1WALEKELA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Imitendeleko kayehova, eniya kuyishumayela ukuba zintlanganisano ezingcwele, yiyo le imitendeleko yam.
3Yimihla mitandatu ekuya kwenziwa umsebenzi; kodwa ngomhla wesixe̔nxe yisabata yopumlo, intlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi ngawo: yisabata kayehova kuwo onke amakaya enu.
4Yiyo le imitendeleko kayehova, intlanganisano ezingcwele, eniya kuyishumayela ngamaxeska ayo amisiweyo.
5Ngenyanga yokuqala, ngoweshumi linesine umhla, pakati kwokuhlwa, yipasika kayehova. 6Nangomhla weshumi linesihlanu walenyanga, ngumtendeleko wezonka ezingenagwele kuyehova: yimihla esixe̔nxe eniya kutya izonka ezingenagwele. 7Ngowokuqala umhla noba nentlanganisano engcwele: aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo. 8Koko niya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova imihla ibe sixe̔nxe: ngomhla wesixe̔nxe yintlanganisano engcwele; aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo.
9Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 10Teta nosapo luka‐Sirayeli, uti kulo: Xeshekweni nise nifikile kwelozwe endinipa lona, naza navuna ukuvunwa kwalo, niya kwandula nizise isitungu sesiqalo sokuvuna kwenu kumperisite; 11oya kushukushukumisa isitungu eso pambi kwoyehova, ngenxa yokubukwa kwenu: ngomhla wokusa emveni kwayo isabata umperisite wosishukushukumisa. 12Naniya kunikela ngomhla wokushukushukumisa kwenu isitungu eso imvana emsulwa, eyomnyaka mnye, ibe lidini lokutshiswa kuyehova; 13kwa nomnikelo wokudla wayo, isibini sezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo unyeliwe ngeoli, umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, libe livumba elimnandi; nomnikelo wokusela wayo weveyine, isiqingata sesine sehine. 14Isonka, namaqashu, nezikwebu eziluhlaza, aniyi kuzidla, kude kube ngokwa nguwo umhla eniya kuzisa ngawo umnikelo wotixo wenu: woba ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu, kuwo onke amakaya enu.
15Kanjalo niya kubala kuni nitabata komnye umhla emveni kwesabata, kwa semhleni wokuzisa kwenu isitungu sokushukushukunyiswa; zoba zisabata ezizalisekileyo zisixe̔nxe: 16kwa kude kube ngomnye umhla emveni kweyesixe̔nxe isabata niya kubala imihla imashumi mahlanu; nize ninikele umnikelo wokudla omtsha kuyehova. 17Niya kuzisa zivela emakayeni enu izonka zokushukushukunyiswa zizibini; zoba zezezibini ezeshumi iziqingata zeyefa yomgubo ocolekileyo; sezibilisiwe ziya kwojwa: lulibo kuyehova. 18Naniya kunikela ndawonye nezonka ezo imvana ezimsulwa zibe sixe̔nxe, ezomnyaka mnye, kwa nenkunzana elitole lenkomo ibe nye, nenkunzi zegusha zibe mbini: zoba lidini lokutshiswa kuyehova, kunye nomnikelo wokudla wazo neminikelo yokusela yazo, umnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova. 19Nandule nenze ixwana linye lebokwe libe lidini lesono, nemvana zimbini zomnyaka mnye zibe ngumbingo woxolo. 20Waye umperisite eya kuzishukushukumisa ndawonye nezonka zolibo, zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa, pambi kwoyehova, kunye nemvana zombini: zoba yingcwele kuyehova ngenxa yomperisite. 21Naniya kushumayela ngokwa nguwo umhla lowo, ukuba makube yintlanganisano engcwele kuni: aniyi kwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo: kwoba ngummiselwa ongunapakade kuwo onke amakaya enu ngezizukulwana zenu.
22Naxeshekweni nivunayo ukuvunwa kwomhlaba wenu, akuyi kugqibela amagumbi entsimi yako ekuvuneni kwako; nokubutekayo kwokuvuna kwako akuyi kukubuta; wokushiyela ihlwempu nowasemzini oko: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
23Wateta uyehova kanjako ku‐Mosesi, esiti: 24Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Ngenyanga yesixe̔nxe, ngowokuqala umhla wenyanga, noba nopumlo, inkumbuzo yokuhlokoma kwamaxilongo, intlanganisano engcwele. 25Aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo; koko niya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.
26Walekela wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 27Kanjalo ngoweshumi umhla walenyanga yesixe̔nxe, ngumhla wokuxolisa wona; noba nentlanganisano engcwele; naniya kubandezela imipefumlo yenu, ninikele umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova. 28Nangokwa nguwo umhla lowo aniyi kuwenza namnye umsebenzi: ngokuba ungumhla wokuxolisa wona, wokuba kunenzelwe uxoliso ebusweni bukayehova, utixo wenu. 29Ngokuba yonke imipefumlo engabandezelwanga ngokwa nguwo umhla lowo, yona yonqanyulwa ebantwini bayo. 30Nayo yonke imipefumlo eyenzayo omnye umsebenzi ngokwa nguwo umhla lowo, sendiya kutshabalalisa imipefumlo leyo pakati kwabantu bayo. 31Aniyi kuwenza namnye umsebenzi: ngummiselwa ongunapakade ngezizukulwana zenu kuwo onke amakaya enu. 32Woba yisabata yopumlo kuni, eniya kubandezela imipefumlo yenu ngayo: ngowesitoba umhla wenyanga ngokuhlwa, kwa sekuhlweni kude kube sekuhlweni, niya kuyenza isabata yenu.
33Wandula wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 34Teta elusatsheni luka‐Sirayeli, usiti: Ngoweshumi linesihlanu umhla walenyanga yesixe̔nxe, kwobako umtendeleko wamapempe imihla ibe sixe̔nxe kuyehova. 35Ngomhla wokuqala kwobako intlanganisano engcwele: aniyi kuwenza namnye umsebenzi wenkonzo ngawo. 36Yoba yimihla esixe̔nxe eniya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova; ngomhla wesibozo noba nentlanganisano engcwele, naniya kunikela umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova: yintlanganiso enkulu; aniyi kuwenza namnye umsebenzi. 37Yiyo le imitendeleko kayehova, eniya kuyishumayela ukuba zintlanganisano ezingcwele, kuze kunikelwe umnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova, idini lokutshiswa nomnikelo wokudla, umbingelelo neminikelo yokusela, into yemini ngemini yayo: 38ngapandle kwesabata zikayehova, nangapandle kwezipo zenu, nangapandle kwazo zonke izibambiso zenu, nangapandle kwayo yonke iminikelo yenu yesisa, eniyinikayo kuyehova. 39Kodwa ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesixe̔nxe, nxa nibutileyo imveliso yomhlaba, niya kubamba umtendeleko kayehova imihla ibe sixe̔nxe: ngomhla wokuqala lwobako upumlo, nangomhla wesibozo lwobako upumlo. 40Niya kutabatela kuni ngomhla wokuqala amasebe emiti emihle, amasebe emiti yepalime, namagatya emiti ebungqingqwa, nemincunuba yasemlanjaneni; naniya kugcoba pambi kwoyehova, utixo wenu, imihla ibe sixe̔nxe. 41Lowo umtendeleko niya kuwubamba kuyehova imihla ibe sixe̔nxe emnyakeni mnye: ngummiselwa ongunapakade ezizukulwaneni zenu; ngenyanga yesixe̔nxe niya kuwubamba. 42Niya kuhlala emapempeni imihla ibe sixe̔nxe; bonke abangama‐Sirayeli ngokuzalwa bohlala emapempeni; 43ukuze zikwazi izizukulwana zenu okokuba bendihlalisa usapo luka‐Sirayeli emapempeni, ndakulupumisa elizweni le‐Jipete: mna ndi nguyehova, utixo wenu.
44Waye u‐Mosesi waxela imitendeleko kayehova elusatsheni luka‐Sirayeli.