1Kwaye kute ngomhla wesibozo, u‐Mosesi wabiza u‐Arone, nonyana bake, nabadala bo‐Sirayeli; 2wati kuye u‐Arone: Zitabatele inkonyana, itole lenkomo, ibe lidini lesono, nenkunzi yegusha ibe lidini lokutshiswa, ezo zimsulwa, uzisondeze pambi kwoyehova. 3Uze utete kulo usapo luka‐Sirayeli, usiti: Tabatani itakane lebokwe libe lidini lesono, kwa nenkonyana nemvana, zizezomnyaka mnye, zimsulwa, zibe lidini lokutshiswa; 4kwa nenkabi nenkunzi yegusha zibe zezeminikelo yoxolo, kuze kubingelwe ebusweni bukayehova; nomnikelo wokudla unyeliwe ngeoli; ngokuba namhla uyehova eya kubonakala kuni.
5Baza batabata oko wakuyalelayo u‐Mosesi, bakuzisa pambi kwentente yentlangano; yati yonke intlanganiso yasondela, yema pambi kwoyehova. 6Wayesiti u‐Mosesi: Yilento uyehova ayiyaleleyo ukuba maniyenze; kuze kubonakale kuni ubungcwalisa bukayehova.
7Waye u‐Mosesi wati ku‐Arone: Sondela esibingelweni, ulenze elako idini lesono, nelako idini lokutshiswa; uze ulwenze uxoliso ngenxa yako, nangenxa yabantu; wandule unikele umnikelo wabantu, ubenzele uxoliso; njengokuba eyalele uyehova.
8Waza wasondela u‐Arone esibingelweni, waxe̔la inkonyana yedini lesono, eyelake. 9Basuka onyana baka‐Arone balizisa igazi kuye; waza wafaka umnwe wake egazini elo, walibeka ezimpondweni zesibingelo; wandula wagalela igazi ngasesekweni lesibingelo. 10Kodwa inqata, nezintso, nendawo ezizengezelayo esibindini, kulo idini lesono, wazitshisa pezu kwesibingelo; njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi. 11Kanti inyama nesikumba wazitshisa ngomlilo ngapandle kwomnquba. 12Waza waxe̔la idini lokutshiswa; basuka onyana baka‐Arone bamnikela igazi; owalitshizayo pezu kwesibingelo ngento engqongayo. 13Bamnikela nedini lokutshiswa ngezito zalo, nentloko; owalitshisayo esibingelweni. 14Umbilini nentungo wazihlanza ngamanzi, wazitshisa pezu kwedini lokutshiswa, esibingelweni.
15Waza wasondeza umnikelo wabantu, watabata ibokwe yedini lesono, eyelabantu, wayixe̔la, wayenza idini lesono, njengelokuqala. 16Wasondeza nedini lokutshiswa, walenza njengesiko. 17Wasondeza kanjalo umnikelo wokudla, wazalisa isandla sake kwa kuwo, watshisa oko pezu kwesibingelo, ngapandle kwelokusa idini lokutshiswa. 18Wandula waxe̔la inkabi nenkunzi yegusha zibe ngumbingo woxolo, ongowabantu: basuka onyana baka‐Arone bamnikela igazi, owalitshizayo pezu kwesibingelo ngento engqongayo; 19kwa namanqata avela kwinkabi nakwinkunzi yegusha, umsila, nelo ligubungela umbilini, nezintso, nendawo ezizengezelayo zesibindi: 20baye bebeka lamanqata pezu kwazo izifuba; waza watshisa amanqata lawo esibingelweni. 21Kodwa izifuba nowokunene umkono wazishukushukumisa u‐Arone zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova; njengokuba ebeyalele u‐Mosesi.
22Waye u‐Arone wapakamisa isandla sake ngasebantwini, wabatamsanqelisa; waza wehla, akuba enzile idini lesono, nedini lokutshiswa, neminikelo yoxolo. 23Wandula wangena u‐Mosesi no‐Arone ententeni yentlangano; bapuma ke, batamsanqelisa abantu: bati ubungcwalisa bukayehova babonakala kubo bonke abantu. 24Kwaye kupuma umlilo ebusweni bukayehova, wagqibela pezu kwesibingelo idini lokutshiswa namanqata: bati bakubona bonke abantu, badanduluka ngovuyo, bawa ngobuso babo.