1YATI eyesihlanu ingelosi yahlokomisa; ndaza ndabona inkwenkwezi iwile ezulwini ngasemhlabeni: kwaye kunikwa kuyo isilotile sesihogo sesinzulu. 2Yaza yasivula isihogo sesinzulu; kwenyuka umsi esihogweni, njengomsi wesidlangalala esikulu; lenziwa mnyama ilanga nesibakabaka ngomsi wesihogo. 3Nakuwo umsi lowo kwapuma inkumbi zapumela emhlabeni: kwaye kunikwa kuzo amandla njengokuba benamandla onomadudwane bomhlaba. 4Kwaza kwatshiwo kuzo ukuti mazingenzakalisi utyani‐bomhlaba, kwa nanye into eluhlaza, kwa namuye umti; kupela mazenzakalise abobantu bodwa abangenaso izincamatiselo sikatixo pezu kwamabunzi abo. 5Kwaye kunikwa kuzo ukuba zingababulali, koko ukuba bambelwe inyanga zibe ntlanu: nokumbela kwazo bekunjengako ukumbela kwonomadudwane, akuhlaba umntu. 6Nakuyo imihla leyo abantu bofuna ukufa, kanti abayi kukufumana; babeya kunqwenela ukunga bangafa, kanti ukufa kwobaleka kubo. 7Kanjalo izimilo zenkumbi ezo zibe zifana namahashe elungiselwe imfazwe: napezu kwentloko zazo bekunjengokungati zizitsaba zifana negolide; nobuso bazo bebunjengobuso babantu. 8Zazinenwele njengenwele zamankazana; namazinyo azo ebenjengawengonyama. 9Zazinezigcinisifuba njengezigcinisifuba zesincete; nesandi samapiko azo besinjengesandi senqwelo zinamahashe amaninzi ebalekela ekulweni. 10Zazinemisila ifana nonomadudwane; kanjalo bekuko ilwavila emisileni yazo: namandla azo ebengawokuba zenzakalise abantu inyanga zibe ntlanu. 11Zazinayo ibe ngukumkani pezu kwazo ingelosi yesinzulu, egama ngokwama‐Hebere lingu‐Abadone, nangokwama‐Girike inegama elingu‐Apoliyone.
13YATI eyesitandatu ingelosi yahlokomisa; ndaza ndeva ilizwi livela ezimpondweni zone zesibingelo segolide esipambi kwotixo, 14lisiti kuyo eyesitandatu ingelosi ebipete ixilongo: Kulula ezongelosi zone ezibotshiweyo ngasemlanjeni omkulu um‐Ferate. 15Zaza zakululwa ezongelosi zone ezibe zilungiselwe leyo iyure, nomhla, nenyanga, nomnyaka, ukuze zibulale isiqingata sesitatu sabantu. 16Kekaloku inani lemikosi yabakweli bamahashe bebengamakulu mabini amawaka amawaka: ndeva ke inani labo. 17Kwaye kungokunje ndabona amahashe lawo kulomboniso, nabo bahleli pezu kwawo, benezigcinisifuba ezibumliloṙa, nezibuyasinte, nezibusufure: nentloko zamahashe lawo zibe zinjengazo intloko zengonyama; nakuyo imilomo yawo kwapuma umlilo, nomsi, nesufure. 18Ngazo ezizinto zontatu kwabulawa isiqingata sesitatu sabantu, ngomlilo, nangomsi, nangesufure, ezipumayo emilonyeni yawo. 19Ngokuba amandla awo ekuwo umlomo wawo, nakuyo imisila yawo: ngokuba imisila yawo ifana nenyoka, inazo intloko, nangazo zona ayenzakalisa. 20Bati kekaloku abanye abantu, abo babengabulawanga ngezibeto ezi, abaguquka noko kuyo imisebenzi yezandla zabo, ukuze bangazibedeshi idemoni, nezitixo zegolide, nezesilivere, nezexina, nezamatye, nezemiti, ezikohlwa nakukubona, nakukuva, nakukuhamba; 21abaguquka kanjako kuzo izibulalo zabo, nakuzo izitakato zabo, nakuwo umbulo wabo, nakuyo imibado yabo.