Amaculo 19
ICULO XIX.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1AMAZULU ayashumayela ubungcwalisa bukatixo; isibakabaka siyaxela umsebenzi wezandla zake. 2Imini iyampompoza ukuteta kwimini; ubusuku buyatyela ukwazi kubusuku. 3Akuko nteto, akuko mazwi; lelingenakuvakala ilizwi lawo. 4Intlokoma yawo ipumele kuwo wonke umhlaba, neziteto zawo kwa sekupeleni kwelizwe. Kuwo wona umisele ilanga intente; 5elinjengomyeni epuma esililini sake; elivuya njengeṙoti ukukaulezela indlela. 6Ukupuma kwalo livela ekupeleni kwezulu; ukuzekelela kwalo kungasezincameni zalo: akuko nto ifihlakeleyo ekubaleleni kwalo.
7Umteto kayehova ufezekile, ubuyisa umpefumlo; isinqi̔no sikayehova sinyanisekile, silumkisa isidenge; 8ingxelo zikayehova zifanelekile, zivuyisa intliziyo; umyalelo kayehova ungcwele, ukanyisela amehlo; 9ulwoyiko lukayehova lumhlope, lumi ngonapakade; izigwebo zikayehova ziyinyaniso, zilungile kunye. 10Zinokunqweneleka pezu kwegolide, ewe, pezu kwobuninzi begolide ecokisiweyo; zinokuyola pezu kwobusi nencindi yobusi. 11Kanjalo isicaka sako siyaliwe ngazo; ekuzigcineni kuko umvuzo omkulu.
12Iziposo ngubanina ongaziqondayo? ndihlambulule kwezifihlakeleyo: 13nqanda isicaka sako nakwezer̔atshi; mazingabi nabukosi pezu kwam: kukona ndiya kuba ndifezekile, ndoba msulwa esigqitweni esikulu. 14Iziteto zomlomo wam, nezicamango zentliziyo yam, mazitandeke ebusweni bako, Yehova, Liwa lam nomkululi wam!
Bible Society of South Africa 1902