1Ndaza ndanikwa ingcongolo ifana nentonga; yati ingelosi leyo yema, isiti: Suka, ulinganise itempile katixo, nesibingelo, nababedeshayo pakati kwayo. 2Kanjalo ibala elingapandle kwayo itempile liyeke, uze ungalinganisi lona; ngokuba linikwe kubo abaheyideni: nesixeko esiyingcwele baya kusinyatela inyanga zibe ngamashumi mane anambini. 3Ndandiya kunika amanqi̔na am omabini, ukuba aprofiteshe imihla ibe liwaka linamakulu mabini anamashumi matandatu, ezambete ingubo ezintlakantlaka. 4Wona la ayiminquma leyo yomibini, nekandelare zombini, ezimiyo ebusweni botixo womhlaba. 5Nokuba kuko ofuna ukuwenzakalisa, umlilo uyapuma emlonyeni wawo, uzigqibele intshaba zawo: nokuba kuko ofuna ukuwenzakalisa, ufanele ukubulawa ngokunjalo. 6Wona la anamandla okuba alivingce izulu, ukuze kungani imvula emihleni yokuprofitesha kwawo: anamandla kanjako pezu kwawo amanzi, okuba awaguqule abe ligazi, nokuba awubete umhlaba ngezibeto zonke, nxa asukuba etanda ukwenje njalo. 7Naxeshekweni afezileyo isinqi̔no sawo, loti ir̔amnco elipumayo esinzulwini lenze imfazwe nawo, liwoyise, liwabulale. 8Nezidumbu zawo ziya kubako esitarateni sesixeko esikulu, esiti ngobumoya sibizwa nge‐Sodome nange‐Jipete, apo kanjalo inkosi yetu yabikuruseshelwa kona. 9Baye ke bona abakubo abantu, nezizwe, nenteto, nentlanga, beya kubona izidumbu zawo imihla mitatu inesiqingata somhla, bangavumeli ukuba izidumbu zawo zibekwe emancw̔abeni. 10Babeya kuti abemiyo pezu kwomhlaba bawavuyele, bagcobe, batumelane amabaso, kuba aba abaprofite ababini bambela abemiyo pezu kwomhlaba. 11Nasemveni kwalomihla mitatu inesiqingata somhla, umoya wobomi uvela kutixo wangena kuwo, asuka ema ngenyawo zawo; kwaza ukwoyika okukulu kwawa pezu kwabo abebewabonela. 12Kanjalo eva ilizwi elikulu livela ezulwini lisiti kuwo: Nyukelani apa. Aza enyukela ezulwini ngelifu; zati intshaba zawo zawabonela. 13Nakuyo leyo iyure kusuke kwabako isingcangcazelo esikulu somhlaba, sati isiqingata seshumi sesixeko eso sawa, kwabulawa ke kwesosingcangcazelo somhlaba amawaka asixe̔nxe abantu: baza abaseleyo baba nokwoyika, banika udumo kuye utixo wezulu.
14Ilishwa lesibini ligqitile: bona ke, ilishwa lesitatu liyeza msinya.
15YATI eyesixe̔nxe ingelosi yahlokomisa; kwaza kwabako amazwi amakulu ezulwini, esiti: Ubukumkani belilizwe buse bubobayo inkosi yetu, nobo‐Kristu wayo; waeya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade kanapakade.
16Baza̔ abadala bomashumi mabini anabane, abahleli ebusweni bukatixo pezu kweterone zabo, bawa ngobuso babo, babedesha utixo, 17besiti: Siyabulela kuwe. Nkosi Tixo Somandla, okoyo, obuko, ozayo! ukuba uwatabatile amandla ako amakulu, wapata ngobukumkani. 18Zite intlanga zaqumba, kufikile ke umsindo wako, nexesha labafileyo, ukuba bagwetywe, nokuba unike umvuzo wazo kwizicaka zako abaprofite, nakubo abangcwele, nakubo abaloyikayo igama lako, kubo abancinane nakubo abakulu, uze ubabubise abo bawububisayo umhlaba.
19Yaza yavulwa itempile katixo ezulwini, yabonakala netyeya yocebano lwake etempileni yake; kusuke kwabako imibane, namazwi, nendudumo, nesingcangcazelo somhlaba, nezico̔to ezikulu.