Amaculo 80
ICULO LXXX.
Iculo lika‐Safa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeshoshanime‐edute.
1NIKA indlebe, Malusi wo‐Sirayeli! wena ukokelayo o‐Josefe njengegusha; wena uhleliyo pakati kwekerubime, kazimla. 2Pambi kwo‐Frayime no‐Benjamine no‐Manase vusa amandla ako, uze kusisindisa. 3Sibuyise, Tixo! ukanyise ubuso bako; kukona siya kusindiswa.
4Yehova, Tixo wemikosi! uya kuqumba kude kube ninina ngakuwo umtandazo wabantu bako? 5Uyabadlisa isonka senyembezi; uyabaseza inyembezi ngobuninzi. 6Uyasenza impikisano kubo abamelwane betu; intshaba zetu ziyahleka pakati kwazo. 7Sibuyise, Tixo wemikosi! ukanyise ubuso bako; kukona siya kusindiswa.
8Wabufudusa umti weveyine e‐Jipete; wagxota abaheyideni, wawutyala: 9walungiselela pambi kwawo, wawendelisa ingcambo zawo, wada wazalisa umhlaba. 10Intaba zagujungelwa ngomtunzi wawo, nesedare zikatixo ngamasebe awo. 11Wanabisa amagatya awo kwada kwaselwandle, namahlumelo awo kwada kwasemlanjeni. 12Kunganina ukuba uzicitile intango zawo, bade bawuke bonke abadlula ngendlela? 13Ingulube yasehlatini iyawubuqa, nesilo sasendle siyawudla.
14Tixo wemikosi! mauke ubuye; kangela pantsi ezulwini, ubone, unonelele lomti weveyine; 15nesityalo esasityalwa sisandla sako sokunene, nesebe wabuzomelezela lona. 16Utshisiwe ngomlilo, ugauliwe: bayatshabalala ngokutetisa kwobuso bako. 17Isandla sako masibe pezu kwendoda yesokunene sako, pezu kwonyana woluntu wabuzomelezela yena. 18Kukona singayi kuhlehla kuwe: sipilise, sasiya kubiza egameni lako. 19Sibuyise, Yehova, Tixo wemikosi! kanyisa ubuso bako; kukona siya kusindiswa.
Bible Society of South Africa 1902