1WAZA wesuka kwa wonke umhlambi wabo, wamr̔olela ku‐Pilati.
2Kekaloku baqala ukumnika ityala, besiti: Samfumana lo epambukisa uhlanga lwetu, esalela ukunika iminikelo ku‐Kesare kanjalo, esiti kwa yena ungu‐Kristu ukumkani. 3Waza u‐Pilati wambuza, esiti: Ungukumkani wama‐Juda na? Wapendula kuye wati: Utsho wena.
4Waza u‐Pilati wati kubaperisite abakulu nakwizihlwele: Andifumani tyala kulomntu. 5Koko bebejoka ngakumbi, besiti: Uyavuselela abantu, efundisa kuyo yonke i‐Judeya, eqalile kuyo i‐Galili kwada kwalapa. 6Wati u‐Pilati akuva i‐Galili, wabuza ukuba umntu lowo ebengum‐Galili na. 7Waza akuqonda ukuba ungowasebukosini buka‐Herodi, wamtuma ku‐Herodi, obeko naye e‐Yerusaleme kwezintsuku. 8Wati u‐Herodi akubona u‐Yesu, wavuya kunene; ngokuba kube kukade efuna ukumbona, ngenxa yokuba ebesiva izinto ezininzi ngaye; ebetemba nokuba uya kubona umqondiso usenziwa nguye. 9Waza wambuza ngamazwi amaninzi; kodwa akampendula nto. 10Bebemi nabaperisite abakulu nababa̔li, bemnika ityala ngamandla. 11Waza u‐Herodi wamdela, kunye namasodati ake, wamhleka, wamambatisa isivato esikazimlayo, wabuya wamtuma ku‐Pilati. 12Bati kekaloku u‐Pilati no‐Herodi kwa ngalomini baxolelana: ngokuba bebefudula benobutshaba omnye nomnye.
13Waza u‐Pilati akuba ebebizele ndawonye kuye abaperisite abakulu, nabapati, nabantu, 14wati kubo: Nimzisile kum umntu lo, njengokuba engosongayo abantu; kekaloku bona ke, ndimbuzile ebusweni benu nje, andifumananga tyala kulomntu, ngezozinto nimnika ityala ngazo: 15akafumana no‐Herodi kanjalo; ngokuba ndindanituma kuye; kanti bona ke, akuko nto efanele ukufa eyenziweyo nguye: 16ndiya kuti ngoko ndimbete ndimkulule. 17(Kekaloku ebefanelwe kukuti ngomtendeleko lowo abakululele umbanjwa abe mnye.) 18Kodwa badanduluka wonke umhlambi kunye, besiti: Susa lo, usikululele u‐Baraba: 19(umntu obete ngenxa yempitimpiti etile ebe yenziwe esixekweni nombulalo, waposelwa entolongweni.)
20Wandula u‐Pilati wabuya wateta kubo, efuna ukukulula u‐Yesu. 21Kuloko bebememeza, besiti: Mkuruseshe, mkuruseshe yena. 22Waza wati kubo ngokwesitatu: Wenze ukukohlakala kunina pofu lo? andifumananga tyala lokuba afe kuye: ndiya kuti ngoko ndimbete ndimkulule. 23Kodwa bebenyakatisa ngamazwi amakulu, bebiza ukuba akuruseshwe. Ada amazwi abo nawabaperisite oyisa. 24Waza u‐Pilati wagweba ukuba kwenziwe ngesibizo sabo: 25wabakululela ke lowo ubeposelwe entolongweni ngenxa yempitimpiti nombulalo, oyena babembiza: kodwa u‐Yesu wamnikela ekutandeni kwabo.
26Baza bati bakuba bebemr̔ola, babamba u‐Simone, umntu otile wase‐Kirene, obevela ezindleni, bayibeka pezu kwake ikuruse, ukuba ayitwale emva kwo‐Yesu.
27Kekaloku ebelandelwa sisihlwele esikulu sabantu, nesabafazi, abebesenza isijwili nesililo ngaye. 28Koko u‐Yesu ejikele ngakubo wati: Zintombi zase‐Yerusaleme! ningalili pezu kwam, kodwa lilani pezu kwenu napezu kwabantwana benu: 29ngokuba, bona ke, imihla isiza ekuyo kuya kutiwa: Banetamsanqa abazindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga. 30Baya kwandula baqale ukuti ezintabeni: Siweleni; nasezindulini: Sigubungeleni. 31Ngokuba, xeshekweni bazenza ezizinto kumti oluhlaza, kuya kuhla nto nina kowomileyo?
32Kwaye kur̔olwa nabanye bebabini, abenzi benkohlakalo, ukuya kubulawa kunye naye. 33Bati bakufika endaweni ebizwayo ngokuti yeyenkankani, bamkuruseshela kona, kwa nabenzi benkohlakalo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekohlo.
34Wayesiti u‐Yesu: Bawo! baxolele; ngokuba bengazi into abayenzayo. Bati bezaba ingubo zake, benza amaqashiso.
35Kekaloku bebemi abantu bebonela. Baza bamsinekela, kwa nabapati kunye nabo, besiti: Wabasindisa abanye, makazisindise yena ngokwake, ukuba lo unguye u‐Kristu, umqashwa katixo. 36Kanjalo namasodati ebemhleka, esiza kuye, emzisela neyasine, 37esiti nokuti: Ukuba wena ungukumkani wama‐Juda, zisindise.
38Kwaye kuko nesiba̔lwa siba̔liwe pezu kwake ngamagama angokwama‐Girike, nangokwama‐Roma, nangokwama‐Hebere, sokuti: Lo ungukumkani wama‐juda.
39Wati kekaloku omnye wabenzi benkohlakalo abebexo̔nyiwe wamgxeka, esiti: Ukuba wena unguye u‐Kristu, zisindise nati. 40Kodwa wapendula omnye wamtetisa, esiti: Akumoyiki utixo nawe na, ukwa koku kona ukugwetywa nje? 41Nati okunene sikuko ngokulungileyo; ngokuba sikwamkele okuyelelana nezinto esazenzayo; kodwa lo akenza nto esisono. 42Waza wati ku‐Yesu: Ndikumbule, Nkosi! xeshekweni uzayo ebukumkanini bako. 43Waza u‐Yesu wati kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje uya kubako nam eparadisi.
44Yanga yayiyure yesitandatu, kwaza kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba. 45Lenziwa mnyama nelanga; kanjalo ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa pakati.
46Waza wadanduluka ngelizwi elikulu u‐Yesu, wati: Bawo! ndiyanikela umoya wam ezandleni zako. Wati akuba ebetshilo waqauka umpefumlo.
47Kekaloku inkosikulu yakubona into eyenzekileyo, yadumisa utixo, isiti: Ngokwenyaniso umntu lo ebengolungileyo.
48Bati nabantu bonke abebebutanele lombonelo, bebona izinto ezenzekileyo, babuya bebeta izifuba zabo. 49Bebemi nabo bonke babesazana naye bekude, kwa nabafazi abebempelekile evela e‐Galili, bekangela ezizinto.
50Kekaloku bona ke, indoda egama lingu‐Josefe, ingumpakati, indoda elungileyo nenobulungisa, 51(yona le ibingavumelene necebo lamanye nesenzo sawo,) eyase‐Arimateya isixeko sama‐Juda, nebilinda ubukumkani bukatixo nayo, 52yona le yeza ku‐Pilati, yacela umzimba ka‐Yesu. 53Yaza yawutula, yawusongela eqiyeni, yawubeka encw̔abeni elimbelweyo eweni, apo kwaye kungazanga kulale mntu kona. 54Lomhla ubungowokulungiselela, nesabata ibisondela.
55Bati kekaloku nabafazi, abo bebezile naye bepuma e‐Galili, balandela, babona incw̔aba, nokuba kwatiwa nina ukubeka umzimba wake. 56Babuya ke, balungisa izimnandi namafuta emore; baza bapumla ngesabata njengokwomyalelo.