1Waza wabuya wangena endlwini yentlanganiso. Kekaloku bekuko kona umntu enesandla esishwabeneyo: 2baza bamgqala, ukuba uya kumpilisa na ngemini yesabata, ukuze bamnike ityala. 3Waza wati emntwini obenesandla esishwabeneyo: Suka uze pakati. 4Waza wati kubo: Kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo, ukwenza okukohlakeleyo, kusinina? ukulondoloza uboni, ukubulala, kusinina? Koko bebesiti tu. 5Waza ebasingasingele ngengqumbo, ebuhlungu nokuba buhlungu ngenxa yobulukuni bentliziyo zabo, wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke; saza isandla sake sabuya senziwa sipilile njengesinye. 6Bapuma ke abafarisi, basebecebisana nabaherodi ngakuye, ukuze bambubise.
7Waza u‐Yesu wemka nabadisipile bake waya ngaselwandle: sati ke isihlwele esikulu samlandela sivela e‐Galili, nase‐Judeya, 8nase‐Yerusaleme, nase‐Edomeya, napesheya kwe‐Yoredane; bati nabo bangase‐Tire ne‐Tsidone, isihlwele esikulu, bakuva izinto ezingakanana wazenzayo, beza kuye. 9Waza waxelela abadisipile bake, ukuba mawuti umkombe umhlalele kufupi ngenxa yesihlwele, ukuze bangamxinezeli. 10Ngokuba ebepilise abaninzi, bada bamxinanela ukuze bamcu̔kumise, kwa bonke abebenezibulawa. 11Nomoya abanco̔lileyo, bati bakumbona, bawa pantsi pambi kwake, badanduluka, besiti: Ungunyana katixo wena. 12Waza wabayala kakulu, ukuba mabangamtyili.
13Waza wenyukela entabeni, wabiza abo wabetanda ukubiza bona: basuka baya kuye. 14Kanjalo wamisa abalishumi linababini, ukuze babe naye, nokuze abatume ukuba bashumayele, 15nokuba babe negunya lokupilisa izifo, nokuba baku̔pe idemoni: 16Wati u‐Simone wamtiya igama elingu‐Petrosi; 17no‐Yakobi unyana ka‐Zebedi, no‐Johane umninawe ka‐Yakobi; (wati bona wabatiya ngamagama ango‐Bowaneregesi, okukuti, Onyana bodudumo;) 18no‐Andreya, no‐Filipi, no‐Batolomeyu, no‐Mateyu, no‐Tomasi, no‐Yakobi unyana ka‐Alefeyu, no‐Tadeyu, no‐Simone umkanani, 19no‐Jude Sikariyoti, okwa nguye owamngcatshayo.
BAZA bangena endlwini. 20Sati isihlwele sabuya sabutana, bada bakohlwa nokutya isonka. 21Zaza zati izihlobo zake zakuva, zapuma ukuya kumbamba; ngokuba zibe zisiti: Ulihilihili.
22Kanjalo abafarisi abebehlile e‐Yerusaleme bebesitsho ukuti: Uno‐Belezebule; nokuti: Uyaziku̔pa idemoni ngayo inkosi yedemoni.
23Waza wababiza, watsho kubo ngemizekeliso ukuti: Angati nina u‐Satane ukuku̔pa u‐Satane? 24Nobukumkani ukuba bupambene ngokwabo, abungeme ubukumkani obo: 25nendlu ukuba ipambene ngokwayo, ayingeme indlu leyo. 26No‐Satane ukuba uyazisukela, apambane ngokwake, akangeme, uza kugqityelwa ke. 27Akuko mntu ongati impahla zonamandla, akuba engene endlwini yake, azipange, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla; waeya kupanga indlu yake oko. 28Ngokwenene nditi kuni: Zonke izono baya kuxolelwa zona onyana babantu, nezigxeko abasukuba begxeka ngazo; 29kodwa osukuba egxeka umoya oyingcwele, akanalo uxolelwa kude kube ngunapakade, koko emelwa kukugwetywa okungunapakade. 30Watsho, ukuba bebesiti: Unomoya onco̔lileyo.
31Bandula beza abazalwana bake nonina, abati bemi ngapandle batuma kuye, bembiza. 32Kekaloku isihlwele sasihleli simpahla; bati ke kuye: Nanku unyoko nabazalwana bako ngapandle bekufuna. 33Waza wapendula kubo, esiti: Ngubanina uma̔ umhlaumbi abazalwana bam? 34Waza esingasinga pezu kwabo babehleli bempahla, wati: Nanku uma̔ nabazalwana bam! 35ngokuba osukuba esenza intando katixo, enguye lowo umzalwana wam, nodade wam, noma̔.