1Kodwa noko, pulapula ke, Jobi! ukuteta kwam, nawo onke amazwi am uwabekele indlebe. 2Bona ke, sendivulile umlomo wam; kutetile ulwimi lwam pakati kwekuhlangubo lam. 3Amazwi am ovela ekulungeni kwentliziyo yam; umlomo wam woteta ukwazi ngokungcwele. 4Umoya katixo undenzile; nokupefumla kwosomandla kuyandinika ubomi. 5Ukuba ungenje njalo, ndipendule; lungiselela pambi kwam, uzimise. 6Bona ke, ndingo katixo mna, njengokuba unjalo wena; ndabendiqezulwa eludongweni nam. 7Isoyikeko sam asiyi kukutusa, nesandla sam asiyi kuba nzima pezu kwako.
8Okunene utshilo ezindlebeni zam, nentlokoma yamazwi ndayiva, usiti: 9Ndihlambulukile, kungeko isigqito; ndihlanzekile, ndingenatyala. 10Bona ke, uyafuna iziqipukelaniso ngakum; uyandibala ngokuba lutshaba lwake. 11Uyazifaka amakamandela inyawo zam; uyazihlola zonke indlela zam. 12Bona ke, akulungisi ngalento; ndokupendula: ngokuba utixo emkulu kuye umntu.
13Kunganina ukuba uyapika naye? ngokuba engayi kupendulela namnye wemicimbi yake. 14Ngokuba utixo eteta kanye, ewe kabini, kodwa akugqalelwa. 15Ngepupa, ngomboniso wobusuku, kwakuba kusiwa ubutongo obukulu pezu kwabantu, ekwozeleni pezu kwomandlalo: 16oko uyatyila indlebe zabantu, nokululekwa kwabo uyakuncamatisela; 17ukuze apambukise umntu ekwenzeni kwake, alifihle ir̔atshi koyindoda; 18abambe umpefumlo wake emnxunyeni, nobomi bake ekububeni ngomkonto. 19Kanjako, uyohlwaywa ngobuhlungu pezu kwomandlalo wake; nepike lamatambo ake liyinto efuti: 20ude umxe̔lo wake utiye isonka, nompefumlo wake ukutya okumnandi. 21Inyama yake iyonakala ekubonweni; aze amatambo ake, abe engenakubonwa. 22Wandule umpefumlo wake usondele emnxunyeni, nobomi bake kubabubisi. 23Ukuba kuko ngakuye umtunywa, umca̔zeli, emnye pakati kwewaka, kuze kushunyayelwe emntwini imfaneleko yake; 24uya kwandula ukumpata ngofefe, ati: Mkulule angehli ukuya emnxunyeni; ndifumene isizi. 25Inyama yake iya kutyeba ngapezu kweyobuntwana; uya kubuyela emihleni yobufana bake. 26Wotandaza kutixo, oya kumbuka; waeya kubona ubuso bake ngomgcobo; ngokuba eya kubuyekeza emntwini ubulungisa bake. 27Wokangela ebantwini, ati: Ndonile, ndatyekisa okulungileyo, kanti akwandinceda luto. 28Ukulule umpefumlo wam ukuba ungehli ukuya emnxunyeni, nobomi bam ukuba bubone ukukanya.
29Bona ke, zonke ezizinto uyazenza utixo, kabini, umhlaumbi katatu, ngasemntwini; 30ukuba abuyise umpefumlo wake emnxunyeni, aze akanyiswe ngokukanya kwabahleliyo.
31Beka indlebe, Jobi! pulapula kum; yiba uti tu, ndandiya kuteta mna. 32Ukuba kuko amazwi, ndipendule ke; teta, ngokuba ndifuna ukukugwebela: 33ukuba akako, zupulapule kum; yiba uti tu, ndandiya kukufundisa ubulumko.