ICULO XVIII.
Liba̔lelwe umhlabeli omkulu, iculo lesicaka sika‐Yehova, lika‐Davide, owawateta ku‐Yehova amazwi eliculo ngomhla u‐Yehova wamsindisayo esandleni sazo zonke intshaba zake, nasesandleni sika‐Saule: wayesiti:
1NDOKUTANDA, Yehova, Mandla am! 2Uyehova uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam; utixo wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, nenyango yam. 3Ndobiza kuyehova, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.
4Intambo zokufa zandiṙaula, nemisinga yobunginingini yandoyikisa; 5intambo zehadesi zandingqonga; imigibe yokufa yandipangela. 6Ebunzimeni bam ndabiza kuyehova, ndakala kutixo wam: weva ilizwi lam esetempileni yake; nokukala kwam ebusweni bake kweza ezindlebeni zake. 7Wandula umhlaba wazamazama, wangcangcazela; namasekwa entaba ashukuma, azamazama, ngokuba ebequmbile. 8Kwenyuka umsi empumlweni yake; nomlilo uvela emlonyeni wake wadla; amalahle avuta ngawo. 9Wagoba izulu, wehla: sasitokotoko pantsi kwenyawo zake. 10Wakwela pezu kwekerubime, wapapazela; wabaleka pezu kwamapiko omoya. 11Ubumnyama wabenza imfihlelo yake; intente yake yampahla, amanzi amnyama, amafu abungqingqwa ezulu. 12Ngenkazimlo epambi kwake kwadlula amafu ake, izico̔to, namalahle omlilo. 13Uyehova wadudumisa ezulwini; opezu kwonke wanika ilizwi lake, izico̔to, namalahle omlilo. 14Watuma intolo zake, wabaci̔ta; wongezelela ngemibane, wabapitizelisa. 15Kwandula kwabonakala amazantsi amanzi, atyileka namasekwa omhlaba, ngokutetisa kwako, Yehova! ngokuquta kwomoya wempumlo yako. 16Wasusa pezulu, wanditabata; wandir̔ola emanzini amaninzi; 17wandisindisa elutshabeni lwam olunamandla; nakwabo banditiyayo; ngokuba bebendidlula ngamandla. 18Bandipangela ngomhla wengozi yam; kodwa uyehova ebesisixaso kum. 19Wandipumisela endaweni ebanzi, wandikulula, ngokuba ebekoliswa ndim.
20Uyehova wandivuza njengokwobulungisa bam; njengokwobumhlope bezandla zam wandibuyekezela. 21Ngokuba ndizibambile indlela zikayehova, ndandingemkanga ngenkohlakalo kutixo wam. 22Ngokuba zonke izigwebo zake zibe zipambi kwam; nemimiso yake andiyipambukisanga kum. 23Bendilungisekile pambi kwake, ndandizibamba enkohlakalweni yam: 24ngako uyehova undibuyekezele njengokwobulungisa bam, njengokwobumhlope bezandla zam pambi kwamehlo ake. 25Konobubele uyazibonakalisa unobubele; kumntu olungisekile uyazibonakalisa ulungisekile; 26komsulwa uyazibonakalisa umsulwa; nakogwenxa uyazibonakalisa ugwenxa. 27Ngokuba abantu ababandezelweyo ubasindisa wena; kodwa amehlo eratshi uyawatobisa.
28Ngokuba wena ubaneka isibane sam: uyehova, utixo wam, uyakanyisa ubumnyama bam. 29Ngokuba ngawe ndiliwele ibandla; kwa ngaye utixo wam ndigqitile eludongeni. 30Utixo indlela yake ifezekile ukulunga; ilizwi likayehova licocekile: ulikaka yena kubo bonke abatembela kuye. 31Ngokuba ngubanina o ngutixo ngapandle kwoyehova? ngubanina olilityekazi ngapandle kwotixo wetu? 32Ngutixo ondibinqayo ngamandla; owenza nendlela yam ilungiseke. 33Uyenza inyawo zam zibe njengezamaxamakazi; uyandimisa ezinyangweni zam. 34Uyafundisa izandla zam ukulwa, side sityedwe isipeta sexina ngengalo zam. 35Undipile ikaka losindiso lwako; isandla sako sokunene sindisekele; ukululama kwako kundenze mkulu. 36Wabusenza banzi ukunyatela kwam pantsi kwam; ati amaqata am akahexa. 37Ndaputuma intshaba zam, ndazifumana; andabuya ndada ndazigqibela. 38Ndazityumza, zaza zakohlwa kuvuka; zawa pantsi kwenyawo zam. 39Ngokuba ubundibinqela ukulwa ngamandla; ubatobisile pantsi kwam abo babesukela ngakum: 40wandinika umhlana wentshaba zam; ndize nditshabalalise abo banditiyayo. 41Bakala, kodwa bekungeko osindisayo; kwa kuyehova, kodwa akabapendula. 42Ndaza ndabaguba njengotuli ngapambi kwomoya; ndabalahla njengenkunkuma yezitarate. 43Undikulule emapikeni abantu; undimisele ndibe yintloko yezizwe; abantu endingabazanga bayandikonza. 44Ngokuva kwendlebe bayapulapula kum; abasemzini bayazenzisa kum. 45Abasemzini bayasinya; bayankwantya bepuma ezinqatyeni zabo.
46Uyehova uhleli; malibongwe ilityekazi lam; makadunyiswe utixo wosindiswa lwam. 47Ngutixo ondenzela impindezelo, oweyisa izizwe pantsi kwam, 48ondisindisa ezintshabeni zam: ewe, wena undipakamisele ngapezulu kwabo basukela ngakum; undikulule emntwini wobudlwengu. 49Ngako oko ndobulela kuwe, Yehova! pakati kwabaheyideni, ndicule egameni lako: 50owandisa intsindiswa zokumkani wake; owenza ububele kumtanjiswa wake, ku‐Davide, nakuyo inzalo yake kude kube ngunapakade.