1KEKALOKU u‐Yoshuwa ebemdala, ekolisile ukuba nemihla; waza uyehova wati kuye: Wena umdala, ukolisile ukuba nemihla, kanti lininzi kakulu ilizwe eliseleyo ukuba libanjwe. 2Eli lilizwe eliseleyo: yonke imida yama‐Filistiya, nayo yonke i‐Geshure, 3kutabata e‐Shihore, epambi kwe‐Jipete, kude kube semdeni wase‐Hekrone ngasenode, ilizwe elalibalelwa aba‐Kanane; inkosi ezintlanu zama‐Filistiya, ama‐Gaza, nama‐Ashedode, ama‐Ashekelone, ama‐Gate, nama‐Hekrone; kwa nama‐Havi: 4ngasesuyide, lonke ilizwe laba‐Kanane, ne‐Mehara, eyama‐Tsidone, kude kube se‐Afeki, kude kube semdeni waba‐Amori: 5nelizwe lama‐Gebali, nayo yonke i‐Lebanone ngasekupumeni kwelanga, kutabata e‐Bali‐gadi ngapantsi kwentaba ye‐Heremone, kude kube sekungenweni kwe‐Hamati. 6Bonke abemi bentaba, kutabata e‐Lebanone kude kube se‐Miserefote‐mayime, onke ama‐Tsidone, ndiya kubagqogqa mna pambi kwosapo luka‐Sirayeli: kupela ulabe ngeqashiso ko‐Sirayeli libe lilifa, njengokuba ndikuyalele. 7Ngako kaloku yaba elilizwe libe lilifa kwizizwe ezilitoba, nakwisiqingata sesizwe sika‐Manase. 8Kunye naso esinye isiqingata ama‐Rubene nama‐Gadi alamkele ilifa lawo, elo wawanikayo u‐Mosesi pesheya kwe‐Yoredane ngasempumalanga, njengokuba u‐Mosesi, isicaka sikayehova, wawanika: 9kwa kuyo i‐Harohere, eselunxwemeni lwomlambo we‐Arenone, nesixeko esipakati kwentili, nalo lonke itafa lase‐Medeba kude kwase‐Dibone; 10nazo zonke izixeko zika‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, obepete ubukumkani e‐Heshebone, kude kwakuwo umda wosapo luka‐Hamoni; 11ne‐Gileyadi, nomda wama‐Geshure nama‐Mahaka, nayo yonke intaba ye‐Heremone, nayo yonke i‐Bashane kude kwase‐Saleka; 12bonke ubukumkani buka‐Hogi e‐Bashane, obepete ubukumkani e‐Hashetarote nase‐Edrehi: ngulowo obesele eliveni lama‐Rafa, owati u‐Mosesi wawabeta, wawagqogqa.
13Kodwa ama‐Geshure nama‐Mahaka usapo luka‐Sirayeli alugqogqanga wona; koko ama‐Geshure nama‐Mahaka ahleli pakati kwo‐Sirayeli kwada kwanamhla nje.
14Kupela isizwe sika‐Levi akasinikanga ilifa: iminikelo eyenziwa ngomlilo kayehova, utixo wo‐Sirayeli, yona ililifa laso, njengokuba etshilo kuso.
15Wanika u‐Mosesi kwisizwe sosapo luka‐Rubene ilifa, ngezizalwane zalo. 16Waye umda walo ubuse‐Harohere, eselunxwemeni lwomlambo we‐Arenone, nesixeko esipakati kwentili, nalo lonke itafa langase‐Medeba; 17i‐Heshebone, nazo zonke izixeko zayo ezisetafeni; i‐Dibone, ne‐Bamote‐bali, ne‐Bete‐bali‐mehone, 18ne‐Yahetsa, ne‐Kedemote, ne‐Mefahate, 19ne‐Kiriyatayime, ne‐Sibama, ne‐Tserete‐shahare entabeni yasemhlanjeni, 20ne‐Bete‐pehori, nemifula yase‐Pisega, ne‐Bete‐yeshimote, 21nazo zonke izixeko zasetafeni, nabo bonke ubukumkani buka‐Sihone, ukumkani waba‐Amori, obepete ubukumkani e‐Heshebone, lowo u‐Mosesi wambetayo kunye nenkosi zama‐Midiyane, u‐Evi, no‐Rekeme, no‐Tsure, no‐Hure, no‐Re‐ba, ababezinkosana zika‐Sihone, zihleli kwelozwe. 22No‐Bilame, unyana ka‐Behori, umlauli, lwambulala usapo luka‐Sirayeli ngesiṙele pakati kwabahlatyiweyo lulo. 23Kwa njalo umda wosapo luka‐Rubene ubuyi‐Yoredane, kwa nomda wakona. Lilo eli ilifa losapo luka‐Rubene ngezizalwane zalo, izixeko nemizi yazo.
24Wanika u‐Mosesi kwisizwe sika‐Gadi, kulo usapo luka Gadi, ilifa, ngezizalwane zalo. 25Waye umda walo ubuyi‐Yahezere, nazo zonke izixeko zase‐Gileyadi, nesiqingata selizwe losapo luka‐Hamoni, kude kwase‐Harohere engapambi kwe‐Raba; 26nakuyo i‐Heshebone kude kwase‐Rama‐mitsipe nase‐Betonime; nakuyo i‐Mahanayime kude kwakuwo umda we‐Debire; 27nasemhlanjeni, i‐Bete‐harame, ne‐Bete‐nimra, ne‐Sukote, ne‐Tsafone, isisalela sobukumkani buka‐Sihone ukumkani we‐Heshebone; i‐Yoredane, nomda wakona, kude kwasesipelweni solwandle lwase‐Kinerete pesheya kwe‐Yoredane ngasempumalanga. 28Lilo eli ilifa losapo luka‐Gadi ngezizalwane zalo, izixeko nemizi yazo.
29Wanika u‐Mosesi kwisiqingata sesizwe sika‐Manase ilifa; elibe lelesiqingata sesizwe sosapo luka‐Manase, ngezizalwane zalo. 30Waye umda walo ubuse‐Mahanayime, yonke i‐Bashane, bonke ubukumkani buka‐Hogi ukumkani we‐Bashane, nayo yonke imizi ka‐Yahire, ese‐Bashane, izixeko ezingamashumi matandatu. 31Kwanikwa nesiqingata se‐Gileyadi, ne‐Hashetarote, ne‐Edrehi, izixeko zasebukumkanini buka‐Hogi e‐Bashane, elusatsheni luka‐Makire unyana ka‐Manase, kwisiqingata sosapo luka‐Makire, ngezizalwane zalo.
32Ngawo la amafa owawabayo u‐Mosesi, ematafeni ase‐Mowabi, pesheya kwe‐Yoredane, malungana ne‐Jeriko, ngasempumalanga. 33Kodwa isizwe sika‐Levi u‐Mosesi akasinikanga ilifa: uyehova, utixo wo‐Sirayeli, nguye olilifa labo, njengokuba etshilo kubo.