Imizekeliso 7
1Nyana wam! geina iziteto zam, uyibekele kuwe nemiyalelo yam. 2Gcina imiyalelo yam, upile: nomteto wam uwugcine njengokozo lweliso lako. 3Yibope eminweni yako; yiba̔le ecwecweni lentliziyo yako. 4Yiti kubulumko: Ungudade wam; nengqondo uyibize ngokuti ngumhlobo: 5ukuze ugcinwe kuye umfazi wasemzini, kulowo ungaziwayo, ozenza butelezi iziteto zake.
6Ngokuba ngesituba sendlu yam, ngefenstile yam, ndakangela: 7ndaza ndabona pakati kwezidenge, ndaqiqa pakati kwamadodana, umfana oswele ingqondo, 8edlula esitarateni kufupi negumbi lake; wahamba ngendlela yendlu yake; 9ngoncwalazi, ngokuhlwa kwemini, pakati kwobusuku nobumnyama: 10kekaloku nankuya esiza kumhlangabeza umfazi enesivato sengnawokazi, enobuqokolo bentliziyo: 11(yena unengxolo, unenkani; inyawo zake azihlali endlwini yake; 12uyawapandle, uyawasezitarateni, elalela ngasemagumbini onke:) 13wada wambamba, wamanga; wabomeleza ubuso bake, wati kuye: 14Imibingelelo yoxolo ikum; namhla nje ndifezile izibambiso zam. 15Kungoko endipumileyo ukuza kukuhlangabeza, ukufuna kakulu ubuso bako, ukuba ndikufumane. 16Sendigubungele ikoye yam ngezigubungelo, ngezinto zamabala ngamabala zeqiya ecikilizekileyo yase‐Jipete. 17Ndifefile umandlalo wam ngemore, nangeyahali, nangekinamone. 18Yiza ke, sidikwe lutando kude kuse; masiziyolise elutandweni olukulu. 19Ngokuba indoda ingeko endlwini yayo, ihambele kude. 20Inxowa yemali iyitabatile esandleni sayo; ngomhla wokuhlangana kwenyanga yobuya ize endlwini yayo. 21Wada wampambukisa ngobuninzi bokucenga kwake; ngobutelezi bokuteta kwake wamkukulisa. 22Uhla amlandele, njengayo inkabi isiya ekuxe̔lweni, nanjengalo ihilihili lisiya ekwohlwayeni kwamakamandela; 23(lude utolo lucande isibindi sake:) njengayo intaka inxamela esigwini, ingazi ukuba singenxa yobomi bayo.
24Ngako kaloku ndiveni, bonyanandini! nipulapule ezitetweni zomlomo wam. 25Intliziyo yako maingatyekeli ezindleleni zake; ungadungudeli emizileni yake. 26Ngokuba zininzi inxweleṙa aziwisile; kanjalo bangabanamandla bonke ababulewe nguye. 27Indlu yake yindlela yehadesi, ihlela ezinkambilini zokufa.
Bible Society of South Africa 1902