1EMVENI kwezizinto kube kuko umtendeleko wama‐Juda; waza u‐Yesu wenyukela e‐Yerusaleme. 2Kuko kekaloku e‐Yerusaleme ngakwelegusha isango icibi, eli‐kutwa ngokwama‐Hebere yi‐Beteseda, linazo intendelezo ezintlanu. 3Kuzo ezi bekulele isihlwele esikulu sabayimilwelwe, nemfama, neziqwala, nabashwabeneyo, belinda ukushukuma kwamanzi. 4Ngokuba ibisiti ingelosi ngamaxesha atile yehlela kwelocibi, yazamazamisa amanzi: yena ngoko owangena kuqala emveni kwokuzanyazanyiswa kwamanzi, ebesenzwa epilile, noko wayebanjwa sisifo esinjanina.
5Kwabekuko umntu otile kona obesebulwelweni bake iminyaka yamashumi matatu anesibozo. 6Akuti u‐Yesu wabona lo elele, wazi nokwazi ukuba kwasekukade enjalo, wati kuye: Unga ungenziwa upilile na? 7Wati umlwelwe kuye ukupendula: Nkosi! andinamntu wokuti, xeshekweni azanyazanyiswa amanzi, andihlisele ecibini: kodwa nxa ndizayo mna, omnye uyandipangela ukuhla. 8Wati u‐Yesu kuye: Suka, pata uku̔ko lwako, uhambe. 9Waselesenziwa epilile kwa oko umntu lowo, wapata uku̔ko lwake, wahamba. Kekaloku ibiyisabata ngemini leyo.
10Ayesiti ngoko ama‐Juda kobepilisiwe: Yimini yesabata; akuvunyelwa wena ukuba upate uku̔ko lwako. 11Wati ukuwapendula: Lowo wandipilisayo, oyena wati kum: Pata uku̔ko lwako, uhambe. 12Abuza ngoko kuye ukuti: Ungubanina lamntu owati kuwe: Pata uku̔ko lwako, uhambe? 13Kodwa lowo wapiliswayo ebengazi ukuba ungubanina: ngokuba u‐Yesu ebenyebelezile, isihlwele sisendaweni leyo nje.
14Emveni kwoku u‐Yesu wamfumana etempileni, wati kuye: Kangela, wenziwe upilile: ungabi sona, ukuze ungahlelwa yinto embi kulé. 15Wemka umntu lowo, washumayela kuma‐Juda ukuba ngu‐Yesu owampilisayo.
16Abesiti ke ama‐Juda ngenxa yoku amtshutshisa u‐Yesu, afuna ukumbulala, ngokokuba ezizinto wabezenza ngemini yesabata.
17Kodwa u‐Yesu wati ukuwapendula: Ubawo uyasebenza kwada kwakaloku, nam ndiyasebenza. 18Ngenxa yoku ke ama‐Juda abefuna ngakumbi ukumbulala, ngokokuba wabengayapuli isabata kodwa, koko kanjalo wabesiti utixo ungowake uyise, ezilinganisa notixo nje.
19Wandula wapendula u‐Yesu wati kuwo: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Unyana akangenze nto ngokwake, uyenza into ambona uyise eyenza kupela; ngokuba izinto asukuba ezenza yena lowo, ezi uyazenza kwa njalo nonyana. 20Ngokuba uyise emtanda unyana, ambonise zonke izinto azenzayo yena; waeya kumbonisa imisebenzi emikulu kulé, ukuze niti nqa. 21Ngokuba njengokuba uyise ebavusa abafileyo, abadlise ubomi, kwa njalo nonyana uyabadlisa ubomi abo atandayo ukubadlisa ubomi. 22Ngokuba kanjako uyise engagwebi mntu, koko ukugweba ekunikele konke kunyana; 23ukuze bonke bambeke unyana, njengokuba bembeka uyise. Lowo ungambeki unyana, akambeki uyise owamtumayo.
24Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Oti alive ilizwi lam, akolwe kulowo wanditumayo, unobomi obungunapakade, akezi ekugwetyweni kanjalo, koko epumile ekufeni wangena ebomini. 25Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Ixeshana liyeza, ewe liko ngoku, nxa abafileyo baya kuliva ilizwi lonyana katixo; boti abevayo badle ubomi. 26Ngokuba njengokuba uyise enobomi kuye ngokwake, kwa njalo wanika nonyana ukuba abe nobomi kuye ngokwake: 27wamnika negunya lokuba enze ukugweba nako, ngokokuba engunyana wesintu. 28Ningakuteli nqa oku; ngokuba ixeshana lisiza, ekukulo bonke abasemancw̔abeni baya kuliva ilizwi lake, 29bapume ke; abo bakwenza okulungileyo, ukuya eluvukweni lwobomi; nabo bakwenza okubi, ukuya eluvukweni lwokugwetywa.
30Andingenze nto mna ngokwam; njengokuba ndisiva, ndiyagweba: kanjalo ukugweba kwam kulungile; ngokuba ndingafuni intando yam, koko ndifuna intando kabawo owanditumayo. 31Ukuba ndiyazinqi̔nela ngokwam, ubunqi̔na bam abuyinene. 32Uko omnye onqi̔nayo ngam; ndiyazi ke ukuba ubunqi̔na abunqi̔nayo ngam buyinene.
33Nitumile ku‐Johane, waye yena enqi̔nele inyaniso. 34Kodwa abuveli emntwini ubunqi̔na endibamkelayo mna; koko ezizinto ndiziteta, ukuze nisindiswe. 35Yena lowo ebesiso isibane esivutayo esikanyayo; nani nibe nivuma ukugcoba ngexeshana ekukanyiseni kwake.
36Kodwa ubunqi̔na endinabo mna bukulu kobuka‐Johane: ngokuba imisebenzi endiwanikiweyo ngubawo ukuba ndiyifeze, eyona imisebenzi endiyenzayo, iyanqi̔na ngam, ukuba ubawo unditumile. 37Naye ubawo owanditumayo, yena ngokwake unqi̔nile ngam, ilizwi lake anizanga nilive nakanye, nokubonakala kwake anikubonanga kanjako, 38Nelizwi lake aninalo lona lihlala kuni; ngokuba lowo amtumileyo yena, ningakolwa nguye. 39Pengululani iziba̔lo; ngokuba nina niba ninobomi obungunapakade kuzo: kanjalo zizo ezo eziqi̔nayo ngam. 40Kanti anivumi ukuza kum, ukuze nibe nabo ubomi.
41Andamkeli imbeko kubo abantu. 42Koko ndinazi nina, ukuba utando lukatixo aninalo kuni. 43Ndize mna egameni likabawo, kanti anindamkeli: ukuba omnye uyeza kwelake igama, yena lowo niya kumamkela. 44Ningati nina ukukolwa, nisamkela imbeko abanye kwabanye, nembeko evela kutixo yedwa aniyifuni? 45Ningabi ndiya kuninceteza mna kubawo; kuko onincetezayo, u‐Mosesi, enitemba kuye. 46Ukuba nibe nikolwa ngu‐Mosesi nje, ngeniba nikolwa ndim; ngokuba yena waba̔la ngam. 47Kodwa ukuba anikolwa zimba̔lo zake, noti nina ukukolwa ngamazwi am?