Amaculo 10
ICULO X.
1KUNGANINA, Yehova! ukuba ume kude? kunganina ukuba uzimele ngamaxesha obunzima? 2Okohlakeleyo nger̔atshi uyatshutshisa ihlwempu. Mababanjwe kwa ngamaqinga abawaqingileyo. 3Ngokuba okohlakeleyo eqa̔yisa ngenkanuko yompefumlo wake; ubonga obawela inzuzo, edela uyehova. 4Okohlakeleyo, ngokuqanqalaza kwake, akayi kufuna u‐Tixo; onke amaqinga ake ati akuko tixo. 5Indlela zake ziqinile ngamaxesha onke; imigwebo yako ipezulu kude kuye; intshaba zake zonke uyazicekisa. 6Ute entliziyweni yake: Andiyi kushukunyiswa kwa napakade; ngokuba ndingeselishweni. 7Umlomo wake uzele kukutuka, nayinkohliso, nabubuqinga: pantsi kwolwimi lwake kuko ububi nenkohlakalo. 8Uhleli ezindaweni zokulalela zemizi; ezindaweni zangasese uyabulala ongenatyala; amehlo ake ayazifihlela olusizi. 9Uyalalela ngasese, njengengonyama eludadeni; uyalalela ukubamba ihlwempu; uyabamba ihlwempu akulir̔olela elutanjeni lwake. 10Uyazigoba, uyancatama, ukuba abalusizi bawe ngento zake zamandla. 11Ute entliziyweni yake: Utixo ulibele; ubufihlile ubuso bake; akasayi kuza abone.
12Vuka, Yehova! Tixo, pakamisa isandla sako! ungalibali ababandezelweyo. 13Yinina ukuba okohlakeleyo adele utixo? Ute entliziyweni yake: Akuyi kubuza. 14Ubonile noko; ngokuba wena ugqala ubunzima nenkatazo, ukuze upindezele ngesandla sako; olusizi uyazilahlela kuwe; ungumncedi wenkedama wena. 15Yapula ingalo yokohlakeleyo nongalungileyo: buza inkohlakalo yake ude ungabi sayifumana.
16Uyehova ungukumkani kude kube ngunapakade: abaheyideni batshabalele elizweni lake. 17Inkanuko yabalulamileyo uyivile, Yehova! uya kulungisa intliziyo yabo; uya kubeka indlebe yako; 18ukuba ugwebele inkedama noncinezelweyo, aze umntu wasemhlabeni angabi sabatusa.
Bible Society of South Africa 1902