Amaculo 25
ICULO XXV.
Elika‐Davide.
1YEHOVA! ndiyawupakamisela kuwe umpefumlo wam. 2Tixo wam! ndiyatembela kuwe, mandingadaniswa: intshaba zam mazingandivuyeleli. 3Kanjalo makungabiko odaniswayo kwabakangela kuwe: makudaniswe abo benzayo ngobuxoki kungeko tuba. 4Yehova! ndazise indlela zako, ndifundise imikwa yako. 5Ndikokele enyanisweni yako, undifundise: ngokuba wena ungutixo wosindiswa lwam; ndikangela kuwe imini yonke.
6Kumbula, Yehova! inceba zako, nezibele zako, ngokuba kungunapakade zikoyo. 7Izono zobutsha bam, nezigqito zam, ungazikumbuli: njengokwofefe lwako ndikumbulele wena, ngenxa yobubele bako, Yehova!
8Ulungile uyehova, unokulungisa; ngako oko uya kubonisa aboni ngendlela. 9Uya kukokela abalulamileyo esikweni; uya kufundisa abalulamileyo indlela yake. 10Zonke indlela zikayehova zibububele, ziyinyaniso, kwabo babambayo ucebano lwake nezinqi̔nelo zake. 11Ngenxa yegama lako, Yehova! xolela inkohlakalo yam, ngokuba inkulu yona.
12Lowamntu umoyikayo uyehova nguwupina? uya kumbonisa ngendlela aya kuyiqasha. 13Umpefumlo wake uya kuhlala ekulungeni; umhlaba woba lilifa lenzalo yake. 14Ubuncoko bukayehova bunabo bamoyikayo; nocebano lwake lona luyabazisa.
15Amehlo am amele uyehova futi; ngokuba eya kuku̔pa inyawo zam elutanjeni. 16Beka kum, ube nofefe kum; ngokuba ndiligantuntu nolusizi mna. 17Imbandezelwa zentliziyo yam zandisiwe; ndiku̔pe ebunzimeni bam. 18Bona usizi lwam, nokwapuka kwam, uxolele zonke izono zam. 19Kangela intshaba zam, ngokuba zininzi; ziyanditiya ngokutiya kwobudlwengu. 20Gcina umpefumlo wam, undihlangule; mandingadaniswa, ngokuba nditemba wena. 21Mandilondolozwe kukunyanisa nokulungisa; ngokuba ndikangela kuwe. 22Kulula u‐Sirayeli, Tixo! kuzo zonke imbandezelwa zake.
Bible Society of South Africa 1902