I‐Levitikusi 12
1WABUYA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Teta nosapo luka‐Sirayeli, usiti: Umfazi nxa akaulileyo, wazala inkwenkwe, woba enco̔lile imihla ibe sixe̔nxe; njengasemihleni yokwahlukanela isifo sake woba enco̔lile. 3Nangowesibozo umhla iya kwaluswa inyama yejwabu layo. 4Uya kwandula ahlale egazini lokucokiswa kwake imihla ibe ngamashumi matatu anesitatu; konke okungcwele akayi kukucukumisa, neyingcwele indawo akayi kungena kuyo, kude kuzalisekiswe imihla yokucokiswa kwake. 5Kodwa ukuba uzele inkazana woba enco̔lile iveki zibe mbini, njengasekwahlukaneni kwake; andule ahlale egazini lokucokiswa kwake imihla ibe ngamashumi matandatu anesitandatu.
6Woti kwakuzalisekiswa imihla yokucokiswa kwake, ngenxa yonyana, umhlaumbi ngenxa yentombi, andule azise imvana yomnyaka mnye ibe lidini lokutshiswa, netole lezuba, umhlaumbi ihobe, libe lidini lesono, elucangweni lwentente yentlangano, kumperisite: 7oya kuyinikela ebusweni bukayehova, amenzele uxoliso; aze acokiswe etonjeni legazi lake. Nguwo lo umteto walowo uzeleyo inkwenkwe, umhlaumbi inkazana. 8Kodwa ukuba isandla sake asifumani okwanele imvana, makatabate amahobe abe mabini, umhlaumbi amatole ezuba abe mabini, elinye libe leledini lokutshiswa, elinye libe leledini lesono; ati umperisite amenzele uxoliso, abe yena ecokisekile.
Bible Society of South Africa 1902