1ANIYI kuzenzela amadalo, nomfanekiso oqingqiweyo; aniyi kuzipakamisela isifanekiso esimiyo kanjalo; nelitye eliba̔liweyo aniyi kulimisa elizweni lenu, ukuba nitobe pantsi pambi kwalo: ngokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
2Isabata zam niya kuzigcina, nendawo yam engcwele niya kuyihlonela: ndi nguyehova mna.
3Ukuba niyahamba ngemimiso yam, nigcine nemiyalelo yam, niyenze nokuyenza; 4ndiya kwandula ndiyinise imvula yenu ngexesha layo; woti umhlaba unike ukuhluma kwawo, nemiti yasendle inike ukuqa̔ma kwayo; 5liti ixesha lokubula lifikele ukuvunwa kwedreyive, nokuvunwa kwedreyive kufikele ixesha lokuhlwayela; naniya kudla ukutya kwenu kude kuhlutwe, nihlale ngokunqaba elizweni lenu. 6Kanjalo ndonika uxolo elizweni, nize, niti tyambalala, kungeko oya kunitusa: ndandiya kupelisa amaṙamncwa elizweni; kanjalo iṙele aliyi kudlula elizweni lenu. 7Naniya kusukela intshaba zenu, eziya kuwa pambi kwenu ngeṙele. 8Isihlanu sakuni sosukela iwaka, nekulu lakuni losukela ishumi lamawaka; ziti intshaba zenu ziwe pambi kwenu ngeṙele. 9Ngokuba ndiya kubeka kuni, ndinicumise, ndinandise nokunandisa; nocebano lwam ndiya kulumisa nani. 10Naniya kutya okudala, okwomileyo; kanjalo okudala nokukupa ngenxa yokutsha. 11Ndandiya kubeka itabanakele yam pakati kwenu; waye umpefumlo wam ungayi kunidela. 12Ndiya kuhamba pakati kwenu, ndibe ngutixo kuni, noti nina nibe ngabantu kum. 13Mna ndi nguyehova, utixo wenu, endinipumisileyo elizweni le‐Jipete, ukuze ningabi ngamakoboka kubo; ndandapule izibonda zeyokwe yenu, ndenza ukuba nihambe ngokupakama.
14Kodwa ukuba aniyi kupulapula kum, nayo yonke lemiyalelo aniyi kuyenza; 15nokuba niya kulahla imimiso yam, nokuba umpefumlo wenu uya kudela izigwebo zam, nize ningayenzi yonke imiyalelo yam, nide nilwapule ucebano lwam: 16kanjalo nam ndiya kwenza oku kuni, okwokuba ndiya kubeka pezu kwenu isituso, nokungcungcuteka, necesine, ezonto eziya kugqibela amehlo, ziwucubukise nompefumlo; nembewu yenu nofumana niyihlwayele, ngokuba ziya kuyidla intshaba zenu. 17Ndandiya kumisa ubuso bam ngakuni, ukuze noyiswe pambi kwentshaba zenu; baye abatiyi benu beya kunipata ngobukosi, naniya kusaba nina, nxa kungeko oniputumayo.
18Nokuba aniyi kuti ngako oku nipulapule kum, sendiya kwongeza ukunohlwaya ngokusixe̔nxe ngenxa yezono zenu. 19Ngokuba ndiya kwapula iṙatshi lokwomelela kwenu; ndandiya kwenza izulu lenu njengesincete, nomhlaba wenu njengobedu. 20Kanjako kwofumana kupeliswe amandla enu; ngokuba umhlaba wenu ungayi kunika ukuhluma kwawo, nemiti yelizwe ingayi kunika ukuqa̔ma kwayo.
21Nokuba niya kuhamba ngokucasana nam, nize ningavumi ukupulapula kum, sendiya kwongeza pezu kwenu izibeto ngokusixe̔nxe njengezono zenu. 22Ndandiya kutuma pakati kwenu izilo zasendle, eziya kunihluta abantwana benu, zibubise nenkomo zenu, zenze nina nibe bancinane; zaye indlela zenu ziya kweneka.
23Nokuba aniyi kuti ngezizinto nilulekwe ndim, koko niya kuhamba ngokucasana nam; 24sendiya kuhamba kwa nam ngokucasana nani, ndinibete kanjalo ngokusixe̔nxe ngenxa yezono zenu. 25Ndandiya kuzisa pezu kwenu iṙele, eliya kupindezela impindezelo yocebano lwam: kanjalo nakubutelwa ezixekweni zenu, ndiya kwandula nditume isifo esibubisayo pakati kwenu; naniya kunikelwa esandleni sotshaba. 26Kwoti xeshekweni ndinapulele umsimelelo wesonka, bandule abafazi abalishumi boje isonka senu eziko linye, babuyise isonka senu ngokulinganisa: notya ke, kanti aniyi kuhluta.
27Nokuba aniyi kuti ngako oku nipulapule kum, koko niya kuhamba ngokucasana nam; 28sendiya kuhamba ngokucasana nani ngobuṙalaṙume, ndinohlwaye kanjalo ngokusixe̔nxe ngenxa yezono zenu. 29Ngokuba niya kuyidla inyama yonyana benu, nenyama yentombi zenu niya kuyidla. 30Ndandiya kuzicita indawo zenu ezipakamileyo, ndizigaule izifanekiselo zelanga zenu, nezidumbu zenu ndoziposa pezu kwezidumbu zezitixwana zenu; woti umpefumlo wam unidele. 31Nezixeko zenu ndiya kuzenza bunxuwa, nendawo zenu ezingcwele ndozicitakalisa; kanjako andiyi kusezela ivumba elimnandi lenu. 32Ewe, elozwe ndolicitakalisa; zide ziti nqa pezu kwalo intshaba zenu ezihlala kulo. 33Nani nina ndoniti sa pakati kwabaheyideni, ndir̔ole nasemva kwenu iṙele: loti ilizwe lenu libe yingcitakalo, nezixeko zenu zibe bunxuwa. 34Oko ilizwe liya kwenzelela isabata zalo, yonke imihla yokucitakala kwalo, neyokubako kwenu ezweni lentshaba zenu; kwa oko liya kupumla ilizwe, lenzelele isabata zalo. 35Yonke imihla yokucitakala kwalo liya kupumla; ngokokuba lingapumlanga kuzo isabata zenu, nxa nibe nihleli pezu kwalo.
36Nabaseleyo pakati kwenu ndiya kuzisa ubugwala ezintliziyweni zabo emazweni entshaba zabo; side isandi segqabi elipetshulweyo sibasabise: babeya kubaleka, njengokungati kubalekwa iṙele, bawe nokuwa, nxa kungeko oputumayo. 37Baya kuwelana njengapambi kweṙele, nxa oputumayo angeko; kanjako aniyi kuba nako ukuma ebusweni bentshaba zenu. 38Koko niya kububa pakati kwabaheyideni, nelizwe lentshaba zenu lonidla. 39Boti abaseleyo pakati kwenu bangcungcuteke ngenkohlakalo yabo emazweni entshaba zenu; nakanjako ngenkohlakalo zoyise babo baya kungcungcuteka kunye nabo.
40Ukuba baya kuxela inkohlakalo yabo, nenkohlakalo yoyise babo, ngesigqito bagqitile ngaso ngakum; nokokuba kanjalo bahambile ngokucasana nam; 41nokuba kanjalo ndihambile ngokucasana nabo, ndabazisa elizweni lentshaba zabo: ukuba oko zitobekile intliziyo zabo ezingalukileyo, nokuba oko bayavuma ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yabo; 42ndiya kwandula ndikumbule ucebano lwam kunye no‐Yakobi; nalo nocebano lwam kunye no‐Yisake, nalo nocebano lwam kunye no‐Abrahame ndolukumbula; nelizwe ndolikumbula.
43Kwa njalo ilizwe loshiyelwa ngabo, lenzelele isabata zalo, nxa licitakele ngenxa yabo, bade bavume bona ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yabo; ngokuba, ewe ngokokuba belahlile izigwebo zam, nokuba umpefumlo wabo udelile imimiso yam. 44Kodwa noko kunjalo, bakuba besemazweni entshaba zabo, andiyi kubalahla, andiyi kubadela kanjalo, ukuba ndibagqibele, nokuba ndilwapule ucebano lwam kunye nabo: ngokuba ndi nguyehova mna, utixo wabo. 45Kodwa ndobakumbulela ucebano lwomakulu babo, endapumisa bona elizweni le‐Jipete emehlweni abaheyideni, ukuze ndibe ngutixo wabo: mna ndi nguyehova.
46Yiyo le imimiso, nemigwebo, nemiteto, abeyenza uyehova pakati kwake nosapo luka‐Sirayeli, entabeni ye‐Sinai, ngesandla sika‐Mosesi.