Isityilo sika‐Johane 4
1EMVENI kwoku ndabona, kekaloku bona ke, bekuko ucango luvulekile ezulwini, nelizwi lokuqala, elo ndalivayo njengelexilongo liteta nam, lisiti: Nyukela apa, ndandiya kukubonisa izinto ezifanele ukubako emveni kwezi.
2Ndasendisiti kwa oko ndaba kumoya: kekaloku bona ke, iterone ibimi ezulwini, napezu kweterone leyo bekuko omnye ehleli. 3Lowo ke obehleli ukubonakala kwake ebefana nelitye lejasipidi nelerubi: kwaye kuko nomnyama ungqonga iterone leyo, ufana nelitye lesamagide ukubonakala kwawo. 4Kanjalo bekuko zingqonga iterone leyo ezinye iterone zimashumi mabini anane: napezu kweterone ezo ndabona abadala abamashumi mabini anabane behleli, bezambete izivato ezimhlope; baye benazo ezintlokweni zabo izitsaba zegolide. 5Nakuyo iterone leyo kupuma imibane, nendudumo, namazwi: kanjalo bekuko izibane zomlilo zisixe̔nxe zivuta pambi kweterone leyo, ezingabo omoya bosixe̔nxe bakatixo. 6Kwaye kuko kanjako pambi kweterone leyo ulwandle oluyiglasiṙa, lufana nekrisitale: napakati kwayo iterone, nangento eyingqongayo iterone, bekuko izidalwa ezipilileyo ezine zizele ngamehlo ngapambili nangasemva. 7Esokuqala isi dalwa esipilileyo besifana nengonyama; esesibini isidalwa esipilileyo besifana netole lenkomo; esesitatu isidalwa esipilileyo sibe sinobuso baso njengomntu; esesine isidalwa esipilileyo besifana noko̔zi lubaleka. 8Kanjalo izidalwa ezipilileyo zozine, zonke ngazinye, zibe zinamapiko amatandatu ezinye ngezinye ngokungqonga, zizele ngamehlo pakati, zingenakupumla nasemini nasebusuku, zisiti: Ingcwele, ingcwele, ingcwele inkosi e ngutixo engusomandla, ebiko, ekoyo, ezayo.
9Naxeshekweni ezozidalwa ezipilileyo zinikela udumo, nembeko, nombulelo, kulowo uhleli pezu kweterone leyo, kulowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade, 10bati abadala bomashumi mabini anabane bawe pambi kwalowo uhleli pezu kwayo iterone, babedeshe lowo upilileyo kude kube ngunapakade kanapakade, bapose izitsaba zabo pambi kwayo iterone, besiti: 11Ufanele, Nkosi! ukwamkela udumo, nembeko, namandla: ngokuba wena uzidalile izinto zonke ezikoyo ngenxa yentando yako, ezazidalelwe yona kanjalo.
Bible Society of South Africa 1902