1ILIZWI owalitetayo uyehova ngayo i‐Babilone, nangalo ilizwe lama‐Kaledine, ngo‐Jeremiya umprofite.
2Xelani pakati kwezizwe, nishumayele, nipakamise ibanile; shumayelani, ningasitelisi; yitini: i‐Babilone ibanjiwe, u‐Bele udanisiwe, u‐Merodaki umatisiwe; izitixo zayo zidanisiwe, amadalo ayo amatisiwe. 3Ngokuba sinyuka ngakuyo isizwe sivela enode, esiya kulenza ilizwe layo libe yingcitakalo, kude kungabiko ohlala kulo; kwa nabantu nezilo zisabile, zimkile.
4Ngaleyomihla, nangeloxesha, utsho uyehova, usapo luka‐Sirayeli luya kuza, lona nosapo luka‐Juda kwa kunye; luya kuhamba lumana lulila, noyehova, utixo walo, luya kumfuna. 5Luya kubuzela i‐Ziyone, ubuso balo lubeka ngasendleleni apa, lusiti: Yizani sizibandakanyele kuyehova, ngocebano olungunapakade, olungayi kulityalwa. 6Abantu bam babezigusha ezilahlekileyo, abalusi babo babadungudelisile, babasongele ezintabeni; bemkile entabeni ukuya endulini, balibele indawo yokubutuma kwabo. 7Bonke abebebafumana babadla, nentshaba zabo zati: Asinatyala; ngendawo yokuba bonile ngakuye uyehova, iṙiwa elilungileyo, kwa uyehova, itemba loyise babo.
8Sabani kwa pakati kwe‐Babilone, nipume elizweni lama‐Kaledine, nibe njengenkunzi zebokwe pambi kwemihlambi. 9Ngokuba, bona ke, ndiya kuyivusa, ndiyinyusele ngakuyo i‐Babilone, intlanganiso yezizwe ezikulu zivela ezweni lasenode; zaziya kuzicwangcisa ngakuyo; kwa kona iya kubanjwa; intolo zazo zoba njengezegoṙa elilumkileyo, elingabuyi lizé. 10Kanjalo i‐Kaledine yoba yimpango; bonke abayipangayo baya kukoliswa, utsho uyehova. 11Ngokuba nivuyile, ngokuba nigcobile, nina batimbi belifa lam! ngokuba nidlobile njengetokazi elibulayo, nakonya njengamahashe anamandla; 12udanile unyoko wenu kakulu; lowo owanizalayo unentloni; bona ke, esokupela kwezizwe siyintlango, ilizwe elomileyo, nobala. 13Ngenxa yomsindo kayehova ayiyi kumiwa, koko iya kuba yingcitakalo ipela; bonke abadlulayo ngakuyo i‐Babilone boti nqa, benze amakwelo pezu kwazo zonke izibetwa zayo. 14Zicwangciseni ngakuyo i‐Babilone ngokungqonga, nonke nina batyedayo isipeta! yitoleleni, ningavimbi intolo; ngokuba yonile ngakuye uyehova. 15Memezani ngakuyo ngento engqongayo; inikile isandla sayo; imisekelo yayo iwile, indonga zayo zicitiwe; ngokuba yimpindezelo kayehova le, pindezelani pezu kwayo; njengokuba yenzile yona, nenje njalo kuyo. 16Nqamlani umhlwayeli kuyo i‐Babilone, nalowo upete iṙenqa ngexesha lokuvuna: ngenxa yesiṙele sombandezeli, mabajikele abanye ngabanye ebantwini bakowabo, nabanye ngabanye mabasabele elizweni lakowabo.
17U‐Sirayeli uyigusha ecitekileyo; ingonyama zimgxotile; owokuqala owamdlayo ebengukumkani we‐Asiriya, naló wokupela, u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, unqabile amatambo ake. 18Ngako oko utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kwohlwaya ukumkani we‐Babilone, nelizwe lake, njengokuba ndimohlwayile ukumkani we‐Asiriya. 19Ndandiya kubuyisela u‐Sirayeli entlalweni yake, waeya kudla pezu kwe‐Karamele ne‐Bashane, nompefumlo wake wohlutiswa entabeni yakwa‐Frayime ne‐Gileyadi. 20Ngaleyomihla, nangeloxesha, utsho uyehova, kungafunwa inkohlakalo ka‐Sirayeli, kodwa yoba ingeko, nezono zika‐Juda, kodwa aziyi kufunyanwa; ngokuba ndiya kuxolela abo ndibasalisayo.
21Ngakulo ilizwe le‐Meratayime, nyuka ngakulo, nangakubo abemi base‐Pekodi; citakalisa ulahlele ekutshatyalalisweni emva kwabo, utsho uyehova, wenze ngako konke endikuyaleleyo. 22Kuko intlokoma yokulwa elizweni, neyembujiswa enkulu. 23Sinjanina ukuhlahlwa nokwapulwa isando somhlaba wonke! Injanina i‐Babilone ukuba yinto yokutelwa nqa pakati kwezizwe! 24Ndakutiyela, waṙinciswa kanjako, Babilone! kodwa wena ubungakwazi oko; wabufunyanwa, wabubanjwa kanjalo, ngokuba ubusilwa noyehova. 25Uyehova uvumbulule imbekelo yake, waziku̔pa izixo̔bo zokuṙala kwake; ngokuba inkosi, uyehova wemikosi, inomsebenzi lo elizweni lama‐Kaledine. 26Yizani kuyo nivela esipelweni somhlaba, nqikani amaqonga ayo, yiposeleni njengemfumba, niyilahlele ekutshabalaleni; makungabiko kuyo into eseleyo. 27Sikani zonke inkabi zayo, mazihlele ekuxe̔lweni; kwoba nzima kuzo, ngokuba imini yazo ifikile, ixesha lokwohlwaywa kwazo! 28Ilizwi labasabayo nelabasindayo elizweni le‐Babilone, ukuya kuxela e‐Ziyone impindezelo kayehova, utixo wetu, impindezelo yetempile yake. 29Bizani abatoli ngakuyo i‐Babilone, bonke abatyeda isipeta; yiṙaule ngokunqonga, kuze kungabiko kuyo ukusinda; yivuze njengokwomsebenzi wayo; njengako konke ikwenzileyo, yenzani njalo kuyo: ngokuba yenzile nger̔atshi ngakuye uyehova, ngakuye oyingcwele ka‐Sirayeli. 30Ngako oko amadodana ayo aya kuwa ezitarateni zayo, nawo onke amadoda okulwa ayo obujiswa ngomhla lowo, utsho uyehova. 31Bona ke, ndingakuwe, wena uner̔atshi! itsho inkosi, uyehova wemikosi: ngokuba imini yako ifikile, ixesha endiya kukwohlwaya. 32Waeya kuku̔beka oner̔atshi, awe nokuwa, angabi noya kumsukisa; ndandiya kupemba umlilo ezixekweni zake, oya kuzidla zonke indawo ezimnqongayo.
33Utsho uyehova wemikosi ukuti: Usapo luka‐Sirayeli nosapo luka‐Juda lubandezelwe kunye; kanjalo bonke abalutimbileyo, baqinisa ukulubamba, bala ukulundulula. 34Umkululi walo unamandla, nguyehova wemikosi igama lake; uya kupikisa impikiso yalo ngenyaniso, ukuze anike umhlaba ukupumla, nabemi base‐Babilone abaxalise. 35Iṙele lingakuwo ama‐Kaledine, utsho uyehova, nangakubo abemi base‐Babilone, nangakuzo inkosana zayo, nangakuwo amalumko ayo. 36Iṙele lingakuwo amaxoki, aeya kudola; iṙele lingakuwo amagoṙa ayo, aeya kumata. 37Iṙele lingakuwo amahashe ake, nangakuzo inqwelo zake, nangakubo bonke abantu abadityanisiweyo abapakati kwayo, babeya kuba ngabafazi; iṙele lingakuzo indyebo zayo, zaziya kupangwa. 38Ukwoma kupezu kwamanzi ayo, aeya kutsha; ngokuba lilizwe lemifanekiso eqingqiweyo elo, bayagezela amadalo. 39Ngako oko amaṙamncwa asentlango aya kuhlala nempungutye kona; inciniba ziya kuhlala kuyo nazo; yaingayi kubuya imiwe napakade; kanjako akuyi kuhlalwa kuyo kwisizukulwana ngesizukulwana. 40Njengasekucitweni kwe‐Sodome ne‐Gomora ngutixo, nezixeko ezimelene nazo, utsho uyehova, akuyi kuhlala kona namnye umntu, akuyi kupambukela kuyo namnye unyana womntu kanjako.
41Bona ke, abantu baya kuza bevela enode, kwa isizwe esikulu, nokumkani abaninzi baya kuvuswa emacaleni omhlaba. 42Bapete isipeta nomkonto, babukali, bengenanceba; ilizwi labo liyagquma njengolwandle, bayakwela pezu kwamahashe; sebecwangcisiwe, njengamadoda ecwangciselwe ukulwa, ngakuwe, ntombi yase‐Babilone! 43Ukumkani we‐Babilone uvile udumo lwabo, izandla zake zipolelwe; ututumbelo lumbambile, ubuhlungu njengobomfazi oza kuzala. 44Bona ke, uya kunyuka njengengonyama ekukukumaleni kwe‐Yoredane ngakuyo intlalo enamandla; ngokuba ngepanyazo ndiya kubabalekisa kuyo: kodwa ngubanina umnyulwa endiya kummisela ngakuyo? ngokuba ngubanina ofana nam? ngubanina noya kundibekela ixesha? ngubanina nomalusi lowo oya kuma ebusweni bam?
45Ngako oko yivani icebo likayehova, alicebileyo ngakuyo i‐Babilone; namaqinga ake, awaqingileyo ngakulo ilizwe lama‐Kaledine: ngenyaniso abancinane bomhlambi bobar̔ola; ngenyaniso intlalo yabo yoti nqa pezu kwabo. 46Ngenxa yentlokoma yokubanjwa kwe‐Babilone umhlaba uyangcangcazela, nesikalo siyavakala pakati kwezizwe.