1Kekaloku amadoda akwa‐Frayime ebebizelwa ndawonye, awela aya ngasenode, ati ku‐Jefeta: Yinina ukuba wadlula ukuya kulwa ngakulo usapo luka‐Hamoni, ungasibizanga tina siye nawe? indlu yako soyitshisa pezu kwako ngomlilo. 2Wayesiti u‐Jefeta kuwo: Mna nabantu bam sibe sinempikiso enkulu nosapo luka‐Hamoni; ndaza ndabiza nina, kodwa anandisindisa esandleni salo. 3Ndati ndakubona ukuba anandisindisa, ndabeka umpefumlo wam esandleni sam, ndadlula ndaya kulo usapo luka‐Hamoni; waza uyehova walunika esandleni sam: ngako kunganina ukuba ninyukele kum namhla nje, ukuza kulwa nam?
4Wandula u‐Jefeta wahlanganisa onke amadoda ase‐Gileyadi, walwa nama‐Frayime: aza amadoda ase‐Gileyadi abeta ama‐Frayime, ngokuba ebesiti: Nina ningabasindileyo bama‐Frayime; ama‐Gileyadi epakati kwe‐Frayime ne‐Manase nje. 5Kekaloku ama‐Gileyadi apangela ama‐Frayime ukubamba amazibuko ase‐Yoredane: kwaza kwati, nxa abasindileyo bama‐Frayime bati: Mandiwele; andula amadoda ase‐Gileyadi ati kuye: Ungum‐Frayime na? Ukuba wati: Hai; 6andula ati kuye: Yiti ke i‐Shibolete; kodwa wati i‐Sibolete; ngokuba ebengenakulungisa ukuteta njalo. Aza ambamba ambulala ngasemazibukweni ase‐Yoredane. Kwawa ke ngeloxesha kuwo ama‐Frayime amawaka angamashumi mane anamabini.
7Waye u‐Jefeta wagweba o‐Sirayeli iminyaka yamitandatu. Wada wafa u‐Jefeta um‐Gileyadi, wancwatywa ezixekweni zase‐Gileyadi.
8EMVA kwake, u‐Bitsane wase‐Beteleheme wagweba o‐Sirayeli. 9Wayenonyana abamashumi matatu, nentombi ezimashumi matatu, owazendisayo ngapandle, nentombi ezimashumi matatu wazingenisela onyana bake zivela ngapandle. Wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yasixe̔nxe. 10Wada wafa u‐Bitsane, wancw̔atywa e‐Beteleheme.
11Emva kwake, u‐Eloni, um‐Zebulone, wagweba o‐Sirayeli; wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yalishumi. 12Wada u‐Eloni, um‐Zebulone, wafa, wancw̔atywa e‐Ajalone, elizweni lakwa‐Zebulone.
13Emva kwake, u‐Habedoni, unyana ka‐Hilele, um‐Piratone, wagweba o‐Sirayeli. 14Wayenonyana abamashumi mane, nonyana bonyana abamashumi matatu, abakwela pezu kwamatole amaqwaṙashe angamashumi asixe̔nxe: wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yasibozo. 15Wada wafa u‐Habedoni, unyana ka‐Hilele, um‐Piratone, wancw̔atywa e‐Piratone, ezweni lakwa‐Frayime, entabeni yama‐Amaleki.