Amaculo 22
ICULO XXII.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza nge‐Ayelete‐shahare.
1TIXO wam, Tixo wam! undishiyile nganina? ukude nganina ekusizweni kwam, nasemazwini okukala kwam? 2Tixo wam! ndiyabiza emini, kanti akupenduli; nasebusuku, kanti akuko ukuti cwaka kum. 3Kodwa wena uyingcwele, uhleli ezindunyisweni zo‐Sirayeli. 4Obawo betu batembela kuwe; batemba, wabakulula ke. 5Balilela kuwe, basindiswa ke; batembela kuwe, abadaniswa ke. 6Kuloko mna ndingumsundu, andinguye umntu; ndiyinto yokugxekwa eluntwini, neyokudelwa ngabantu. 7Bonke abandibonayo bayandihleka; bawakamisa umlomo, bahlunguzela intloko, besiti: 8Wayama uyehova, makamsindise; makamkulule, ngokuba ekoliswa nguye. 9Kodwa wena ungobendiku̔pa esiswini; wanditembisa ndisemabeleni kama̔. 10Bendilahlelwe kuwe kwa sesizalweni; ungutixo wam kwa sesiswini sikama̔.
11Zungabi kude nam, ngokuba ubunzima bukufupi, kungeko noncedayo. 12Inkunzi ezininzi zindingqongile; inkunzi ezinamandla zase‐Bashane zindiṙaulile. 13Zandakamela ngemilomo yazo, njengengonyama eqwengayo nekonyayo. 14Ndipalaziwe njengamanzi; amatambo am onke aṙunekile: intliziyo yam injengomtwebeba; inyibilikile pakati kwamatumbu am. 15Ukwomelela kwam kwomile njengecepe lompanda; ulwimi lwam lunamatele ekuhlangutyeni lam; undibekile elutulini lwokufa. 16Ngokuba izinja zindingqongile; intlanganiso yabenzi bokungalungileyo indipahlile; bahlaba izandla zam nenyawo zam. 17Ndingabala onke amatambo am: bona bayakangela, bayandibonela. 18Bayabelana izivato zam; napezu kwengubo yam bayenza amaqashiso. 19Kodwa wena, Yehova! zungabi kude nam: Mandla am! kauleza ukuza kundisiza. 20Hlangula eṙeleni umpefumlo wam, nasemandleni enja udwa lwam. 21Ndisindise emlonyeni wengonyama: undivile wandisindisa ezimpondweni zenyati.
22Ndoshumayela igama lako kubazalwana bam; pakati kwentlanganiso ndokubonga. 23Nina nimoyika uyehova, mbongeni; nonke nina nzalo ka‐Yakobi, mdumiseni; nimhlonele, nonke nina nzalo ka‐Sirayeli. 24Ngokuba ubuhlwempu behlwempu engabudelanga, engabuzondanga kanjalo; akalifihlelanga nobuso bake; wati, lakulilela kuye, waliva. 25Kwoba ngawe ukubonga kwam entlanganisweni enkulu; izibambiso zam ndozifeza ebusweni babamoyikayo. 26Abalulamileyo botya bahlutiswe; baya kubonga uyehova abo bamfunayo: intliziyo yenu iya kupila kude kube ngunapakade. 27Zonke izipelo zomhlaba zokumbula zibuyele kuyehova: zonke izizalwane zezizwe zobedesha ebusweni bako. 28Ngokuba ubukumkani bo bukayehova: nguye umpatibukosi pakati kwezizwe. 29Zonke izityebi zomhlaba zotya zibedeshe; bonke abahlela elutulini bogoba pambi kwake; nalowo ongenakupilisa umpefumlo wake. 30Kwobako inzalo emkonzayo: kwobaliswa ngenkosi esizukulwaneni. 31Baya kuza, bashumayele ubulungisa bake ebantwini abaya kuzalwa, ukuba wenzile oku.
Bible Society of South Africa 1902