ICULO CIV.
1MBONGE uyehova, mpefumlo wam! Yehova, Tixo wam! umkulu kakulu; uvatisiwe ngodumo nangobukulu. 2Owambata ukukanya njengengubo; owolula izulu njengesikuselo; 3obeka intsika zenkambili zake emanzini; owenza amafu abe yinqwelo yake; ohambayo pezu kwamapiko omoya; 4owenza ingelosi zake zibe ngumoya; abakonzi bake babe ngumlilo odangazelayo. 5Wamisa umhlaba pezu kwemisekelo yawo, uze ungashukunyiswa kude kube ngunapakade.
6Ubuwugubungela ngenzulu njengesivato: amanzi ema pezu kwentaba. 7Ngokutetisa kwako abaleka; ngelizwi lokududuma kwako emka ngobunxamo. 8Ayenyuka ngentaba, ehla ngemihlambo, ngasendaweni uwamisele yona. 9Wabeka umda ukuba angagqiti; ukuba angabi sabuya agubungele umhlaba. 10Uyatuma imitombo ezintilini; iyahamba pakati kwentaba. 11Iyaseza zonke izilo zasendle; amaqwaṙa ayadambisa ukunxanwa kwawo. 12Intaka zezulu zihlala ngakuyo; ziku̔pa ilizwi pakati kwamasebe. 13Uyazinyela intaba kwa sezinkambilini zake: umhlaba uyahlutiswa ngesiqa̔mo semisebenzi yako. 14Uyahlumisela inkomo inca, nomfuno wokunceda abantu; aze avelise ukudla emhlabeni; 15neveyine evuyisa intliziyo yomntu, ukukazimlisa ubuso bake ngapezu kweoli; nesonka esixasa intliziyo yomntu. 16Imiti kayehova ihluti; isedare zase‐Lebanone owazityalayo; 17apo intaka zakela kona izindlu: iṙaside indlu yayo yimiti yeberoshe. 18Intaba ezinde zezamagogo; amawa yindawo yokupepela yembila.
19Wenza inyanga ibe yeyamaxesha amiselweyo; ilanga liyakwazi ukutshona kwalo. 20Uyenza wena ubumnyama, buba busuku ke: ayapuma ngabo onke amaṙamncwa ehlati. 21Ingonyama ezintsha ziyakonyela into yokuqwenga, zifuna kutixo ukudla kwazo. 22Ilanga liyapuma, zihlanganisane, zilale pantsi eminxunyeni yazo. 23Uti umntu apumele emsebenzini wake, nasenkonzweni yake, kude kuhlwe.
24Hai ukuba mininzi ke kwemisebenzi yako, Yehova! yonke uyenzile ngobulumko: umhlaba uzele yimfuyo yako. 25Ulwandle olu lukulu lubanzi, apo zikona izinto ezishukumayo ezingenakubalwa, izilo ezincinane ndawonye nezikulu: 26kulapo zihamba kona inqanawa; naleyoleviyatane uyidalileyo ukuba idlale kulo. 27Zonke ezi ziyakangela kuwe, ukuze uzamkelise ukudla kwazo ngexesha lako. 28Uyazipa, zibute ke; uyavula isandla sako, zihlutiswe kokulungileyo. 29Uyafihla ubuso bako, zituswe ke; uyasusa umpefumlo wazo, ziqauke, zibuyele elutulini lwazo. 30Uyatuma umoya wako, zidalwe ke; uti ubuso bomhlaba ubuhlaziye.
31Ubungcwalisa bukayehova bobako kude kube ngunapakade; uyehova wovuya ngemisebenzi yake. 32Uyakangela umhlaba, ungcangcazele ke; uyacukumisa intaba, ziqu̔me umsi ke.
33Ndovuma kuyehova ngexa ndisadla ubomi; ndocula kutixo wam ngexa ndiseko. 34Ukumcinga kwam kwoba mnandi: ndovuya ngaye uyehova.
35Aboni bogqityelwa emhlabeni, bati abakohlakeleyo bangabi sabiko. Mbonge uyehova, mpefumlo wam! — Dumisani uyehova!