1EMVENI kwezizinto ke yadala inkosi nabanye, bemashumi asixe̔nxe, yabatuma ngababini ngababini pambi kwobuso bayo, kuzo zonke izixeko nendawo apo ibiza kuti yona iye kona.
2Yandula yati kubo: Isivuno okunene sininzi, kodwa abasebenzi bancinane; tandazani ngoko kwinkosi yesivuno, ize iku̔pele esivunweni sayo abasebenzi. 3Hambani; bona ke, ndiyanituma njengemvana pakati kwencu̔ka. 4Ningatwali sidla, nenxowa, nezihlangu; ningabulisi mntu endleleni kanjalo.
5Nendlu enisukuba ningena kuyo, yitini kuqala: Uxolo malube kulendlu! 6Ukuba ke unyana woxolo ukona, uxolo lwenu luya kupumla pezu kwayo; okanye, luya kubuya luze kuni. 7Hlalani ke kuleyo yona indlu, nisidla nisela ezonto banazo; ngokuba umsebenzi efanele umvuzo wake. Ningesuki kwenye indlu ukuya kwenye.
8Nesixeko enisukuba ningena kuso, baze banamkele, yidlani ezonto zibekwayo pambi kwenu, 9nipilise abafayo abakuso, niti kubo: Ubukumkani bukatixo sebukufupi kuni. 10Kodwa isixeko enisukuba ningena kuso, baze banganamkeli, pumelani ezitarateni zaso, nitsho ukuti: 11Kwa notuli lwasesixekweni senu, olunamatelayo kuti, siyalusulela ngakuni: noko yazini oku, ukuba ubukumkani bukatixo sebukufupi kuni. 12Kodwa nditi kuni: Kwonyamezelekela i‐Sodome ngomhla lowo, ngapezu kwesosixeko.
13Hai ubunzima bako, Korazine! hai ubunzima bako, Betesayida! ngokuba izenzo zamandla ezenzelwa kuni ukuba zazenzelwe e‐Tire nase‐Tsidone, zinga zibe ziguqukile kade zihleli entlakantlakeni naselututwini. 14Kanjako kwonyamezelekela i‐Tire ne‐Tsidone emgwetyweni, ngapezu kwenu. 15Nawe, Kapenayume! opakanyiselweyo kwa sezulwini, uya kuhliselwa kwa sehadesi.
16Ovayo nina, uyeva mna; nowalayo nina, uyala mna; nowalayo mna, uyala owanditumayo.
17Bati kekaloku abamashumi asixe̔nxe babuya ngovuyo, besiti: Nkosi! kwa nedemoni ziyasilulamela ngalo igama lako. 18Yayisiti kubo: Ndandibona u‐Satane esiwa ezulwini njengokubaneka. 19Bona ke, ndiyanipa igunya lokunyatela inyoka nonomadudwane, napezu kwawo onke amandla otshaba; kungabiko nento eya kuka inenzakalise. 20Noko ningavuyi ngoku, ukuba omoya banilulamele; kodwa vuyani ngakumbi ukuba amagama enu aba̔lelwe ezulwini.
21Ngeloxeshana wagcoba u‐Yesu emoyeni, wati: Ndiyakubulela, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba! ukuba ufihlele izilumko nezazi ezizinto, wazityilela intsana: ewe, Bawo! ngokuba okunjalo bekukolekile ebusweni bako. 22Zonke izinto zinikelwe kum ngubawo: kanjako akuko mntu owaziyo ukuba ungubanina unyana, kupela nguyise, nokuba ungubanina uyise, kupela ngunyana, nosukuba unyana etanda ukumtyilela yena.
23Waza wajikela ngakubadisipile, wati ngasese: Anetamsanqa amehlo abona izinto enizibonayo; 24ngokuba ndisiti kuni: Baninzi abaprofite nokumkani ababefuna ukubona izinto enizibonayo nina, kanti abazibonanga; nokuva izinto enizivayo, kanti abazivanga.
25Kekaloku bona ke, wesuka umqondisimteto otile, emlinga, esiti nokuti: Mfundisi! ndiya kwenza nto nina ukuba ndidle ilifa lobomi obungunapakade? 26Wayesiti kuye: Yinto nina eba̔liweyo emtetweni? uti nina ukulesesha? 27Wapendula wati: Uya kumtanda uyehova, utixo wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangawo onke amandla ako, nangayo yonke ingqondo yako; nommelwane wako njengokuzitanda kwako. 28Wayesiti kuye: Ulungisile ukupendula kwako; yenza oku, wauya kudla ubomi. 29Kodwa yena efuna ukuzigwebela wati ku‐Yesu: Ungubanina ke ummelwane wam? 30Wapendula u‐Yesu wati: Umntu otile wehla e‐Yerusaleme waya e‐Jeriko, wawa pakati kwamabada, ati wona amhluba ingubo zake, amenzela amanxeba, emka, emshiyile ngokungati uza kufa. 31Kwahla kwehla umperisite otile ngaleyondlela, owati akumbona wadlula ngelinye icala. 32Kwa njalo ke nom‐Levi akufika kulondawo, weza, wabona, wadlula ngelinye icala. 33Kodwa um‐Samariya otile esekuhambeni weza kufupi naye, owati akumbona wabetwa lusizi, 34wasondela, wabopa amanxeba ake, egalela ioli neveyine; waza wamkwelisa pezu kwelake ihashe, wamsa entangeni, wamgcina. 35Wati ngomnye umhla akumka, war̔ola idenari zambini, wazinika kumninintanga, wati kuye: Mgcine ke; nento usukuba usalekela ukuyici̔ta, ndoti mna, nxa ndibuya ndize apa, ndiyibuyisele kuwe. 36Nguwupina ngoko waba batatu uti wena uzenze ummelwane kulowo ubewile pakati kwamabada? 37Wayesiti: Ngulowo wamenzelayo ububele. Wandula wati u‐Yesu kuye: Hamba, yenza kwa njalo nawe.
38Kwaye kute ekuhambeni kwabo, wati yena wangena emzini otile; waza umfazi otile, ogama lingu‐Marita, wamamkela endlwini yake. 39Wabe lo enaye udade obizwa ngo‐Mariya, obesiti yena, ehleli ngasezinyaweni zika‐Yesu, wapulapula ilizwi lake. 40Kodwa u‐Marita waebideka ngokukonza okukulu; waza wema kufupi wati: Nkosi! akukatali na kukuba udade wam undiyekelele ndikonze ndedwa? mxelele ngoko ukuba andincede. 41Koko wapendula u‐Yesu wati kuye: Marita, Marita! unesitukutezi nesipitipiti ngezinto ezininzi; 42kodwa inye into eswelekayo; no‐Mariya usiqashile esosabiwo silungileyo, esingayi kususwa kuye.