kanjalo ingakum inkanuko yaso. 11Hamba, sitandwa sam! masipumele ezindle, silalise emizini. 12Masiye kusasa emiyezweni, sibone ukuba umti weveyine uyaqumba na, ukuba intyatyambo ziyabenqeka na, ukuba igranate ziyahluma na: kona apo ndokunika utando lwam. 13Idudai ziyanika ivumba, nangasezingcangweni zetu kuko zonke iziqa̔mo ezimnandi, ezitsha nezidala, endizibekelele wena, sitandwa sam!
Bible Society of South Africa 1902