U‐Jobi 23
1WAZA wapendula u‐Jobi, wati: 2Kwa namhla nje isikalazo sam sibuṙaṙa; isibetwa sam sinzima ngapezu kwokugula kwam. 3Andabi ndibe ndisazi apo ndingamfumana kona! ndinge ndisiza kwa sesihlalweni sake. 4Ngendilungiselela ityala lam pambi kwake; nomlomo wam ngendiwuzalisa ngezizatu. 5Ngendiwazi amazwi aya kundipendula ngawo; ndiqonde into aya kuyiteta kum. 6Kungobukulu bamandla na uya kupika nam? Hai ke; uya kubeka amandla kum. 7Apo ke olungisayo angapikisana naye; ngako ngendigqibela ukusinda emgwebini wam. 8Bona ke, ndiya ngasempumalanga, kodwa akako kona; nangasentshonalanga, kodwa andingemqiqe; 9ngasenode, apo asebenzela kona, kodwa andingemkangele: uyazisibekelisa ngasesuyide, ukuba andingembone.
10Kodwa uyazi indlela endinayo; akuba endilingile, ndiya kuvela njengegolide. 11Unyawo lwam lubambile umkondo wake; indlela yake ndiyigcinile, andipambukanga ke. 12Umyalelo womlomo wake andimkanga nakuwo; ngapezu kwowam ummiso ndizibekele iziteto zomlomo wake.
13Kodwa uyedwa yena, ngubanina ke ongamnqandayo? oko umpefumlo wake ukukanukayo, uya kukwenza kona. 14Ngokuba eya kufeza okundimiselweyo: zinaye nezininzi izinto ezinjalo. 15Ngako oko ndinevuso pambi kwobuso bake; ndakugqala, ndiyamoyika. 16Ngokuba utixo eyenza butataka intliziyo yam; usomandla uyanditusa: 17ngenxa yokuba bendinganqanyulwa bungekabiko ubumnyama, nokuba engagubungelanga isitokotoko ebusweni bam.
Bible Society of South Africa 1902