1Sukasukani ezitarateni ze‐Yerusaleme, nikangele ke, nazi, nifune ezinkundleni zayo, ukuba ningafumana umntu na, ukuba kuko na owenzayo okufanelekileyo, ofunayo inyaniso, ndandiya kuyixolela. 2Nokuba baya kuti: Ehleli nje uyehova! bayafunga ngobuxoki noko. 3Yehova! amehlo ako akapezu kwayo inyaniso na? ubabetile, kodwa abavanga ubuhlungu: ubagqibile, kodwa balile ukwamkela ululeko; benzile ubuso babo bube lukuni pezu kwolwalwa, balile ukubuya. 4Ndaza ndati: Okunene aba bangamahlwempu; banyabile, ngokuba bengazi indlela kayehova, isigwebo sotixo wabo. 5Ndohamba ndiye kwabakulu, nditete nabo, ngokuba bona besazi indlela kayehova, isigwebo sotixo wabo: koko aba begqibele ukwapula iyokwe, baqaulile izinxibo. 6Ngako oko ingonyama yasehlatini yobabulala; incu̔ka yokuhlwa yobacita; ingwe yolalela ngakuzo izixeko zabo; bonke abapuma kuzo baya kuqwengwa: ngokuba izigqito zabo zininzi, nempambuko zabo ziyinto enkulu. 7Ndingati nina ukukuxolela oku? usapo lwako lundishiyile, lwafunga okungenguye utixo; nangona bendibahlutisile, baṙexeza noko, bazixinanisa endlwini yengnawokazi. 8Njengenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, bavuka kusasa, bati abanye ngabanye bakonyela abafazi babamelwane babo. 9Andiyi kwohlwaya na ngenxa yezizinto? utsho uyehova; nompefumlo wam awuyi kuzipindezela na pezu kwesizwe esinjengesi? 10Nyukani pezu kwendonga zayo, nitshabalalise, kodwa ningenzi ukugqitywa noko: susani amagatya ayo, ngokuba engengawo a kayehova. 11Ngokuba benzile ngenkohliso kakulu ngakum, indlu ka‐Sirayeli nendlu ka‐Juda, utsho uyehova. 12Bamkanyele uyehova, bati: Asi nguye; ngako ilishwa aliyi kusihlela; asiyi kubona neṙele nendlala: 13abaprofite boba ngumoya, ngokuba ilizwi lingeko kubo; kuya kwenziwa njalo kubo. 14Ngako oko utsho uyehova, utixo wemikosi, ukuti: Ngenxa yokuba niteta elilizwi, bona ke, ndiya kuwenza amazwi am emlonyeni wako umlilo, nabantu aba inkuni, wauya kubadla. 15Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwenu isizwe sivela kude, ndlu ka‐Sirayeli! utsho uyehova; isizwe esinamandla, isizwe esisesakudala, isizwe esinteto ungayi kuyazi, nento siyitetayo akuyi kuyiva. 16Umpongolo waso unjengencw̔aba elivulekileyo; bonke abaso bangamagoṙa. 17Sasiya kudla isivuno sako, nesonka sako, eso bebeya kusidla onyana bako nentombi zako; siya kudla igusha zako nenkomo zako; siya kudla imiti yako yeveyine nemikiwane yako; siya kuhlwempuzisa izixeko zako ezinqatyisiweyo, ezo ubutemba kuzo, ngeṙele. 18Noko, kwa semihleni leyo, utsho uyehova, andiyi kunenzela ukugqitywa.
19Kwakuya kuti, nakutsho ukuti: Kungenxa yanina asenzela zonke ezizinto uyehova, utixo wetu? uya kwandula uti kubo: Njengokuba nishiyile mna, nakonza otixo basemzini elizweni lenu, kwa njalo niya kukonza abasemzini elizweni elingelelenu. 20Xelani oku kwindlu ka‐Yakobi, nikushumayele kwa‐Juda, nisiti: 21Yivani ke oku, nina bantu badolileyo abangenangqondo! abanamehlo, kanti ababoni; abanendlebe, kanti abeva! 22Aniyi kwoyika mna na? utsho uyehova; aniyi kungcangcazela ebusweni bam na, ondibekileyo intlabati ibe ngumda wolwandle, ngommiso ongunapakade, ukuba lungagqiti kuyo? ewe, nakuba amaza alo azamazama, akangeyise; nangona agqumayo, akangegqite kuyo noko. 23Kanti ababantu banentliziyo enenkani engevayo: bapambukile, bemka ke. 24Kanjako abati entliziyweni yabo: Masoyike kambe uyehova, utixo wetu, onikayo imvula, neyapambili neyasemva, ngexesha layo, osigcinelayo iveki ezimiselweyo zokuvuna. 25Izikohlakalo zenu zishenxisile ezizinto, nezono zenu zinqandile okulungileyo kuni. 26Ngokuba kufunyanwa pakati kwabantu bam abakohlakeleyo; bayalalela, njengokuncatama kwabatiyeli; bayabeka umgibe, bayabamba amadoda. 27Njengomgqungu uzele zintaka, kwa njalo izindlu zabo zizele yinkohliso; ngako oko benziwe abakulu nezityebi. 28Batyebile, bayakazimla; ewe, bagqitisile ngezinto zenkohlakalo; ityala abalilungisi, ityala lenkedama, bayatamsanqeleka noko; nebango labasweleyo abaliteteleli. 29Andiyi kwohlwaya na ngenxa yezizinto? utsho uyehova; umpefumlo wam awuyi kuzipindezela na pezu kwesizwe esinjengesi? 30Into yokutelwa nqa neyoyikekileyo yenziwe elizweni: 31abaprofite bayaprofitesha ngobuxoki, nabaperisite banobukosi pantsi kwabo; bati abantu bam batande ukuba kube njalo; kodwa niya kwenza nto nina ekupeleni kwako oko?