1XESHEKWENI umntu aya kunikela ngomnikelo ongowokudla kuyehova, umnikelo wake woba ngowomgubo ocolekileyo: uya kugalela ioli pezu kwawo, nentlakamhlope uya kuyibeka pezu kwawo. 2Waeya kuwuzisa konyana baka‐Arone, kubaperisite; ati omnye abambe kwa kona ngento ezalisa isandla sake kumgubo ocolekileyo wawo, nakwioli yawo, kunye nayo yonke intlakamhlope yawo; aze umperisite asitshise isikunjuzelwa sawo pezu kwesibingelo, sibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova. 3Oko kuseleyo kumnikelo wokudla, kwoba kokuka‐Arone nokwonyana bake: uyinto eyingcwelekazi kuyo iminikelo eyenziwayo ngomlilo kayehova.
4Naxeshekweni uya kunikela ngomnikelo ongowokudla, into eyojiweyo eziko, woba ngowezingenagwele izonkana zomgubo ocolekileyo zinyeliwe ngeoli, nezingenagwele izonkanyana zitanjisiwe ngeoli.
5Nokuba umnikelo wako ungowokudla owojiwayo elukambeni, woba ngowomgubo ocolekileyo ongenagwele, unyeliwe ngeoli. 6Uya kuwuqezula emaqezwini, uze ugalele ioli pezu kwawo: ngumnikelo wokudla wona.
7Ukuba kanjalo ungowokudla opekwayo embizeni umnikelo wako, uya kwenziwa ngomgubo ocolekileyo uneoli. 8Wauya kuzisa umnikelo wokudla owenziweyo ngezizinto kuyehova; andule ati umperisite, akunikelwa wona, awusondeze esibingelweni. 9Waye umperisite eya kususa kumnikelo wokudla isikunjuzelwa sawo, asitshise pezu kwesibingelo: ngumnikelo owenziwa ngomlilo, wevumba elimnandi kuyehova. 10Oko kuseleyo kumnikelo wokudla, kwoba kokuka‐Arone nokwonyana bake: uyinto eyingcwelekazi kuyo iminikelo eyenziwayo ngomlilo kayehova.
11Akuko mnikelo wokudla, eniya kunikela ngawo kuyehova, oya kwenziwa ngegwele; ngokuba igwele nobusi ningayi kutshisa nanye into enazo ibe ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova: 12umnikelo wolibo niya kunikela wona unazo kuyehova; kodwa azisayi kunyukela esibingelweni libe livumba elimnandi.
13Nayo yonke iminikelo yomnikelo wokudla wako uya kumvumvuzela yona ngetyuwa; kanjako akuyi kupelisa ityuwa yocebano lwotixo wako kuwo umnikelo wokudla wako: yonke iminikelo yako uya kuyinikela inetyuwa.
14Naxeshekweni uya kunikela ngomnikelo wokudla welibo zako kuyehova, ngezikwebu eziluhlaza zenqolowa zojiwe ngomlilo, ngenqolowa ecutyiweyo ezikwebini ezibonxileyo, uya kunikela umnikelo wokudla welibo zako. 15Wauya kubeka ioli pezu kwawo, nentlakamhlope uya kuyibeka pezu kwawo: ngumnikelo wokudla wona. 16Waye umperisite eya kutshisa isikunjuzelwa sawo, inxenye yenqolowa ecutyiweyo yawo, nenxenye yeoli yawo, kunye nayo yonke intlakamhlope yawo: ngumnikelo owenziwa ngomlilo kuyehova.