1WABUYA wapendula u‐Elifazi um‐Temani, wati:
2Umntu olumkileyo uya kupendula na ngokwazi okungumoya: nombilini wake wowuzalisa na ngomoya wasempumalanga; 3etetelela nje ngamazwi angenakunceda, nangeziteto angezuze nto ngazo? 4Wena kambe uyatshitshisa ulwoyiko; uyabandeza ububedesho pambi kwotixo. 5Ngokuba umlomo wako usifundisa inkohlakalo yako, nakuba uqasha ulwimi lwabanamaqokolo. 6Ngumlomo wako okugwebayo, asi ndim; ewe, owako umlomo uyanqi̔na ngakuwe.
7Ubuzalwa ungumntu wokuqala na? ubuveliswa zingekabiko induli na? 8Wabupulapula esihlelweni sikatixo na? uzibambele wena ubulumko na? 9Yinto nina uyaziyo, esingayazi tina? yinto nina uyiqondayo, engenati yona? 10Kuko kwa lowo oyingwevu nalowo olixego pakati kwetu, egqitisile uyihlo ngobudala nje. 11Zincinane na kuwe izonwabiso zikatixo, nelizwi elitetwayo kakuhle ngakuwe? 12Yinina ukuba intliziyo yako iyakukukulisa? namehlo ako ayapanyazela nina; 13ukuba uwusonga umoya wako ngakuye utixo, nokuba uwapumisa amazwi anjalo emlonyeni wako?
14Yinto nina umntu, ukuba abe ehlambulukile? nozelweyo ngumfazi, ukuba abe elungile? 15Bona ke, akatembi kubo abangcwele bake; nawo amazulu akamhlope emehlweni ake. 16Kancinane kangakananina ngakumbi ke oko kuzondekileyo nokudlubukileyo, — umntu oselayo inkohlakalo njengamanzi?
17Ndokutyela: pulapula kum; oko ndikubonileyo, ndiya kubalisa kona; 18abate abalumkileyo bakushumayela, abakusitelisa, kuvela koyise babo: 19obekunikwa kubo bodwa ilizwe, nxa kungadlulanga owasemzini pakati kwabo.
20Yonke imihla okohlakeleyo uyabulawa bubuhlungu, nenani leminyaka limfihlelwe umbandezeli. 21Intlokoma yezoyikiso isezindlebeni zake: eluxolweni umtimbi uya kumzuma. 22Akakolwa ukuba wobuya ebumnyameni, koko ukuba ulindelwe iṙele. 23Uyapalapalela isonka, esiti: Sipina? uyazi ukuba umhla wobumnyama seulungisiwe ngasesandleni sake. 24Ubunzima noxinezeko ziyamtusa; ziyameyisa njengokumkani olungele ukulwa. 25Ngokuba ebesolula isandla sake ngakuye utixo, wazikalipisa ngakuye usomandla: 26ebembalekela ngentamo, ngembumbulo ezibukubuku zamakaka ake. 27Nakuba abegubungela ubuso bake ngokutyeba kwake, wenza nengxeba zamanqata esinqeni sake: 28uya kuma noko ezixekweni ezitshatyalalisiweyo, ezindlwini ekungeko ohlala kuzo, ezilungele ukufunjiswa. 29Akayi kuba sisityebi, kanjalo ayiyi kumana ibako indyebo yake; imfuyo yabo ayiyi kutwabulukela pezu kwomhlaba. 30Akayi kumka ebumnyameni; ihlumelo lake ilangatye liya kulomisa; woda emke ngomoya womlomo wake.
31Makangatembi kokungendawo ulukuhliwe ngako: ngokuba okungendawo kuya kuba ngumvuzo wake: 32ungekafiki umhla wake kwozalisekiswa; nesebe lake aliyi kuba luhlaza. 33Uya kuvutulula idreyive emuncu yake, njengomti weveyine; nentyatyambo yake uya kuyiwisa, njengomnquma. 34Ngokuba umhlambi womginwa woba budhlolo; nentente zesincwancwaniso umlilo uya kuzigqiba. 35Bayamita ububi, bazale inkohlakalo; umbilini wabo uyalungisa inkohliso.