Amaculo 60
ICULO LX.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeshu?-?shane‐edute, imikitame ka‐Davide yokufundisa: okuya waesilwa nama‐Siriya ase‐Mesopotami nama‐Siriya ase‐Tsoba: nxa wabuya u‐Jowabi, wabulala ama‐Edome emhlanjeni we‐Tyuwa amawaka alishumi elinamabini.
1TIXO! usilahlile, usicitile, ubuqumbile; zubuye ubuyele kuti. 2Uwungcangcazelisile umhlaba; uwucandile: pilisa intanda zawo, uzamazama nje. 3Ubonisile abantu bako into ezilukuni; usisezile iveyine yesizunguzane. 4Ubanikile abo bakwoyikayo ibanile, ukuze ipakanyiswe ngenxa yenyaniso. Sela.
5Ukuze abatandwa bako bakululwe, sindisa ngesokunene sako, undipendule. 6Utixo utetile ebungcweleni bake; ndiya kugcoba: ndiya kwaba i‐Shekeme, ndilinganise umhlambo we‐Sukote: 7u‐Gileyadi ungowam; u‐Manase ukwa ngowam; u‐Frayime naye ungamandla entloko yam; u‐Juda ungumnikamteto wam: 8i‐Mowabi isisitya sam sokuhlambela; pezu kwe‐Edome ndoposa isihlangu sam; danduluka ngovuyo ngenxa yam, Filistiya!
9Ngubanina oya kundikokela esixekweni esiyinqaba? ngubanina oya kundikapela e‐Edome? 10Asi nguwe na, Tixo! owabusilahlile? akuyi kupuma na, Tixo! nemikosi yetu? 11Sinike uncedo ekubandezelweni; ngokuba usizo lwabantu lungendawo. 12Ngaye utixo siya kwenza ngobuṙoti; ngokuba enguye oya kunyatela pantsi ababandezeli betu.
Bible Society of South Africa 1902