1NGELOXESHA wacanda u‐Yesu emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake balamba, baqala ukuka izikwebu, nokutya. 2Koko abafarisi, bakubona oko, bati kuye: Bona ke, abadisipile bako bayakwenza oko ekungafanelekile ukukwenza ngesabata. 3Waza wati kubo: Anileseshanga na into wayenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye; 4okokuba wangena endlwini katixo, watya izonka zokubonakala, ekube kungafanelekile kuye ukuzitya, kwa nakubo ababenaye, kupela bekufanelekile kubaperisite bodwa? 5Kanjalo anileseshanga emtetweni na, ukuba ngemini yesabata abaperisite etempileni bayapula isabata, bengazeki tyala noko? 6Kekaloku nditi kuni: Uko apa omkulu kuyo itempile. 7Kodwa ukuba benikwazile ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andifuni umbingo; ngeningagwebanga abangenatyala. 8Ngokuba unyana wesintu eyinkosi yesabata nayo.
9Waza esukile apo waya wangena endlwini yentlanganiso yabo. 10Kekaloku bona ke, bekuko umntu enesandla esishwabeneyo: baza bambuza, besiti: Kufanelekile na ngemini yesabata ukupilisa? ukuze bamnike ityala. 11Wayesiti kubo: Woba nguwupina kuni engumntu, oya kuba nayo igusha, ongayi kuti, nxa yeyele le emnxu̔nyeni ngemini yesabata, ayibambe yona ayinyuse? 12Kungento engakananina pofu umntu agqitisele igusha? Kwa njalo ke kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo. 13Wandula wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke, saza sabuya senziwa sipilile njengesinye.
14Baza bapuma abafarisi bacebisana ngakuye, ukuze bambubise. 15Kodwa u‐Yesu wakwazi oko, wemka apo: zaza zamlandela izihlwele ezininzi, wabapilisa bonke abafayo, 16wabayala ukuba mabangamtyili; 17kuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti: 18Kangela isicaka sam, endisinyulileyo; umtandwa wam, oti umpefumlo wam ukoliswe nguye; ndobeka umoya wam pezu kwake, nesigwebo uya kusishumayela kubaheyideni. 19Akayi kupika, akayi kudanduluka kanjako; aliyi kuviwa mntu nasezitarateni ilizwi lake. 20Ingcongolo etyumzekileyo akayi kuyapula, nomsonto wesibane oqu̔mayo akayi kuwucima, ade aku̔pe isigwebo ngokwoyisa: 21nasegameni lake abaheyideni baya kutemba.
22Kwandula kwaziswa kuye ongenelwe yidemoni, oyimfama nesidenge; waza wampilisa, wada oyimfama nesidenge wanokuteta nokubona. 23Zamangaliswa ke zonke izihlwele, zati: Lo unguye unyana ka‐Davide na? 24Kodwa abafarisi, bakuva, bati: Lo akaziku̔pi idemoni, kupela uyaziku̔pa ngo‐Belezebule inkosi yedemoni. 25Kuloko u‐Yesu wazazi izicingo zabo, wati kubo: Bonke ubukumkani obupambeneyo ngokwabo buyaci̔takaliswa; nazo zonke izixeko, umhlaumbi izindlu, ezipambeneyo ngokwazo, aziyi kuma. 26No‐Satane ukuba uyaku̔pa u‐Satane, upambene ngokwake; boti nina pofu ubukumkani bake ukuma? 27Kanjalo ukuba ndiyaziku̔pa idemoni ngo‐Belezebule mna, bayaziku̔pa ngobanina onyana benu? ngako oko bona boba ngabagwebi benu. 28Kodwa ukuba ndiyaziku̔pa idemoni mna ngomoya katixo, kukona sebunifikele ubukumkani bukatixo. 29Kanjalo angati nina umntu ukungena endlwini yonamandla, apange impahla zake, nxa angatanga kuqala wamnxiba onamandla? waeya kwandul’ ukupanga indlu yake oko. 30Ongengecala lam, uyalana nam; nongabutani nam, uyaci̔ta. 31Ngako oko nditi kuni: Konke ukwona nokugxeka baya kuxolelwa kona abantu; kodwa ukumgxeka umoya oyingcwele abayi kuxolelwa kona abantu. 32Nosukuba eteta ilizwi ngakuye unyana wesintu, uya kuxolelwa; kodwa osukuba eteta ngakuye umoya oyingcwele, akayi kuxolelwa, nakwelilizwe likoyo, nakwelo liza kuza. 33Yenzani umti ulunge, kulunge nokuqa̔ma kwawo; okanye, yenzani umti ubole, kubole nokuqa̔ma kwawo; ngokuba umti usaziwa ngokuqa̔ma kwawo. 34Sizukulwanandini senyoka! ningati nina ukuteta izinto ezilungileyo, nikohlakele nje? ngokuba umlomo uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo. 35Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyaku̔pa izinto ezilungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo uyaku̔pa izinto ezikohlakeleyo. 36Kodwa nditi kuni: Onke amazwi angendawo, abasukuba bewateta abantu, baya kupendulela wona ngomhla womgwebo: 37ngokuba ngawo amazwi ako uya kugwetyelwa, nangawo amazwi ako uya kugwetywa.
38Kwandula kwapendula abatile bakubo ababa̔li nabafarisi, besiti: Mfundisi! singa singabona umqondiso kuwe. 39Kodwa wapendula wati kubo: Isizukulwana esikohlakeleyo nesibuṙexeza siyafuna umqondiso; kanti asiyi kunikwa mqondiso, kupela umqondiso ka‐Jona umprofite. 40Ngokuba, njengokuba u‐Jona ebemini ntatu nobusuku butatu esiswini sentlanzi enkulu, kwa njalo unyana wesintu woba mini ntatu nobusuku butatu embilini womhlaba. 41Abantu base‐Nineve baya kusuka beme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, basigwebe; ngokuba baguqukayo ngokushumayela kuka‐Jona: kanti nanku omkulu ku‐Jona apa. 42Ukumkanikazi wasesuyide uya kuvuka eme emgwetyweni kunye nesisizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela ezipelweni zomhlaba ukuza kuva ubulumko buka‐Solomone: kanti nanku omkulu ku‐Solomone apa.
43Kodwa xeshekweni umoya onco̔lileyo apumile emntwini, uyacanda ezindaweni ezingenamanzi, efuna ukupumla, kanti akakufumani. 44Andule ukuti: Ndiya kubuyela endlwini yam, apo ndapuma kona. Ati akufika ayifumane ingenamntu, itshayelwe, ihonjiwe. 45Andule ukuya atabate naye abanye omoya abasixe̔nxe, abakohlakeleyo ngakumbi kuye, abati bangene bahlale kona: kuze kuti okwokupela kwalomntu kube kubi kokwokuqala. Kwoba njalo ke nakwesisizukulwana sikohlakeleyo.
46Kekaloku nxa abesateta kwizihlwele, bona ke, unina nabazalwana bake bebemi ngapandle, befuna ukuteta naye. 47Wayesiti otile kuye: Nanku unyoko nabazalwana bako bemi ngapandle, befuna ukuteta nawe. 48Koko wapendula wati kulowo ubetshilo kuye: Uma ungubanina? nabazalwana bam bangobanina? 49Waza wasolula isandla sake ngakubadisipile bake, wati: Nanku uma nabazalwana bam! 50ngokuba lowo usukuba esenza intando kabawo osezulwini, ekwa nguye umzalwana wam, nodade wam, noma.