1KANJAKO wati uyehova kum: Tabata icwecwe elikulu, uba̔le pezu kwalo ngento yokuba̔la yomntu, ngaye u‐Mahere‐shalali‐hashe‐bazi. 2Ndaza ndatabatela kum amanqi̔na anyanisekileyo, u‐Huriya umperisite, no‐Zekariya unyana ka‐Yeberekiya. 3Ndaza ndasondela kumprofitekazi, owamitayo, wazala unyana. Wayesiti uyehova kum: Mbize ngegama elingu‐Mahere‐shalali‐hashe‐bazi. 4Ngokuba, engekazi lomntwana ukubiza ngokuti, Bawo! nokuti, Ma! kuya kufuduswa ubutyebi base‐Damakusi, nempango yase‐Samariya, pambi kwokumkani we‐Asiriya.
5Ubuye wateta uyehova kum kanjako, esiti: 6Ngokokuba ababantu bedela amanzi e‐Siloha, ahambayo kuhle, benokuvuya ku‐Retsine nakunyana ka‐Remaliya; 7kukona, bona ke, inkosi iya kunyusa pezu kwabo amanzi omlambo, amakulu nanamandla, — ukumkani we‐Asiriya nabo bonke ababungcwalisa bake; wauya kunyukela pezu kwayo yonke imijelo yawo, ugqitele zonke indonga zawo; 8uya kudlulela e‐Juda; wokukula, ucande nokucanda; wofikelela entanyeni: kanjalo ukwolulwa kwamapiko ake kwozalisa ububanzi belizwe lako, Yimanuweli!
9Ngxolani, nina zizwe! niya kutiwa shwaqe noko; nibeke indlebe, nonke nina mazwe akude! zibinqeni, niya kutiwa shwaqe noko; zibinqeni, niya kutiwa shwaqe noko. 10Nikani icebo, lotshabalala noko; tetani ilizwi, aliyi kuma noko: ngokuba utixo enati.
11Ngokuba wabesitsho uyehova kum, ngokuqu̔ba kwamandla, wandiyala ukuba ndingahambi endleleni yababantu, esiti: 12Aniyi kuti: Kuko utelelano, ngako konke abaya kuti ngako ababantu: Kuko utelelano; nize ningoyiki ngokwoyika kwabo, ningankwantyi kanjako. 13Uyehova wemikosi yena niya kumngcwalisa: nguye oya kuba kukwoyika kwako, nguye oya kuba kukunkwantya kwako. 14Ngokuba eya kuba yindawo eyingcwele; kodwa woba lilitye lokuku̔bekisa, nolwalwa lwokuwisa, kuzo izindlu zombini zo‐Sirayeli; woba ngumgibe nesisinga kubo abemi base‐Yerusaleme. 15Baninzi abaya kuku̔beka ngazo, bawe, bapulwe nokwapulwa; nabaya kutiyelwa, babanjwe nokubanjwa.
16Bopa isinqi̔nelo; wuncamatiselele abafundiswa bam umteto. 17Ndiya kulinda uyehova, ofihlayo ubuso bake kwindlu ka‐Yakobi, ndokangela yena. 18Bona ke, mna nabantwana endibapiweyo nguyehova wemikosi, simiselwe imiqondiso nemimangaliso kwa‐Sirayeli, nguyehova wemikosi, omiyo entabeni ye‐Ziyone. 19Kanjako xeshekweni baya kuti kuni: Funani kwabenzelana nemishologu nakumatola, abasebezayo, abadumzelayo; yitini: Abantu ngebengafuni na kutixo wabo? ngebefunela abahleliyo kubafileyo na? 20Makuyiwe emtetweni nasesinqi̔nweni! ukuba abateti njengelilizwi, akuyi kubako ukusa kubo.
21Babeya kucanda kulo, bebandezekile, belambile nokulamba; kwakuya kuti, xeshekweni bevayo ukulamba, boziqumbisa, batuke ukumkani wabo notixo wabo, babeke ngapezulu. 22Baya kukangela nasemhlabeni; kanti nabuya ubunzima nobumnyama; bosibekelelwa sisitukutezi, bagxotelwe esitokotokweni.