U‐Jobi 11
1WAZA wapendula u‐Tsofare um‐Nahama, wati:
2Ubuninzi bamazwi abuyi kupendulwa na? nomntu olibelebele uya kugwetyelwa na? 3Ilwimi zako ziya kuwati cwaka amadoda na? wauya kuhleka na, aze angabiko okudanisayo? 4Ngokuba ubusiti: Imfundiso yam imhlope, ndiyingcwele emehlweni ako. 5Kodwa wanga angateta utixo, avule umlomo wake ngakuwe; 6aze akwazise imfihlakalo zobulumko, ukuba zezipindiweyo kokukoyo! Yazi ngoko, ukuba utixo ukwenzele kulityalwe inxenye yenkohlakalo yako.
7Ungati ngokupengulula na ufumane utixo? ungafumana usomandla na kude kube yimfezeko? 8Ipakamile njengezulu nje, yinto nina ungayenzayo? inzulu kwihadesi nje, yinto nina ungayaziyo? 9Ukulinganiswa kwayo kugqitisile umhlaba ngobude; kugqitisile ulwandle ngobubanzi. 10Ukuba uti xafu, avalele, abize intlanganiso, ngubanina ongamnqandayo? 11Ngokuba abantu bokungendawo ebazi yena; nenkohlakalo uyayibona, nakuba kungagqalwayo. 12Ngokuba umntu oliholoholo eswele ukuqonda; ewe umntu uyazalwa enjengetole leqwaṙa lasendle.
13Ukuba uti wena ubekise intliziyo yako, utwabulule izandla zako, ngakuye: 14ukuba inkohlakalo isesandleni sako, yikwelelise kude; nobumenemene ungabuhlalisi ezintenteni zako: 15ngenyaniso oko uya kupakamisa ubuso bako bungenasipako; wauya kwomelela, ungoyiki nokwoyika: 16ngokuba ubunzima uya kubulibala; kwoba njengamanzi adlulileyo ukubukumbula kwako. 17Ewe, ixesha lako liya kupuma linokukanya ngapezu kwemini enkulu; nakuba usongiwe ebumnyameni, uya kuba njengokusa. 18Wauya kunqaba, ngokuba kuya kubako itemba; noko udanileyo, uya kulala ngokunqaba. 19He, woti tyambalala, kungeko namnye oya kukutusa; abaninzi baya kukubungezela. 20Kodwa amehlo abakohlakeleyo aya kupela; bobujelwa yindawo yokupepela; nokutemba kwabo kwoba njengokuqauka kwompefumlo.
Bible Society of South Africa 1902