1NDITI ngako: Utixo wabalahla na abantu bake?
Kwanga kungebe njalo! Ngokuba nam ndingum‐Sirayeli, kwinzalo ka‐Abrahame, kwisizwe sika‐Benjamine. 2Utixo akabalahla abantu bake obebazi kwa pambili. Anikwazi na oko sikutsho isiba̔lo kuyo imbali ka‐Elija, — okokuba uyakalazela kutixo ngo‐Sirayeli, esiti: 3Yehova! abaprofite bako bababulele, nezibingelo zako bazici̔tile; sendisele mna ndedwa, nobomi bam bayabufuna? 4Noko iti nina kuye impendulo katixo? Ndizisalisele amadoda amawaka asixe̔nxe, lawo angagobanga dolo ku‐Bali. 5Kwa njalo ke nakwelixesha lakaloku nje kuko isisalela ngokwoqasho lwofefe. 6Kodwa ukuba kungofefe, akusengayo imisebenzi; okanye ufefe alubi selulo ufefe: kodwa ukuba kungayo imisebenzi, akuseko ufefe; okanye umsebenzi awusenguwo umsebenzi.
7Yinina pofu? Oko bakufunayo o‐Sirayeli, oku abakuzuzanga; kodwa abaluqashwa bakuzuza; bati abaseleyo baba lukuni, 8(njengokuba kuba̔liwe ukuti: Utixo wabanika umoya wokwozela, amehlo okuba bangaboni, nendlebe zokuba bangeva;) kwada kwayimini yanamhla. 9Naye u‐Davide uti: Isitebe sabo masenziwe umgibe, nesibata, nesixakaniso, nempindezelo kubo: 10amehlo abo makenziwe mnyama, baza bangaboni; nomhlana wabo uwugobe pantsi futi.
11Nditi ngako: Baku̔beka na ukuze bawe?
Kwanga kungebe njalo! koko ngesiposo sabo usindiso luze kubo abaheyideni, ize bavuselwe ubukwele. 12Kodwa ukuba isiposo sabo sibubutyebi belizwe, nokuba ukuncipa kwabo kububutyebi babaheyideni, kwoba njalo kangakananina ngakumbi ukuzaliseka kwabo? 13Ngokuba nditeta kuni bangabaheyideni: ngendawo yokuba ndingumpostile wabaheyideni, ubukonzi bam ndiyabudumisa; 14ukuba kungati ndingabavusela ubukwele abayinyama yam, ndize ndisindise inxenye kubo. 15Ngokuba ukulahlwa kwabo ukuba kukukuxoliswana kwelizwe, kwoba yinto nina ukwamkelwa kwabo, kupela bubomi buvuka ekufeni? 16Kanjalo ukuba isiqalo sentlama singcwele, linjalo nesimba layo; nokuba ingcambo ingcwele, anjalo namasebe.
17Kodwa ukuba inxenye yamasebe yapulwa, nawe, ungumnquma wasendle nje, wamiliselwa pakati kwawo, waza wabelwa kwingcambo nakukutyeba kwomnquma kunye nawo, 18ungaqa̔yiseli amasebe. Kodwa ukuba uyawaqa̔yisela, asi nguwe oxasa ingcambo, yingcambo exasa wena. 19Woti ngako: Amasebe apulwa, ukuze mna ndimiliselwe. 20Kulungile ke: ngenxa yokungakolwa kwawo apulwa wona, nawe umi ngokukolwa kwako. Ungaqanqalazi, uti woyike: 21ngokuba lawo angamasebe ngemvelo ukuba utixo akayekanga wona, lumka hleze kungati angayeki nawe.
22Kangela ke ngoko ububele nobukali bukatixo: ngakubo abo bawayo, bubukali; kodwa ngakuwe, bububele, xeshekweni umana ukuma ebubeleni bake; okanye nawe wonqanyulwa. 23Ewe nabo bona, ukuba bati bangamani ukuma ekungakolweni kwabo, baya kumiliselwa: ngokuba utixo enamandla ukubamilisela kanjako. 24Ngokuba wena ukuba wabunqanyulwa kumnquma ongowasendle ngemvelo, waza wamiliselwa emnqunyeni olungileyo ngokungalungelene nemvelo; kwoba kangakananina ngakumbi abaya kuti aba, abangamasebe ngemvelo, bamiliselwe kowabo umnquma?
25Ngokuba ndingatandi, bazalwana! ukuba nibe ningayazi imfihlakalo le, ukuze ningaziqa̔yiseli ngobulumko; yokokuba ubulukuni buhlele o‐Sirayeli ngenxenye, kude kungene ukuzaliseka kwabaheyideni; 26kuze ngokunjalo bonke o‐Sirayeli basindiswe; njengokuba kuba̔liwe ukuti: Kuya kuvela kwi‐Ziyone lowo ungumkululi, waeya kusonga ukungabedeshi ku‐Yakobi; 27kanjalo, olu lucebano nabo luvela kum, okuya ndizisusayo izono zabo. 28Ngokwevangeli, bazintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokwoqasho, bangabatandwa ngenxa yoyise: 29ngokuba zingenakuguqulwa izipo zikatixo nobizo lwake. 30Ngokuba njengokuba nani benifudula ningeva utixo, kodwa kaloku nje nifumene ububele ngokungeva kwabo aba; 31kwa njalo naba kaloku nje abavanga, ukuze ngobubele obenzelwe nina bona nabo bafumane ububele. 32Ngokuba utixo ebavalele ndawonye kwa bonke kuko ukungeva, ukuze abe nobubele ngakubo bonke.
33Hai ukwendela kwobutyebi nobulumko nokwazi kukatixo! ukungapengululeki kwemigwebo yake, nokungalandeki kwendlela zake! 34Ngokuba ngubanina owazileyo uluvo lukayehova? umhlaumbi ngubanina omnikileyo icebo? 35umhlaumbi ngubanina ompangeleyo ngokupa, kuze kubuye kuvuzwe yena? 36Kuba into zonke zivela kuye, zingaye, zingenxa yake: kwa kuye makubeko ubungcwalisa kude kube ngunapakade. Amene.