1OKO kuseleyo, bazalwana bam! vuyani enkosini. Ukuziba̔la izinto ezikwa zizo kuni, okunene kum akuyindiniso, kodwa kuni kuyingciniso.
2Lumkani abazinja, lumkani abasebenzi abakohlakeleyo, lumkani abalunqumlo. 3Ngokuba tina singabalwaluko, esiti sikonze utixo ngomoya, sivuyelele ku‐Kristu Yesu, singatembeli enyameni; 4nangona bendingaba nesitembelo kanti nasenyameni. Ukuba kuko omnye umntu oba unako ukutembela enyameni, ndigqitisile mna; 5ndingowalukileyo ngomhla wesibozo, ndingowaseluhlangeni luka‐Sirayeli, ndingowesizwe sika‐Benjamine, um‐Hebere kuma‐Hebere; ngokwomteto ndingum‐Farisi; 6ngokwozondelelo nditshutshisa iṙemente; ngokwobulungisa obusemtetweni ndihleli ndingenatyala. 7Kuloko ezonto ezibe ziyinzuzo kum, zona ezi ndizibalile ngenxa ka‐Kristu ukuba zisisilahleko. 8Hai gxebe okunene nditi kanjalo ndizibala zonke ukuba zisisilahleko ngenxa yendluliselo yokwaziwa kuka‐Kristu Yesu inkosi yam; endalahlekelwa zizinto zonke ngenxa yake, nendizibala ukuba ziyinkunkuma, ukuze ndizuze u‐Kristu, 9ndifunyanwe kwa kuye, ndingenabo obam ubulungisa obuvela emtetweni, koko ndinabo bona obungalo ukolo luka‐Kristu, kwa ubulungisa obuvela kutixo ngokolo olo; 10ukuze ndimazi yena, namandla ovuko lwake, nobudlelana bentlungu zake, ndifanekiselwa ekufeni kwake nje, 11ukuba kungati ndingafikelela eluvukweni lwabafileyo.
12Kungekukuba ndise ndifumene, umhlaumbi ndise ndifezekisiwe; kodwa ndisaputuma, ukuba ndingati kanjalo ndikubambe oko endandibanjelwa kona kanjalo ngu‐Kristu Yesu. 13Bazalwana! andizibaleli mna ukuba sendibambile: lento kodwa ndiyayenza, izinto ezisemva ndizilibala nje, nezinto ezipambili ndisolulela kuzo, 14ndiyaputuma ke ngakuwo umlinganiso ndiputumela umvuzo wobizo lwapezulu lukatixo ku‐Kristu Yesu. 15Masiti ngoko sonke tina esingabafezekileyo sibe nokukumbula okunjalo: nokuba niyakumbula ngento ngokukumbi, kwa yona le utixo woyityila kuni. 16Kodwa noko, apo sifikele kona, masihambe ngommiso okwa nguwo, masikumbule into ekwa yiyo.
17Yibani ngabalandeli bam kwa kunye, bazalwana! nigqale abo abenje njalo ukuhamba njengokuba ninati singumzekelo. ( 18Ngokuba abaninzi behamba, endibe ndisitsho futi kuni ngabo, nenditshoyo kaloku ndilila nje, ukuti bazintshaba zekuruse ka‐Kristu: 19abakupela kuyintshabalalo, aba tixo usisisu sabo, nababungcwalisa busehlazweni labo, abanyamekela izinto zasemhlabeni.) 20Ngokuba obetu ubuzwe busezulwini; apo kanjalo silinda ukuvela kwomsindisi kona, inkosi u‐Yesu Kristu: 21oya kwenza ngakumbi isimilo somzimba wobupantsi betu, ukuba wenziwe wona ufane nomzimba wobungcwalisa bake, ngokwokusebenza anamandla ngako nokuzibeka pantsi kwake zonke izinto.