1NGELOXESHA weva u‐Herodi inkosi udumo luka‐Yesu, 2wati ezicakeni zake: Lo unguye u‐Johane umbapitizeshi; uvukile ekufeni; kungako oku ezizenzo zamandla zisebenzeka kuye.
3Ngokuba u‐Herodi ebembambile u‐Johane, wamnxiba, wamfaka entolongweni, ngenxa ka‐Herodiya, umfazi ka‐Filipi umninawe wake. 4Ngokuba u‐Johane ebesiti kuye: Akufanelekile kuwe ukuba ube naye. 5Wati akufuna ukumbulala, waboyika abantu, ngokuba bebembala ukuba ungumprofite. 6Kodwa kwakugcinwa imini yokuzalwa kuka‐Herodi, yaduda intombi ka‐Herodiya pakati kwabo, yamkolisa u‐Herodi. 7Kukona wavumayo ngesifungo ukuba uya kuyinika oko isukuba icela kona. 8Yaza yona, iqu̔tyiwe ngunina nje, yati: Ndinike apa pezu kwesikotile intloko ka‐Johane umbapitizeshi. 9Wayelusizi ke ukumkani lowo; kodwa, ngenxa yesifungo nabo babehleli ekutyeni ndawonye naye, waxela ukuba mayinikwe. 10Watuma ke, wanqumla u‐Johane intloko entolongweni apo. 11Yaza yaziswa intloko yake pezu kwesikotile, yanikwa kwintombazana leyo; yati yona yayisa kunina. 12Beza abadisipile bake, bawususa umzimba, bawuncw̔aba, baya bamshumayeza u‐Yesu.
13Wati u‐Yesu akuva oko, wemka apo ngenqanawa waya endaweni elubala ngasese; zati zakuva izihlwele, zamlandela ngenyawo zivela ezixekweni. 14Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, wabapilisa abafayo babo.
15Kekaloku kwakuhlwa, beza kuye abadisipile bake, besiti: Lendawo ilubala; ixesha selidlule kanjalo; zindulule izihlwele, ize zimke ziye emizini zizitengele ukudla. 16Kodwa u‐Yesu wati kubo: Azifanele ukumka; zipeni nina ukuba zitye. 17Baza bati kuye: Asinanto apa, kupela izonka zizihlanu nentlanzi zizimbini. 18Wayesiti: Zisani zona kum apa. 19Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi etyanini, watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wati, ekangele ngasezulwini, wabulela, waqezula, wanikela izonka kubadisipile, bati abadisipile banikela kwizihlwele. 20Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, izitya zazilishumi linazibini zizele. 21Kekaloku abo babesitya bebengamadoda anga amawaka mahlanu, ngapandle kwabafazi nabantwana.
22Waza u‐Yesu kwa oko wanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bamandulele ukuya ecaleni elingapesheya, nxa abezindulula izihlwele. 23Wati akuba ezindulule izihlwele, wenyukela entabeni ngasese ukuya kutandaza: kwati kwakuba kuhlwile, wayekona apo eyedwa. 24Kodwa inqanawa ibisel’ ipakati kwolwandle, ibulawa ngamaza; ngokuba umoya ubuvela pambili.
25Kekaloku kwelesine ivaṙasho lobusuku, wemka waya kubo u‐Yesu, ehamba pezu kwolwandle. 26Bati abadisipile, bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baxaliswa, besiti: ngumshologu! bakala kukwoyika ke. 27Wasuka wateta kubo u‐Yesu, esiti: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika. 28Waza u‐Petrosi wapendula kuye wati: Nkosi! ukuba nguwe, xela ukuba ndize kuwe pezu kwamanzi. 29Wayesiti: Yiza. Waza wehla u‐Petrosi enqanaweni, wahamba pezu kwamanzi, ukuya ku‐Yesu. 30Kodwa ebona umoya unamandla woyika; wati esel’ eqala ukuntywila wakala, esiti: Nkosi, ndisindise! 31Wasuka wolula isandla u‐Yesu, wambamba, wati kuye: Wena ukolo luncinane! wabutandabuza nganina? 32Kwaza kwati, bakungena enqanaweni, wadamba umoya. 33Bandula abo basenqanaweni beza bambedesha, besiti: Ngenyaniso ungunyana katixo.
34Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete. 35Baza abantu balondawo bakumazi, batumela kulo lonke elolizwe langakona, bazisa kuye bonke abafayo, 36bambongoza ukuba mabacu̔kumise kodwa umqukumbelo wengubo yake; baza bonke abacukumisayo bapiliswa.