1KEKALOKU epumile nje u‐Yesu, ebemka etempileni: baza abadisipile bake beza kuye ukuba bambonise izakiwo zetempile. 2Wayesiti u‐Yesu kubo: Aniziboni na zonke ezizinto? ngokwenene nditi kuni: Akuyi kushiywa apa elinye ilitye pezu kwelinye, elingayi kuwiswa pantsi.
3Kekaloku nxa abehleli pezu kwentaba yeminquma, beza kuye abadisipile ngasese, besiti: Sixelele, zobako ninina ezizinto? kanjalo woba yinto nina umqondiso wokufika kwako, nowokugqityelwa kwelizwe elikoyo?
4Waza wapendula u‐Yesu wati kubo. Lumkani, ize ningalahlekiswa mntu. 5Ngokuba abaninzi beya kuza egameni lam, besiti: Mna ndinguye u‐Kristu; baze balahlekise abaninzi. 6Naniya kuba nisiva imfazwe, namaṙe emfazwe: lumkani, ize ningabi navuso; ngokuba zonke ezizinto zifanele ukuhla; kodwa ukupela akukabiko. 7Ngokuba uhlanga luya kuvukela uhlanga, nobukumkani buya kuvukela ubukumkani; zaziya kubako indlala, nezifo ezibubisayo, nezingcangcazelo zomhlaba ngendawo ngendawo. 8Zonke ezizinto ke zisisiqalo senimba. 9Oko niya kunikelwa ekubandezelweni, nibulawe nokubulawa; naniya kutiywa zintlanga zonke ngenxa yegama lam. 10Kanjalo oko baya kuxakaniswa abaninzi, bangcatshane, batiyane. 11Baye abaprofite ababuxoki abaninzi beya kuvuka, balahlekise abantu abaninzi. 12Kuze kuti ngenxa yokwandiswa kwokungalungileyo, kupole utando lwabaninzi. 13Kodwa onyamezelayo kude kube sekupeleni, oyena uya kusindiswa, 14yaiya kuti levangeli yobukumkani ishunyayelwe kulo lonke ilizwe, ibe sisinqi̔no kuzo zonke intlanga; kwandul’ ukufika ukupela oko ke.
15Ngako xeshekweni niyibonayo into ezondekileyo yokuci̔takalisa, ekwatetwa ngayo ngu‐Danyeli umprofite, imi endaweni engcwele; (oleseshayo makaqonde;) 16mabati oko abo base‐Judeya basabele ezintabeni: 17lowo upezu kwentungo yendlu makangehli ukuya kususa into endlwini yake; 18nalowo usentsimini makangabuyeli emva ukuya kususa ingubo zake.
19Hai kodwa ubunzima babo abamitiyo nabanyisayo kuleyomihla! 20Tandazani ke ukuba mayingabiko intsabo yenu ebusika, nangemini yesabata: 21ngokuba kuya kubako oko imbandezelo enkulu, ekungabangako enjalo kwa sekuqalekeni kwelizwe kwada kwakaloku, nekungayi kuza kubeko enjalo. 22Kanjako ukuba ibingancitshiswanga imihla leyo, bekungayi kusindiswa namnye umntu; kodwa ngenxa yabaqashwa imihla leyo iya kuncitshiswa.
23Zeniti oko, ukuba umntu utsho kuni ukuti: Nanku apa u‐Kristu; umhlaumbi ukuti: Nanku paya; ningakolwa ke. 24Ngokuba kuya kuvuka okristu ababuxoki, nabaprofite ababuxoki, babeya kubonakalisa imiqondiso emikulu nemimangaliso, ukuze bati, ukuba kungenzeka, balahlekise kwa nabaqashwa. 25Bona ke, ndinixelele ngapambili. 26Ngako ukuba batsho kuni ukuti: Nanku esentlango; ningapumi ke: nokuba bati: Nanku ezinkambilini; ningakolwa ke. 27Ngokuba, kwa njengokuba ukubaneka kuvela empumalanga, kukanye kude kube sentshonalanga, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. 28Ngokuba apo sisukuba sikona isidumbu, kulapo aya kubutelana kona amaxalanga.
29Kwohla kuti ke emveni kwembandezelo yemihla leyo, ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukanya kwayo, nenkwenkwezi ziya kuwa ezulwini, namandla amazulu aya kuzanyazanyiswa: 30kwandul’ ukubonakala umqondiso wonyana wesintu ezulwini; zandul’ ukwenza isijwili zonke izizwe zomhlaba, zibone nokubona unyana wesintu, esiza emafini ezulu, enamandla nobungcwalisa obukulu. 31Waeya kutuma ingelosi zake nentlokoma enkulu yexilongo, eziya kubutela ndawonye abaqashwa bake bevela emimoyeni yomine, kwenye incam yezulu kude kube kwenye incam yalo.
32Kanifunde umzekeliso ngomkiwane: Xeshekweni isebe lawo lise litambile, lipuma amagqabi, niyazi ukuba likufupi ihlobo: 33kwa njalo nani, xeshekweni nibona zonke ezizinto, yazini ukuba kukufupi oko ngasemnyango. 34Ngokwenene nditi kuni: Asiyi kuza sidlule Isizukulwana esi, zonke ezizinto zingekenzekanga. 35Kwodlula izulu nomhlaba; kodwa amazwi am akayi kuza adlule.
36Kodwa akuko mntu owaziyo ngayo leyomini neyure; azazi nengelosi zezulu; ngubawo yedwa owaziyo kupela. 37Kodwa njengokuba ibinjalo imihla ka‐Nowa, kwoba njalo nokufika kwonyana wesintu. 38Ngokuba, kwa njengokuba bebesiti emihleni ungekabiko umsingakazi, badla basela nokusela, bazeka bendisa nokwendisa, kwada kwaba ngumhla u‐Nowa wangena ngawo enqanaweni, 39bengaqondanga ke kwada kweza umsingakazi wabakukulisa kwa bonke, kuya kuba njalo nokufika kwonyana wesintu. 40Oko amadoda amabini obako entsimini; iti enye itatyatwe, iti enye ishiywe. 41Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; ati omnye atatyatwe, ati omnye ashiywe.
42Lindani ke ngoko; ngokuba ningazi yiyipina iyure inkosi yenu iza ngayo. 43Kodwa qondani oku, ukuba umninindlu ebesazi lilipina ivaṙasho isela liza ngalo, ange elinda, angavumeli ukuba igqotyozwe indlu yake. 44Ngako oko nani yibani nilungile; ngokuba ngeyure eningayikumbuleliyo unyana wesintu esiza. 45Ngubanina ke esosicaka sinyanisekileyo nesilumkileyo, eyati inkosi yaso yasimisela pezu kwabendlu yayo, ukuba sibanike ukudla ngexesha elifanelekileyo? 46Sinetamsanqa isicaka eso, iya kuti inkosi yaso, yakufika, isifumane sisenje njalo. 47Ngokwenene nditi kuni: Iya kusimisela pezu kwayo yonke impahla yayo. 48Kodwa xeshekweni esosicaka esikohlakeleyo siti entliziyweni yaso: Inkosi yam iyalibala ukuza; 49size siqale ukubeta abazizicaka naso, nokutya nokusela kunye nabanxilayo; 50yofika inkosi yesicaka eso ngemini esingayikangeliyo ngayo, nangeyure esingayaziyo, 51isisike kubini, imise isabiwo saso kunye nabahanahanisi: apo kwobako ukulila nokuqaqazela kwamazinyo.