1Wateta kanjako uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Nguwo lo oya kuba ngumteto weleperi ngomhla wokucokiswa kwalo: Lona liya kuziswa kumperisite: 3waeya kupuma umperisite aye ngapandle kwomnquba; aze ati umperisite, akubona ukuba kekaloku isibulawa sesilepero sipilisiwe kulo ileperi, 4andule axele umperisite, ukuba kutatyatelwe lowo oya kucokiswa intakana zibe mbini, ezipilileyo, ezicocekileyo, nomti wesedare, nesibomvu, nehisope; 5abuye axele umpersite, ukuba kuxe̔lwe enye intakana empandeni wodongwe pezu kwamanzi elayo. 6Epilileyo intakana uya kutabata yona, nomti wesedare, nesibomvu, nehisope, aze azifake ezizinto nentakana epilileyo egazini lentakana exe̔liweyo pezu kwamanzi elayo. 7Waeya kuti fefe pezu kwalowo oya kucokiswa esilepereni amaxesha asixe̔nxe, axele ukuba ucokisekile, nentakana epilileyo woyindululela ngasendle.
8Nalowo oya kucokiswa yena uya kuhlanza izivato zake, agugule zonke inwele zake, ahlambe emanzini, aze abe ecokisekile: woti emveni kwoko angene emnqubeni; kodwa uya kuhlala ngapandle kwentente yake imihla ibe sixe̔nxe. 9Kwakuya kuti ngomhla wesixe̔nxe, uya kugugula zonke inwele zake, intloko yake, nodevu lwake, namashiyi ake; kwa zonke inwele zake uya kuzigugula: waeya kuhlanza izivato zake, ayihlambe inyama yake ngamanzi, aze abe ecokisekile.
10Nangomhla wesibozo uya kutabata imvana ezimsulwa zibe mbini, nemvanakazi ibe nye yomnyaka mnye emsulwa, nezeshumi iziqingata zibe zitatu zeyefa yomgubo ocolekileyo, ube ngumnikelo wokudla, unyeliwe ngeoli, neloge ibe nye yeoli. 11Waeya kuti umperisite ocokisayo amise indoda eya kucokiswa, nezizinto, pambi kwoyehova, elucangweni lwentente yentlangano. 12Andule umperisite atabate enye imvana, ayinikele ibe lidini letyala, kunye nayo iloge yeoli; aze azishukushukumise zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa ebusweni bukayehova. 13Waeya kuxe̔la imvana leyo endaweni apo kuxe̔lwa kona idini lesono nedini lokutshiswa, endaweni eyingcwele: ngokuba njengedini lesono linjalo idini letyala, lelomperisite; liyinto eyingcwelekazi lona. 14Waye umperisite eya kucapula egazini ledini letyala, aze umperisite alibeke pezu kwesitinzi seyokunene indlebe yalowo oya kucokiswa, napezu kwesitupa sesokunene isandla sake, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwake. 15Andule umperisite acapule kuyo iloge yeoli, ayigalele kwesokohlo isandla somperisite. 16Aze umperisite afake owokunene umnwe wake kuyo ioli ekwesokohlo isandla sake, asasaze kuleoli ngomnwe wake amaxesha abe sixe̔nxe pambi kwoyehova. 17Nakulo iliva leoli esesandleni sake, umperisite wobeka pezu kwesitinzi seyokunene indlebe yalowo oya kucokiswa, napezu kwesitupa sesokunene isandla sake, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwake, pezu kwegazi lalo idini letyala. 18Neseleyo kuyo ioli esesandleni somperisite woyigalela pezu kwentloko yalowo oya kucokiswa; ade umperisite amenzele uxoliso ebusweni bukayehova. 19Woti kanjalo umperisite anikele idini lesono, enze uxoliso ngenxa yalowo oya kucokiswa ekunco̔leni kwake; andule axe̔le nedini lokutshiswa. 20Elodini lokutshiswa umperisite uya kunikela lona nomnikelo wokudla pezu kwesibingelo; waye umperisite eya kumenzela uxoliso, aze abe ecokisekile.
21Ukuba kodwa ulihlwempu yena, isandla sake singenakufikela okungaka nje, makatabate imvana ibe nye ibe lidini letyala, kushukushukunyiswe, kuze kumenzelwe uxoliso; kwa neseshumi isiqingata sibe sinye seyefa yomgubo ocolekileyo, unyeliwe ngeoli, ube ngumnikelo wokudla, neloge yeoli; 22namahobe abe mabini, umhlaumbi amatole ezuba abe mabini, lawo isandla sake sinokuwafikela; eliya kuti elinye libe lidini lesono, nelinye libe lidini lokutshiswa. 23Waeya kuzisa ezozinto ngowesibozo umhla wokucokiswa kwake kumperisite, elucangweni lwentente yentlangano, pambi kwoyehova. 24Woti umperisite atabate imvana yedini letyala, neloge yeoli; aze umperisite azishukushukumise zibe ngumnikelo wokushukushukunyiswa pambi kwoyehova. 25Waeya kuxe̔la imvana yedini letyala; andule umperisite acapule egazini ledini letyala, alibeke pezu kwesitinzi seyokunene indlebe yalowo oya kucokiswa, napezu kwesitupa sesokunene isandla sake, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwake. 26Nenxenye yeoli leyo umperisite woyigalela kwesokohlo isandla somperisite. 27Andule umperisite asasaze ngowokunene umnwe wake, kuyo ioli ekwesokohlo isandla sake, amaxesha abe sixe̔nxe pambi kwoyehova. 28Aze umperisite abeke kuyo ioli esesandleni sake pezu kwesitinzi seyokunene indlebe yalowo oya kucokiswa, napezu kwesitupa sesokunene isandla sake, napezu kwobontsi wolwokunene unyawo lwake, pezu kwendawo yegazi ledini letyala. 29Neseleyo kuyo ioli esesandleni somperisite woyibeka pezu kwentloko yalowo oya kucokiswa, kuze kumenzelwe uxoliso pambi kwoyehova. 30Waeya kunikela elinye kuwo amahobe, umhlaumbi kuwo amatole ezuba, kulawo isandla sake sinokuwafikela; 31kwa kulawo isandla sake sinokuwafikela wonikela elinye libe lidini lesono, nelinye libe lidini lokutshiswa, kunye nomnikelo wokudla; aze umperisite enze uxoliso ngenxa yalowo oya kucokiswa pambi kwoyehova.
32Nguwo lo umteto wokukuye isibulawa sesilepero, osandla sake singenakufikela okukulu ekucokisweni kwake.
33Wabuya wateta uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone, esiti: 34Xeshekweni niya kufika elizweni le‐Kanane, endinipa lona libe yimfuyo, ndize ndibeke isibulawa sesilepero endlwini yaselizweni lemfuyo yenu; 35makeze lowo indlu iyeyake, ashumayele kumperisite, esiti: Kubonakala kum njengokungati sisibulawa endlwini. 36Waye umperisite eya kuxela ukuba balungise leyondlu, engekangeni umperisite ukuza kukangela esosibulawa, ukuze kunganco̔liswa konke okusendlwini: woti umperisite emveni kwoko, angene ukuza kukangela leyondlu. 37Nxa abonayo isibulawa, ukuba nasi isibulawa sisezindongeni zendlu, intlambo eziluhlazaṙa umhlaumbi ezibomvuṙa, ezibenileyo kulo udonga ukubonakala kwazo; 38woti umperisite apume endlwini aye elucangweni lwendlu, aze ayitshixe leyondlu imihla ibe sixe̔nxe. 39Andule abuye umperisite ngomhla wesixe̔nxe, akangele: ukuba kekaloku isibulawa eso sitwabulukile ezindongeni zalondlu; 40umperisite uya kuxela ukuba kur̔olwe lamatye isibulawa sikuwo, nokuba kuposwe wona ngapandle kwesixeko, endaweni enco̔lileyo. 41Nendlu leyo uya kwenza ukuba bayiṙwele pakati ngento engqongayo, notuli baluṙwelileyo bolugalela ngapandle kwesixeko, endaweni enco̔lileyo. 42Bandule batabate amatye wambi, bawangenise esikundleni samatye lawo; kwotatyatwa nodaka lumbi, kutyatyekwe indlu leyo. 43Kodwa ukuba siyabuya size isibulawa, sijaduke kulondlu, emveni kwokur̔olwa kwamatye, nasemveni kwokuṙwelwa kwendlu, nasemveni kwokutyatyekwa kwayo; 44woza umperisite akangele: ukuba kekaloku sesitwabulukile isibulawa endlwini, sisilepero esidlayo kulondlu; inco̔lile yona. 45Kukona kuya kucitwa leyondlu, amatye ayo, nemiti yayo, nalo lwonke udaka lwendlu; yokutshelwa pandle kwesixeko, endaweni enco̔lileyo. 46Kanjako ongenayo kulondlu ngayo yonke imihla yokutshixwa kwayo, woba enco̔lile yena kude kuhlwe. 47Nolele pantsi kulondlu yena uya kuhlanza izivato zake; nalowo utyayo kulondlu, wohlanza izivato zake naye.
48Kodwa nxa abuya angene umperisite, abone ukuba kekaloku isibulawa asitwabulukanga endlwini, emveni kwokutyatyekwa kwayo; woti umperisite axele ukuba icocekile leyondlu, ngokuba sesipilisiwe isibulawa eso. 49Andule atabatele ukuhlanjululwa kwalondlu intakana zibe mbini, kwa nomti wesedare, nesibomvu, nehisope. 50Waeya kuxe̔la enye intakana empandeni wodongwe, pezu kwamanzi elayo. 51Aze atabate lomti wesedare, nehisope, nesibomvu, nentaka epilileyo, azifake ezonto egazini layo intaka exe̔liweyo, nasemanzini elayo, ayisasaze indlu amaxesha abe sixe̔nxe. 52Waeya kuhlambulula leyondlu ngegazi lentakana, nangalamanzi elayo, nangentakana epilileyo, nangalomti wesedare, nangehisope, nangesibomvu: 53nentakana epilileyo uya kuyindululela pandle kwesixeko, ezindle: kwa njalo uya kwenzela leyondlu uxoliso, ize ibe icokisekile.
54Nguwo lo umteto ngazo zonke izibulawa zesilepero, nezokwekwe; 55nangaso isilepero sesivato, nesendlu; 56nangokudumba, nangesilonda, nangetyakuva elikazimlayo; 57kuze kufundiswe nxa into inco̔lile, nanxa into icocekile. Lo ungumteto wesilepero.