U‐Jobi 22
1WANDULA wapendula u‐Elifazi um‐Temani, wati:
2Indoda ingamnceda utixo na, njengokuba olumkileyo ezinceda? 3Kungumhlali kusomandla na ukuba ulungile? kuyinzuzo kusinina, ukuba uzenze indlela zako zifezekile? 4Kungenxa yokukwoyika aya kupika nawe na? wongena nawe ekugwebeni na? 5Asi yenkulu na inkohlakalo yako? nezono zako asi zezingenasipelo na? 6Ngokuba utabatile umbambiso kubazalwana benu kungeko tuba, nabazé ubahlubileyo izivato zabo. 7Ocubukileyo akumsezanga ngamanzi, nolambileyo umvimbile isonka. 8Kanti indoda yamandla umhlaba ubungowayo; nomntu obukiweyo wahlala kuwo. 9Abahlolokazi ubandulule zé, nenkedama ingalo zazo zityunyuzwe. 10Ngako oko uṙauliwe yimigibe; siti isoyiko sikutuse ngokubaqa: 11umhlaumbi bubumnyama, ude ungaboni, ize ingxokolo yamanzi ikugubungele.
12Utixo akasenyangweni yezulu na? kaukangele ukuba pezulu kwenkwenkwezi, ukupakama kwazo! 13Kanti ute: Angati nina utixo ukwazi? Angagweba emva kwesitokotoko na? 14Amafu abungqingqwa ayintsiteliso kuye, ukuba akaboni; uyahamba pezu kwesazinge sezulu. 15Uke wagqala na indlela yakudala, leyo bayinyatelayo abantu abakohlakeleyo? 16ababebanjiwe lingekabiko ixesha nje; umsinga ubugalelwa pezu kwesisekelo sabo: 17ababesiti kutixo: Pambuka kuti: nakanjako: Angenza nto nina usomandla kuti? 18nangona ebenguye owazalisayo izindlu zabo ngobutyebi. Kodwa, iqinga labakohlakeleyo malibe kude kum! 19Bayabona abalungileyo, bavuye ke; omsulwa uyabahleka, esiti: 20Ngenyaniso abasisukeleyo batshatyalalisiwe; nesisalela sabo umlilo usidlile.
21Uz’ uti ke wazane naye, ube noxolo; ngezizinto kuya kuza kuwe okulungileyo. 22Zuwamkele umteto emlonyeni wake, uwabekele amazwi ake entliziyweni yako. 23Nxa ubuyelayo kusomandla, uya kwakiwa; inkohlakalo uya kuyikwelelisa kude ezintenteni zako. 24Uze ubeke igolide pezu kwotuli, neyase‐Ofire pakati kwembokoto zemilanjana: 25waye usomandla eya kuba zigolide zako, nemfumba zesilivere kuwe. 26Ngokuba oko uya kuziyolisa kusomandla, upakamisele kutixo ubuso bako. 27Uya kutandaza kuye, wokuva ke; nezibambiso zako uya kuzifeza. 28Ewe, uya kwahlula into, yaiya kuqiniswa kuwe; napezu kwendlela zako kwokazimla ukukanya. 29Nxa batotyelwa pantsi, woza uti: Kuko ukupakama; waeya kumsindisa okedamileyo. 30Uya kumsindisa ongemsulwa; oya kusindiswa ngobumhlope bezandla zako.
Bible Society of South Africa 1902