Imibalo 17
1Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, uze wamkele kulo intonga ibe nye njengezindlu zoyise ezinye ngezinye, kwa kuzo zonke inkosi zalo ngendlu zoyise zazo, intonga ezilishumi linambini: ezinye ngezinye igama lazo uya kuliba̔la pezu kwentonga zazo. 3Negama lika‐Arone uya kuba̔la lona pezu kwentonga ka‐Levi: ngokuba intonga nye iya kuba koyintloko yezindlu zoyise zalo. 4Wauya kuzibekela ententeni yentlangano pambi kwesinqi̔no, apo ndiya kuhlangana nawe kona. 5Kwoti ke, Iondoda ndiyinyulileyo intonga yayo iya kuntsula; ndandiya kudambisa kum ukuṙoṙa kwalo usapo luka‐Sirayeli, olwaṙoṙa ngako ngakuni.
6Waza u‐Mosesi wateta elusatsheni luka‐Sirayeli; zaye zonke inkosi zalo zanika kuye intonga, ezinye ngezinye intonga nye, ngendlu zoyise zazo, intonga ezilishumi linambini; yabiko nentonga ka‐Arone pakati kwentonga zazo. 7Waya u‐Mosesi wabekela intonga ezo pambi kwoyehova ententeni yesinqi̔no.
8Kwaye kute ngomnye umhla, akungena u‐Mosesi ententeni yesinqi̔no, kekaloku, nantsi intsulile intonga ka‐Arone, ngenxa yendlu ka‐Levi, yavelisa imiqumbi, yatyatyamba intyatyambo, yahlanza izamonde. 9Waza u‐Mosesi wapuma nazo zonke ezontonga ebusweni bukayehova, waya kulo lonke usapo luka‐Sirayeli: zakangela ke, zatabata enye ngenye intonga yayo.
10Wati uyehova kanjako ku‐Mosesi: Intonga ka‐Arone uyibuyisele pambi kwesinqi̔no, ize igcinelwe umqondiso ngakulo usapo lwokungeva; kwa njalo uya kupezisa ukuṙoṙa kwalo ngakum, ukuze lungafi. 11Wenje njalo u‐Mosesi: njengokuba uyehova ebemyalele, wenje njalo ke.
12Lwandula lwateta usapo luka‐Sirayeli ku‐Mosesi, lusiti: Bona ke, siyaqauka, siyabuba, tina sonke siyabuba. 13Osukuba eka asondele etabanakeleni kayehova uya kufa: kanene siya kugqityelwa ngokuqauka na?
Bible Society of South Africa 1902