1KWAZA kwavuka emva kwo‐Abimeleki, ukusindisa o‐Sirayeli, u‐Tola unyana ka‐Puwa, unyana ka‐Dodo, indoda yakwa‐Yisakare; waye yena ehleli e‐Shamire, entabeni yakwa‐Frayime. 2Wagweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mabini anamitatu; wada wafa, wancw̔atywa e‐Shamire.
3Kwavuka emva kwake u‐Yahire, um‐Gileyadi, owagweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mabini anamibini. 4Wabenonyana abamashumi matatu, abakwela pezu kwamatole amaqwaṙashe amashumi matatu, ababenezixeko ezimashumi matatu, ezibiziweyo ngokuti yi‐Havote‐yahire kwada kwanamhla nje, ezisezweni le‐Gileyadi. 5Wada wafa u‐Yahire, wancw̔atywa e‐Kamone.
6Kekaloku usapo luka‐Sirayeli lwabuya lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwakonza o‐Bali, no‐Hashetorete, notixo base‐Siriya, notixo base‐Tsidone, notixo base‐Mowabi, notixo bosapo luka‐Hamoni, notixo bama‐Filistiya, bamshiya uyehova, bengamkonzi. 7Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli, wabatengisa esandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sosapo luka‐Hamoni. 8Balwapula baluncinezela usapo luka‐Sirayeli ngalomnyaka: iminyaka ilishumi elinesibozo beluncinezelwa lwonke usapo luka‐Sirayeli olupesheya kwe‐Yoredane elizweni laba‐Amori, elise‐Gileyadi. 9Kanjako usapo luka‐Hamoni lwawela i‐Yoredane ukuya kulwa kwa ngakubo o‐Juda, nangakubo o‐Benjamine, nangakuyo indlu ka‐Frayime; baza o‐Sirayeli baxinezeka kakulu.
10Lwada usapo luka‐Sirayeli lwakala kuyehova, lusiti: Sonile kuwe, nangokokuba simshiyile utixo wetu, nokuba sibakonzile o‐Bali. 11Waza uyehova wati kulo usapo luka‐Sirayeli: Andinisindisanga na kuwo ama‐Jipete, nakubo aba‐Amori, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya? 12Kanjalo ama‐Tsidone, nama‐Amaleki, nama‐Mahone, ebenibandezela; ndaza ndati, nakukala kum, ndanisindisa esandleni sawo. 13Nindishiyile noko, nabakonza otixo bambi; ngako andiyi kupinda ukunisindisa. 14Hambani nikale kubo otixo enibanyulileyo; mabanincede bona ngexesha loxinezeko lwenu. 15Koko usapo luka‐Sirayeli lwati kuyehova: Sonile; yenza wena kuti njengako konke okulungileyo emehlweni ako; kodwa sisindise ke namhla nje. 16Lwaza lwakwelelisa otixo basemzini kwa pakati kwalo, lwamkonza uyehova: wada umpefumlo wake wadana pezu kwosizi lwo‐Sirayeli.
17Lwandula usapo luka‐Hamoni lwabizelwa ndawonye, lwaya lwati waca e‐Gileyadi. Kanjako usapo luka‐Sirayeli lwahlanganiswa, lwaya lwati waca e‐Mitsipa. 18Baza abantu, inkosi zase‐Gileyadi, bati omnye kwomnye: Ngubanina leyondoda eya kuqala ukulwa ngakulo usapo luka‐Hamoni? yona yoba yintloko pezu kwabo bonke abemi base‐Gileyadi.