1Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani bukatixo buzile ngamandla.
2WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, wabanyusela entabeni ende ngasese bebodwa. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, 3zati izivato zake zaba zibengezela, zimhlope kakulu njengengqweqwe, ngendawo ekungeko msuki emhlabeni ongazenzayo zibe mhlope kangaka. 4Kwati kekaloku kwabonakala kubo u‐Elija ndawonye no‐Mosesi, ababeteta no‐Yesu. 5Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Rabi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. 6Ngokuba ebengazi ukuba woteta nto nina; ngokuba bebesoyika kakulu. 7Kwaye kuko nelifu libasibekelela; kanjalo kwavela ilizwi elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena. 8Baza bati bakusingasinga ngokwalama, ababi sabona mntu, kupela u‐Yesu yedwa enabo.
9Kekaloku bakuhla entabeni, wabayala ukuba mabangabaliseli mntu izinto ababezibonile, xeshekweni angekatanga unyana wesintu wavuka ekufeni. 10Nelozwi balibamba pakati kwabo, bebuzisana ukuba kukuti nina ukuvuka ekufeni. 11Baza bambuza, besiti: Yinina lento ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? 12Wapendula wati kubo: u‐Elija okunene esiza tanci, uyabuya amise into zonke; nokuba kutiwe nina ukuba̔lwa ngaye unyana wesintu, ukuba eve intlungu ezininzi, adelwe nokudelwa. 13Koko nditi kuni: u‐Elija selezile, benza ngakuye kanjako konke bakwenzayo, njengokuba kuba̔liwe ngaye.
14Kekaloku akufika kubadisipile, wabona isihlwele esikulu sibapahla, nababa̔li bebuzisana nabo. 15Sasesisiti ke sonke isihlwele sakumbona, samangaliswa kakulu, beza ngokubaleka bambulisa. 16Waza wabuza kubaba̔li, esiti: Nibuzisana nabo ngandawo nina? 17Waza wapendula owasesihlweleni, wati: Mfundisi! ndizisile unyana wam kuwe, enomoya ongatetiyo; 18oti kekaloku apo asukuba emqubula kona, amti kahla; aze axape amagwebu, atshixize amazinyo ake, ashwabane ke: ndaza ndateta kubadisipile bako ukuba mabamku̔pe; bakohlwa ke. 19Wampendula wati: Sizukulwana esingakolwayo! ndobako kuni kude kube ninina? ndoninyamezela kude kube ninina? mziseni kum. 20Bamzisa ke kuye: wati akumbona, waselesiti umoya wamṙuzula; wawa pantsi emhlabeni ke, waqikileka exapa amagwebu. 21Waza wabuza kuyise, esiti; Lixesha elingakananina lento isel’ imhlile? Wayesiti: Kuseloko ebengumntwana: 22waye kwa futi emposile nasemlilweni nasemanzini, ukuze ambubise: kodwa ukuba ungenza into, yiba nosizi pezu kwetu, usisize. 23Wayesiti u‐Yesu kuye: Ukuba ungakolwa, zonke izinto ziyenzekela okolwayo. 24Waza waseledanduluka uyise womfana, wati enenyembezi: Ndiyakolwa, Nkosi! siza ukungakolwa kwam. 25Kekaloku akubona u‐Yesu ukuba abantu bebebalekela endaweni nye, watetisa umoya onco̔lileyo, wati kuye: Wena moya ongatetiyo ongevayo! ndiyakuyalela mna, puma kuye, uze ungabi sangena kuye. 26Waza wadanduluka, wamṙuzula kakulu, wapuma ke; wati umfana waba njengokungati ufile, bada bati abaninzi: Ufile. 27Kodwa u‐Yesu wambamba ngesandla, wamvusa; wesuka wema ke.
28Wati kekaloku akungena endlwini, abadisipile bake bambuza ngasese, besiti: Yinina lento sibe sikohliwe kukumku̔pa tina? 29Waza wati kubo: Oluhlobo alungepume nganto kupela ngokutandaza nangokuzila ukutya.
30Baza bapuma kona, bacanda e‐Galili; waye engavumi ke ukuba kube ngowaziyo. 31Ngokuba ebefundisa abadisipile bake, wati kubo: Unyana wesintu uyanikelwa ezandleni zabantu, abaya kumbulala; waeya kuti akuba ebulewe, abuye avuke ngomhla wesitatu. 32Kodwa bebengaqondi esositeto; bebesoyika ukumbuza kanjalo.
33Baza bafika e‐Kapenayume: wati akuba sendlwini, wababuza, esiti: Nibe nipikisana pakati kwenu nganto nina endleleni? 34Baye besiti tu ke; ngokuba bebepike omnye nomnye endleleni, ngubanina omkulu kwabanye. 35Waza wahlala pantsi, wabiza abalishumi linababini, wati kubo: Ukuba kuko ofuna ukuba ngowokuqala, uya kuba ngowokugqibela kubo bonke, nomkonzi wabo bonke. 36Waza watabata umntwana, wammisa pakati kwabo; wandula wamsingata ngengalo, wati kubo: 37Osukuba esamkela omnye wabantwana abanjalo egameni lam, uyamkela mna; nosukuba esamkela mna, akamkeli mna, koko esamkela lowo wanditumayo.
38Waza wapendula kuye u‐Johane, esiti: Mfundisi! sabona umntu eziku̔pa idemoni ngegama lako, ongasilandeliyo; saza samalela, ukuba engasilandeli. 39Kodwa u‐Yesu wati: Ningamaleli; ngokuba kungeko mntu oya kwenza isenzo samandla egameni lam, aze ahle ange angateta kakubi ngam. 40Ngokuba ongalani nati engecala letu. 41Ngokuba osukuba eniseza indebe yamanzi egameni lam, ngenxa yokuba ningabaka‐Kristu, ngokwenene nditi kuni, akayi kulahlekana nomvuzo wake nakanye. 42Nosukuba exakanisa omnye wabo bancinane bakolwayo kum, kulungele yena ngakumbi, ukuba ilitye lokusila belibotshwa ngasentanyeni yake, waza waposelwa elwandle.
43Kanjalo xeshekweni isandla sako sikuxakanisa, sinqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisilima, ngapezu kwokuba uti, unezandla zibini, umkele esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, 44apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. 45Naxeshekweni unyawo lwako lukuxakanisa, lunqumle; kulungele wena ukuba ungene ebomini usisiqwala, ngapezu kwokuba uti, unenyawo mbini, uposwe esihogweni, emlilweni ongacimekiyo, 46apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo. 47Naxeshekweni iliso lako likuxakanisa, liku̔pe; kulungele wena ukuba ungene ebukumkanini bukatixo uneliso linye, ngapezu kwokuba uti, unamehlo mabini, uposwe esihogweni somlilo, 48apo impetu yabo ingafiyo, nomlilo ungacinywayo.
49Ngokuba bonke beya kumvumvuzelwa ngomlilo, nawo onke amadini aya kumvumvuzelwa ngetyuwa. 50Ityuwa yinto elungileyo; kodwa xeshekweni ityuwa yenziwe ingenabutyuwa, niya kuyivakalisa nganto nina? Yibani netyuwa pakati kwenu, nixolane omnye nomnye.