U‐Jobi 2
1Kwabuya kwati ngomhla otile, nxa bezayo onyana bakatixo ukuzimisa pambi kwoyehova, weza no‐Satane pakati kwabo ukuzimisa pambi kwoyehova. 2Wayesiti uyehova ku‐Satane: Uvela pina? Wapendula u‐Satane kuyehova, wati: Ekusukasukeni emhlabeni, nasekuhambahambeni kuwo. 3Waza uyehova wati ku‐Satane: Ugqalile na isicaka sam u‐Jobi, ukuba akuko onjengaye emhlabeni, indoda efezekileyo, elungisayo, eyoyikayo utixo, epambukayo enkohlakalweni? osabamba ubunene bake, nangona ubundivusa ngakuye, ukuba ndimtshabalalise kungeko tuba. 4Wapendula u‐Satane kuyehova, wati: Intlonze ngenxa yentlonze, ewe, konke umntu anako wokunika ngenxa yobomi bake. 5Uz’ uti ke kodwa wolule isandla sako, upate amatambo ake nenyama yake, waeya kukugxeka ngasebusweni bako. 6Waza uyehova wati kuye u‐Satane: Bona ke, usesandleni sako; kodwa ubomi bake ubugcine. 7Wandul’ ukupuma u‐Satane ebusweni bukayehova, wambeta u‐Jobi ngamatumba amabi, kwa kuwo umzantsi wonyawo lwake kwada kwaselukakayini lwake. 8Waza watabata icepe, ukuba aziṙwele ngalo; wabehleli pantsi ke pakati kwotutu. 9Wandula umfazi wake wati kuye: Usabamba na ubunene bako? gxeka utixo, ufe ke. 10Wayesiti kuye: Uyateta njengelinye lamagezakazi lisenje njalo ukuteta. Kanene, okulungileyo siya kukwamkela kutixo na, nokubi singakwamkeli yinina? Kuko konke oku akona u‐Jobi ngomlomo wake.
11Kekaloku abahlobo abatatu baka‐Jobi beva bonke obububi abehlelwe bubo, bavela abanye ngabanye ezindaweni zabo, — u‐Elifazi um‐Temani, no‐Biledadi um‐Shuha, no‐Tsofare um‐Nahama; ngokuba bebevumelene ukuza kumku̔za nokumtutuzela. 12Bati bakupakamisa amehlo abo bekude, abamazi; baza bapakamisa ilizwi labo, balila; basuka baṙazula abanye ngabanye ingubo zabo, batshiza utuli pezu kwentloko zabo ngasezulwini. 13Bahlala pantsi ke ndawonye naye emhlabeni imini zasixe̔nxe nobusuku basixe̔nxe, kungeko namnye owateta ilizwi kuye; ngokuba bebebona ubuhlungu bake ukuba bukulu kakulu.
Bible Society of South Africa 1902