1Kwaye kuko iqashiswa nakwisizwe sika‐Manase; ngokuba yena ebengowamazibulo ka‐Josefe: ku‐Makire, owamazibulo ka‐Manase, uyise ka‐Gileyadi, ngokuba ebeyindoda yokulwa, kukona kwanikwa kuye i‐Gileyadi ne‐Bashane. 2Kwaye kuko nakubantwana baka‐Manase abaseleyo iqashiswa, ngezizalwane zabo: kulo usapo luka‐Abihezere, nakulo usapo luka‐Heleki, nakulo usapo luka‐Asiriyeli, nakulo usapo luka‐Shekeme, nakulo usapo luka‐Hefere, nakulo usapo luka‐Shemida: aba ngabantwana baka‐Manase unyana ka‐Josefe ababudoda, ngezizalwane zabo.
3Kodwa u‐Tselofehadi, unyana ka‐Hefere, unyana ka‐Gileyadi, unyana ka‐Makire, unyana ka‐Manase, ebengenabo onyana, wanentombi kupela: ngawo la amagama entombi zake: ngu‐Mahala, no‐Noha, no‐Hogela, no‐Mileka, no‐Tiretsa. 4Baye bona besondela ebusweni buka‐Elezari umperisite, nasebusweni buka‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, nasebusweni benkosi, besiti: Uyehova wamyalela u‐Mosesi ukuba sinikwe ilifa pakati kwabazalwana betu. Waza wabanika, ngelizwi likayehova, ilifa pakati kwabazalwana boyise.
5Kwa njalo kwawa izahlulo ezilishumi ku‐Manase, ngapandle kwelizwe le‐Gileyadi ne‐Bashane, elipesheya kwe‐Yoredane; 6ngokuba intombi zika‐Manase zamkela ilifa pakati kwonyana bake: nelizwe le‐Gileyadi lona onyana baka‐Manase abaseleyo bebenalo.
7Kekaloku umda ka‐Manase wavela e‐Ashere waya e‐Mikemetate, engapambi kwe‐Shekeme; wasuka umda lowo waya ngasekunene, kubo abemi base‐Hene‐tapuwa. 8U‐Manase ebenalo ilizwe lase‐Tapuwa, kodwa i‐Tapuwa, esemdeni ka‐Manase, yona usapo luka‐Frayime belunayo. 9Waza umda lowo wehlela emlanjeni we‐Kana, ngasecaleni lasesuyide lomlambo: ezizixeko zibe zizezika‐Frayime, pakati kwezixeko zika‐Manase. Kanjalo umda ka‐Manase ubusecaleni lasenode lomlambo, nokupela kwawo kwakuselwandle: 10ngasesuyide libe lilelika‐Frayime, nangasenode libe lilelika‐Manase, nolwandle lwalungumda wake; baye befikela kwa‐Ashere ngasenode, nakwa‐Yisakare ngasempumalanga. 11Ngokuba kwa‐Yisakare nakwa‐Ashere u‐Manase ebene‐Bete‐shane namagxamesi ayo, ne‐Yibelame namagxamesi ayo, nabemi base‐Dore namagxamesi ayo, nabemi base‐Hene‐dore namagxamesi ayo, nabemi base‐Tahanaki namagxamesi ayo, nabemi base‐Megido namagxamesi ayo, amazwe amatatu. 12Kodwa usapo luka Manase belukohlwa kukubagqogqa abemi bezozixeko; koko aba‐Kanane bebetanda ukuhlala kwelozwe. 13Kwaza kwati, xeshekweni luse lwomelele usapo luka‐Sirayeli, lwabenza aba‐Kanane babe ngabanikeli; kodwa alwabagqogqa ngokugqibela.
14Lwandula lwateta usapo luka‐Josefe ku‐Yoshuwa, lusiti: Yinina ukuba undinikile libe lilifa iqashiswa linye nesahlulo sinye kupela, ndingabantu abaninzi nje, njengokuba uyehova enditamsanqele kwada kwakaloku? 15Waza wati kulo u‐Yoshuwa: Ungabantu abaninzi nje, nyuka uye ehlatini, uzihlahlele kwa lapo elizweni lama‐Perizi nelama‐Rafa, ukuba ixinene kuwe intaba yakwa‐Frayime. 16Lwabuya usapo luka‐Josefe lwati: Intaba leyo ayisanele; kanjalo kuko inqwelo zesincete pakati kwabo bonke aba‐Kanane abemiyo elizweni lasemhlanjeni, kwabase‐Bete‐shane namagxamesi ayo, nakwabasemhlanjeni wase‐Yezerele. 17Waza watsho u‐Yoshuwa kwindlu ka‐Josefe, ko‐Frayime nako‐Manase, ukuti: Ungabantu abaninzi, unamandla amakulu; akuyi kuba nalo iqashiswa linye kupela: 18koko intaba iya kuba yeyako: ngokuba ilihlati, wauya kulihlahla, ziti izipumo zalo zibe zezako: ngokuba uya kubagqogqa aba‐Kanane, nakuba banenqwelo zesincete, nakuba bomelele kanjako.